Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ismail Sen/Anadolu Agency via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Kwenzeke Iinyikima ETurkey NaseSyria—Ithini IBhayibhile?

Kwenzeke Iinyikima ETurkey NaseSyria—Ithini IBhayibhile?

 Nge-6 kaFebruwari 2023, ebingoMvulo, kwenzeke iinyikima ezenze umonakalo omkhulu eTurkey naseSyria.

  •   “Kule nyikima inkulu, kuye kwasweleka abantu abangaphezu kwabayi-3 700 eTurkey nakumntla ntshona waseSyria ngoMvulo. Yenzeke kubanda kakhulu ibe loo nto yenze kwanzima nakakhulu kwabo bonzakeleyo nabalahlekelwe ngamakhaya abo. Ngenxa yemozulu, enye into ebinzima kukufumana abanye abantu abonzakeleyo.”—Iindaba zeReuters, ngoFebruwari 6, 2023.

 Sibabuhlungu kakhulu xa sisiva izinto ezinje. Ngamaxesha anje, oyena mntu unokusinceda nguYehova ‘onguThixo wayo yonke intuthuzelo.’ (2 Korinte 1:3) ‘Usithuthuzela ngeZibhalo ezisinceda sibe nethemba.’—Roma 15:4.

 EBhayibhileni sifunda:

  •   • Into eyachazwa kudala ngeenyikima.

  •   Into enokusithuthuzela ize isinike ithemba.

  •   Indlela uThixo aza kuziphelisa ngayo izinto ezibuhlungu.

 Ukuze wazi ukuba iBhayibhile ithini ngezi zinto, funda la manqaku:

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.