Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Manuel Reino Berengui/DeFodi Images via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ngaba Ibhola Yasehlabathini Lonke Ingabamanyanisa Abantu?—Ithini IBhayibhile?

Ngaba Ibhola Yasehlabathini Lonke Ingabamanyanisa Abantu?—Ithini IBhayibhile?

 Kuqikelelwa ukuba bayi-5 bhiliyoni abantu ababukela iNdebe Yehlabathi yeFIFA eqale nge-20 kaNovemba eza kuphela nge-18 kaDisemba 2022. Abantu abaninzi bacinga ukuba imidlalo efana nale ayizukuphelela nje ekumanyaniseni abantu abayibukelayo, kodwa inokunceda kwizinto ezininzi.

  •   “Imidlalo ingayitshintsha indlela ihlabathi elizenza ngayo izinto. Ingakwazi ukukhuthaza abantu ibe ingabamanyanisa ukogqitha ezinye izinto.”—UNelson Mandela, owayengumongameli waseMzantsi Afrika.

  •   “Ibhola . . . yenza abantu badibane ngenxa yokuba benethemba, bevuya kakhulu, benothando nangona bengafani.”—UGianni Infantino, umongameli weFIFA. a

 Ngaba iNdebe Yehlabathi okanye eminye imidlalo ingakwazi nyhani ukuzenza ezi zinto? Ngaba likhona ithemba lokuba kungaze kubekho uxolo baze abantu bamanyane?

Ngaba nyhani ibhola ingabamanyanisa abantu?

 INdebe Yehlabathi yakulo nyaka yenze abantu bacinga nangezinye izinto. Le midlalo yenze abantu bathetha ngeemeko zendlela esiphila ngayo, ezepolitiki, amalungelo abantu, ucalucalulo, neengxaki zemali.

 Baninzi abantu abakuvuyela kakhulu ukubukela imidlalo yasehlabathini lonke efana neNdebe Yehlabathi. Kodwa, nangona abantu abaninzi befuna ukuba le midlalo ibamanyanise ngokupheleleyo, ayinakwenzeka loo nto. Kuba benza izinto ezibonisa ukuba banomkhethe ibe kuyabonakala nyhani ukuba siphila kwixesha iBhayibhile ethi ‘yimihla yokugqibela.’—2 Timoti 3:1-5.

Ithemba lokumanyana kwehlabathi

 IBhayibhile ithembisa ukuba abantu baseza kumanyana emhlabeni wonke. Ithembisa ukuba xa kulawula urhulumente wasezulwini obizwa ngokuba ‘buBukumkani bukaThixo’ bonke abantu emhlabeni baza kumanyana.—Luka 4:43; Mateyu 6:10.

 UKumkani wobo Bukumkani, uYesu Kristu, uza kuqinisekisa ukuba kukho uxolo emhlabeni wonke. IBhayibhile ithi:

  •   “Kuza kuhlala kukho uxolo kuyo yonke indawo.”—INdumiso 72:7.

  •   “Kuba uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo . . . Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.”—INdumiso 72:12, 14.

 Nanamhlanje, izinto ezafundiswa nguYesu sele zimanyanise abantu abaninzi abakumazwe ayi-239. Abo bantu abasabacaphukeli abantu abangafaniyo nabo. Ukuze ufunde nezinye izinto, funda amanqaku akumxholo othi “Ukuphelisa Inzondo Eqhubekayo.”

a IFédération Internationale de Football Association, iqela lebhola yasehlabathini lonke.