Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Kusweleke Abantu Abayi-6 Miliyoni Ngenxa YeKhorona—Ithini IBhayibhile?

Kusweleke Abantu Abayi-6 Miliyoni Ngenxa YeKhorona—Ithini IBhayibhile?

 IWorld Health Organization ithi ukuza kutsho ngo-Meyi 23, 2022, kusweleke abantu abayi-6.27 miliyoni ngenxa yeKhorona. Ngo-Meyi 5, 2022, yathi kwiindaba kusenokwenzeka ukuba abantu abaswelekileyo baninzi kakhulu kuneli nani. Yathi ngo-2020 nango-2021, “abantu abaswelekileyo ngenxa yekhorona . . . bamalunga ne-14.9 miliyoni.” Ithini iBhayibhile ngezi zinto zibuhlungu zenzekayo?

IBhayibhile yachaza ukuba kuza kubakho izifo ezibulalayo

  •    UYesu wathi kuza kubakho izinto ezoyikekayo “nezifo ezingubhubhani” ezininzi “ngemihla yokugqibela.”—Luka 21:11; 2 Timoti 3:1.

 Le nto yathethwa nguYesu iyenzeka namhlanje. Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Yiyiphi Imiqondiso ‘Yemihla Yokugqibela’ Okanye ‘Eyexesha Lesiphelo’?

IBhayibhile inezinto ezithuthuzelayo

  •    “UThixo . . . wayo yonke intuthuzelo, osithuthuzelayo kubo bonke ubunzima esijongene nabo.”—2 Korinte 1:3, 4.

 Abantu abaswelekelwe ngabantu ababathandayo baye bathuthuzelwa yiBhayibhile. Funda nezinye izinto kwinqaku elithi “Iindlela Zokunyamezela Intlungu Yokuswelekelwa—Nazi Izinto Onokuzenza” nelithi “Ezona Zinto Zinokunceda Abantu Abakwintlungu Yokuswelekelwa.“

IBhayibhile Ichaza Into Enokuphelisa Yonke Le Nto

  •    “Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10.

 Kungekudala “uBukumkani bukaThixo” buza kuqinisekisa ukuba “akakho umhlali wakhona oza kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Marko 1:14, 15; Isaya 33:24) Bukela ividiyo ethi Yintoni UBukumkani BukaThixo? ukuze ufunde ngoburhulumente basezulwini nezinto obuza kuzenza.

 Siyakukhuthaza ukuba ufunde nezinye izinto ezithethwa yiBhayibhile ukuze wena nentsapho nifumane amacebiso anokuninceda nezithembiso ezivuyisayo.