Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

hadynyah/E+ via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ukunqaba Kokutya Emhlabeni Ngenxa Yemfazwe Nemozulu—Ithini IBhayibhile?

Ukunqaba Kokutya Emhlabeni Ngenxa Yemfazwe Nemozulu—Ithini IBhayibhile?

 Imfazwe yaseUkraine nokutshintsha kwemozulu, kusaqhubeka kuzimosha kakhulu iindawo ezenza ukutya emhlabeni. Le nto yenzeka kakhulu kwiindawo apho abantu abaninzi basokolayo ukufumana ukutya okwaneleyo.

  •   “Ukubakho nokwenziwa kokutya kuphazanyiswa yimilo, ukutshintsha kwemozulu nokudura kombane nezinye izinto.”—UAntónio Guterres, ongunobhala-jikelele weUN, ngoJulayi 17, 2023.

  •   “IRashiya iyekile ukuncedisa ekuhanjisweni kwengqolowa esuka eUkraine. Iingcali zicinga ukuba le nto iza kwenza ukutya kunqabe nakakhulu emhlabeni wonke ibe kuza kudura kakhulu kumazwe asokolayo, ingakumbi eMntla Afrika naseMiddle East.”—Iindaba zeAtalayar.com, ngoJulayi 23, 2023.

 Jonga ukuba iBhayibhile ithini ngokunqaba kokutya nezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.

IBhayibhile yachaza kwakudala ukuba kuzonqaba ukutya

  •   UYesu waprofeta wathi: “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe, yaye kuza kubakho indlala.”Mateyu 24:7.

  •   Incwadi eseBhayibhileni, iSityhilelo, ithetha ngabaqhubi bamahashe abane. Omnye wabo umela iimfazwe. Ulandelwa ngomela indlala. Ngelo xesha ukutya kuza kube kunqabile ibe kuthengiswa ngemali eninzi. “Ndabona ihashe elimnyama. Lowo wayekhwele kulo wayephethe isikali sokulinganisa, ngesandla. Ndeva isandi esingathi lilizwi, . . . Lathi, ‘Isitya sengqolowa singangomvuzo wemini enye; izitya ezithathu zamazimba [irhasi] zingangomvuzo wemini enye.’”—ISityhilelo 6:5, 6, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

 Ezi ziprofeto zokunqaba kokutya ziyenzeka ngoku, kweli xesha iBhayibhile ilibiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Ukuze ufunde nezinye izinto “ngemihla yokugqibela” nangabakhweli bamahashe abane abakwiSityhilelo, bukela ividiyo ethi Ukususela Ngo-1914, Ihlabathi Latshintsha uze ufunde inqaku elithi “Abakhweli Bamahashe Abane—Ngoobani?

IBhayibhile inganceda njani?

  •   IBhayibhile inamacebiso asebenzayo anokusinceda sikwazi ukumelana nobunzima obufana nokunqaba kokutya okanye ukudura kwako. Jonga imizekelo kweli nqaku lithi “Indlela Yokuphila Ngemali Encinci.”

  •   IBhayibhile isinika nethemba lokuba izinto ziza kuba bhetele. Ithi kuza ixesha apho “kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni” ibe wonke umntu uza kuba nokutya okuninzi. (INdumiso 72:16) Ukuze ufunde nezinye izinto ngeli themba lekamva nokuba kutheni unokulithemba, funda inqaku elithi, “Ithemba Lokuba Izinto Ziseza Kuba Bhetele.”