Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Halfpoint Images/Moment via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Kulumkiswa Ngeengxaki Ezenziwa Ziiwebhsayithi Zokuncokola Kubantu Abasebatsha—Ithini IBhayibhile?

Kulumkiswa Ngeengxaki Ezenziwa Ziiwebhsayithi Zokuncokola Kubantu Abasebatsha—Ithini IBhayibhile?

 Nge-23 kaMeyi 2023, umntu waseburhulumenteni osebenza ngezempilo eUnited States uye walumkisa abantu ngokuba iiwebhsayithi zokuncokola zibafak’ engxakini abantu abaninzi abasebatsha.

  •   “Nangona iiwebhsayithi zokuncokola zinokubanceda abantu abasebatsha, kukho ubungqina obuninzi obubonisa ukuba ziyabonzakalisa abantwana abaninzi, zibenze bagule baze bangonwabi.”—Kwincwadi ethi Social Media and Youth Mental Health: The U.S. Surgeon General’s Advisory, ngo-2023.

 Le ncwadi inamacebiso ibonise uphando olucacisa ukuba kutheni le nto ibalulekile.

  •   Abantwana abana-12 ukuya ku-15 “abasebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola iiyure ezingaphezu kweziyi-3 ngosuku banokuba nezigulo ezifana nedepression nokuba nexhala kakhulu (ianxiety).”

  •   Xa abantwana abana-14, “besebenzisa kakhulu iiwebhsayithi zokuncokola, baye bangalali ngokwaneleyo, baphathwa kakubi kwi-intanethi, abayithandi imizimba yabo nendlela ababukeka ngayo, baziva bengabalulekanga ibe bengonwabanga. Kubonakala ukuba le nto yenzeka kakhulu kumantombazana ngaphezu kwabafana.”

 Abazali bangabakhusela njani abantwana babo kwezi ngxaki? IBhayibhile inamacebiso anokubanceda.

Izinto abazali abanokuzenza

 Yiqonde kakuhle le nto uze umncede. Njengomzali, cinga ngeengxaki ezisenokuvela uze ugqibe ukuba uyafuna na ukuba umntwana wakho asebenzise iiwebhsayithi zokuncokola.

 Ukuba uyamvumela umntwana wakho ukuba asebenzise iiwebhsayithi zokuncokola, zazi iingxaki asenokudibana nazo nezinto azenzayo kwi-intanethi. Unokuyenza njani loo nto?

 Khusela umntwana wakho kwizinto ezimbi. Mncede azazi izinto ezinokuba yingozi kwiiwebhsayithi zokuncokola aze aziphephe.

 Gqiba ngendlela aza kuzisebenzisa ngayo. Ngokomzekelo, beka umthetho wokuba angazisebenzisa ixesha elingakanani ibe nini iiwebhsayithi zokuncokola.

  •   Umgaqo weBhayibhile: “Hlalani nizigadile ukuba . . . izinto . . . nizenze njengezilumko, nilisebenzise kakuhle ixesha.”—Efese 5:15, 16.

  •   Sebenzisa ividiyo ethi Zisebenzise Kakuhle IiWebhsayithi Zokuncokola ukuze uncede umntwana wakho aqonde ukuba kutheni umbekela imithetho ngendlela yokuzisebenzisa.