Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Photo by Zhai Yujia/China News Service/VCG via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Izikhukula Ezonzakalisayo—Ithini IBhayibhile?

Izikhukula Ezonzakalisayo—Ithini IBhayibhile?

 Emhlabeni wonke, abantu abaninzi bajongene nezikhukula ezonzakalisayo. Khawuve ezi ngxelo:

  •   “Kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo, kuye kwanetha kakhulu kwidolophu enkulu yaseChina ibe yagqibela kwiminyaka ephantse ibeyi-140 ukunetha ngolo hlobo . . . Le mvula ibiziimililitha eziyi-744.8 ukususela ngoMgqibelo ukuya ngoLwesithathu.”—IiAP News, ngoAgasti 2, 2023.

  •   “NgoLwesine ibilusuku lwesibini inkanyamba uKhanun isenza iimvula nomoya onamandla, ibe kuye kwasweleka abantu ababini. Le nto yenzeke emzantsi weJapan . . . . Kulindeleke ukuba kwiintaba ezikumbindi Taiwan kubekho imvula eza kufika kwiimitha eziyi-0.6.”—Iindaba ZeDeutsche Welle, ngoAgasti 3, 2023.

  •   “ENova Scotia ngempela veki kuye kwakho izikhukula ezibangelwe ziimvula ezinamandla, ngakulwandle lweAtlantic eKhanada ibe sele kuyiminyaka eyi-50 kunganethanga ngolu hlobo.”—IiBBC News, ngoJulayi 24, 2023.

 Ithini iBhayibhile ngezinto ezinje?

Kuyabonakala ukuba ‘yimihla yokugqibela’

 IBhayibhile ibonisa ukuba siphila kwixesha elibizwa ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) UYesu wathi kula maxesha ethu, sasiza kubona “izinto ezoyikekayo.” (Luka 21:11) Ukutshintsha kwemozulu kwenze yambi kakhulu, kwenzeka nezinto ezoyikekayo nesingazilindelanga qho.

Isizathu sokuba sibe nethemba

 IBhayibhile ithi izinto ezoyiyekayo ezenzeka kule mihla yethu zifanele zisenze sibe nethemba. Ngoba? UYesu wathi: “Xa nibona ezi zinto, ze nazi ukuba uBukumkani bukaThixo busondele.”—Luka 21:31; Mateyu 24:3.

 Izinto ezenzekayo zibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo sele buza kuyilawula yonke indalo, nomjikelo wamanzi kanti.—Yobhi 36:27, 28; INdumiso 107:29.

 Ukuze ubone nezinye izinto ngendlela uBukumkani bukaThixo obuza kuzilungisa ngayo iingxaki ezisemhlabeni, funda inqaku elithi “Ngubani Oza Kulungisa Umhlaba?