Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Ithini IBhayibhile Ngokukhonza Imifanekiso?

Ithini IBhayibhile Ngokukhonza Imifanekiso?

 Kwiindaba Zenkonzo YamaKatolika, kuthiwa uPopu Francis ubemi phambi komfanekiso kaMariya “ecimele, futhi ethandazela ngaphakathi.” Le nto yenzeke ngoMatshi 25, 2022, kwinkonzo yaseSt. Peter’s Basilica. “Ebecela uMariya” enze kubekho uxolo. Ezinye iindaba zichaze nokuba “uPopu wenze umthandazo wamaRoma ukuze kusindiswe abantu, ngokukhethekileyo abaseRashiya naseUkraine, ethandaza kuMariya.”

 Ucinga ntoni wena? Ngaba kufanelekile ukuba sisebenzise imifanekiso xa sikhonza okanye sithandaze kuyo? Khawujonge ukuba zithini ezi vesi zeBhayibhile:

  •   “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye into efana nayo nantoni na esemazulwini phezulu, esemhlabeni phantsi, okanye esemanzini phantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kuzo okanye uzikhonze, kuba mna Yehova Thixo wakho, ndinguThixo ofuna umntu azinikele ngokupheleleyo.”—Eksodus 20:4, 5. a

  •   “Izithixo zabo ziyisilivere negolide, zenziwe ngabantu. Zinomlomo, kodwa azithethi; zinamehlo, kodwa aziboni; zineendlebe, kodwa aziva; zinempumlo, kodwa azikwazi kunukisa; zinezandla, kodwa aziphathi; zineenyawo, kodwa azihambi; akuphumi sandi emiqaleni yazo. Abantu abazenzileyo baza kuba njengazo kanye, kube njalo nakwabo bathembele ngazo.”—INdumiso 115:4-8.

  •   “NdinguYehova. Ligama lam elo; ubukhulu bam andibuniki namnye, nozuko lwam andiluniki imifanekiso eqingqiweyo.”—Isaya 42:8.

  •   “Ningaze nikhonze izithixo.”—1 Korinte 10:14.

  •   “Makungabikho nto inidibanisa nezithixo.”—1 Yohane 5:21.

 Ukuze ufunde ezinye izinto ezithethwa yiBhayibhile ngokusebenzisa imifanekiso xa sikhonza, funda inqaku elithi “Okufundiswa YiBhayibhile—Imifanekiso” okanye ubukele ividiyo ethi Ngaba UThixo Ufuna Sisebenzise Imifanekiso Xa Simkhonza?

 Mhlawumbi ungathanda ukuva ukuba iBhayibhile ithini ngale mibuzo:

Photo credit: Vincenzo Pinto/AFP via Getty Images

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?