Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela UThixo Abakhathalele Ngayo Abantu Abangevayo

Indlela UThixo Abakhathalele Ngayo Abantu Abangevayo

 Namhlanje kukho abantu abangevayo abamalunga ne-70 miliyon emhlabeni wonke, ibe njengokuba intetho yezandla ikho ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-200, abaninzi basebenzisa zona. Okubuhlungu kukuba, ngamanye amaxesha abantu abangevayo baphathwa kakubi ngabanye, njengoko le ngxelo ilandeleyo ibonisa:

  •   “Emhlabeni, amalungelo abantu abangevayo awakhathalelwanga.”—Umbutho ekuthiwa yiNational Association of the Deaf (U.S.).

  •   “Kumazwe asokolayo, abantu abangevayo ngabona bangamahlwempu, abafumani mfundo ibafaneleyo, umsebenzi nezinye izinto abazidingayo.”—Umbutho ekuthiwa yiWorld Federation of the Deaf.

 UThixo ubajonga njani abantu abangevayo? Ithini iBhayibhile ngabo? AmaNgqina kaYehova abanceda njani namhlanje?

Indlela UThixo Abajonga Ngayo Abantu Abangevayo

 IBhayibhile ithi uYehova a uThixo uyabakhathalela abantu abangevayo. Ufuna baphathwe kakuhle, ibe izinto abafundisa zona zibancede.

 Isibhalo: “Umele ungamqalekisi umntu ongevayo.”—Levitikus 19:14.

 Le nto ithetha ukuba: UMthetho uYehova awawunika amaSirayeli wawukhusela nabantu abangevayo.

 Isibhalo: “UThixo akakhethi.”—IZenzo 10:34.

 Le nto ithetha ukuba: UYehova ukhathalele bonke abantu abaneemvelaphi neelwimi ezahlukeneyo, nabantu abangevayo.

 Isibhalo: “UYesu waya kufundisa  . . , eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.”—Mateyu 9:35.

 Le nto ithetha ukuba: UYesu weza emhlabeni ukuze afundise abantu ngoBukumkani bukaThixo, nangezinto obuza kuzenzela bonke abantu—kuquka abantu abangevayo.—Mateyu 6:10.

 Isibhalo: UYesu wenza “kwanabantu abangevayo beve, nabangathethiyo bathethe.”—Marko 7:37.

 Le nto ithetha ukuba: UYesu wabonisa izinto eziza kwenziwa buBukumkani bukaThixo xa abantu abangevayo beza kukwazi ukubona nokuthetha. Ngeloo xesha, uYesu wasebenzisa izandla ukuze athethe nendoda eyayingeva ngaphambi kokuba ayincede ikwazi ukuva nokuthetha.—Marko 7:31-35.

 Isibhalo: “Zivulwe neendlebe zabantu abangevayo.”—Isaya 35:5.

 Le nto ithetha ukuba: UYehova wachaza kwangaphambili ukuba abantu abangevayo baza kuva.—Isaya 29:18.

AmaNgqina KaYehova Abanceda Njani Abantu Abangevayo Namhlanje?

 Emhlabeni wonke, amaNgqina kaYehova ashumayela ngezinto uThixo azithembisayo kubantu abangevayo. Siwenza njani lo msebenzi? Siguqulela iiBhayibhile neevidiyo ezifundisa ngeBhayibhile ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-100 zentetho yezandla. Kwakhona sifundisa abantu ngeBhayibhile siqhube neentlanganiso ngentetho yezandla. Yonke le nto siyenza mahala kubo bonke abo bafuna ukuncedwa nguThixo. Ngoba? Ngenxa yokuba uYesu wathi: “Sanukubhatalisa mntu, kuba nani anibhatalanga.”—Mateyu 10:8.

 Ungazifumana ezi zinto kwi-intanethi okanye uzidawunlowde efowunini yakho:

 I-JW.ORG. Cofa ulwimi phezulu kwiwebhsayithi ukuze ukhethe olo lwimi ulufunayo lwentetho yezandla.

 I-App yeJW Library Sign Language. Faka le app yamahala kwifowuni yakho. Uza kutsho ukwazi ukudawunlowda uze ubukele iividiyo zentetho yezandla.

Zeziphi Izinto Esinazo Ezifundisa NgeBhayibhile?

 IBhayibhile yentetho yezandla. INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yaba yiBhayibhile yokuqala epheleleyo ngeNtetho Yezandla YaseMerika. Ngoku iNguqulelo Yehlabathi Elitsha epheleleyo okanye iinxalenye zayo ziyafumaneka ngentetho yezandla, ibe kubakho nezinye iilwimi ezongezwayo nyaka ngamnye. (Ukuze ubone nezinye iilwimi okanye ubukele iBhayibhile kwi-intanethi, jonga ibhokisi “ INguqulelo Yehlabathi Elitsha iBhayibhile Yentetho Yezandla.”)

  •   Ukuze ufunde ngomsebenzi owenziwayo wokuvelisa iBhayibhile yentetho yezandla, bukela ividiyo ethi iNguqulelo Yehlabathi Elitsha Epheleleyo Ifumaneka Ngentetho Yezandla YaseMerika.

  •   Ukuze ube namava amnandi okufunda iBhayibhile, faka i-app ethi JW Library Sign Language. Le app iza kukunceda ukwazi ukukhetha iivesi ezithile kwiBhayibhile yentetho yezandla.

  •   UDmytro noVita ngabazali abangevayo, bona abantwana babo bayeva. Jonga indlela intsapho yakhe encedakala ngayo ngokubukela qho iBhayibhile yentetho yezandla.

 Iividiyo ezifundisa ngeBhayibhile. AmaNgqina kaYehova aneevidiyo zentetho yezandla ezinceda aba bantu bazi baze benze izinto ezicetyiswa yiBhayibhile . . .

 Ukufundiswa ngumntu iBhayibhile. Ncedwa ngumntu ukuze ufunde iBhayibhile ngentetho yezandla ngexesha olifunayo. Cela ukuboniswa ukuba yenziwa njani lento yokufundiswa iBhayibhile mahala.

 UJeson Senajonon uhlala kwiiPhilippines. Jonga indlela ukufunda iBhayibhile ekumncede ngayo waba nobuhlobo obusondeleyo noThixo.

 UMario Antúnez wayengumfundisi wecawe eHonduras. Jonga indlela awafumana ngayo iimpendulo zemibuzo awayenayo eBhayibhileni, njengokuba ebalisa ibali lakhe elithi, “Ndandinemibuzo Emininzi.”

 Iintlanganiso neendibano. Sinamabandla namaqela entetho yezandla emhlabeni wonke, apho abantu abangevayo baye badibane bakhonze, baze bafundiswe veki nganye. Siba nazo neendibano ezifundisa ngeBhayibhile qho ngonyaka. Kwiintlanganiso nakwiindibano, sinceda abantu sisebenzisa intetho yezandla ekuthiwa yitactile enceda abantu abangevayo nabangaboniyo. Senza neencwadi zebraille ibe asibhatalisi.

 UJosé Luis Ayala uhlala eMexico. Wazalwa engeva ekuhambeni kwexesha akabona. Funda ngendlela awancedwa ngayo wakwazi naye ukufundisa abanye iBhayibhile.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?