Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

alashi/DigitalVision Vectors via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Kutheni Abantu Becaphukelana Kangaka?—Ithini IBhayibhile?

Kutheni Abantu Becaphukelana Kangaka?—Ithini IBhayibhile?

 Ezindabeni kusoloko kuthethwa ngeemfazwe, ngabantu abathetha nabenza izinto ezimbi ngenxa yomkhethe. Abanye babaphatha kakubi abantu bamanye amazwe.

  •   “Ngoku kukho abantu abaninzi abathetha kakubi nabanye ngenxa yemfazwe eyenzeka kwaSirayeli naseGaza, ibe loo nto bayenza kakhulu kwiiwebhsayithi zokuncokola. Le nto ibangelwa ngabantu abakhuthaza imfazwe, umlo nokucaphukelana.”—I-The New York Times, ngoNovemba 15, 2023.

  •   “Ukususela nge-7 kaOktobha, baye babaninzi kakhulu abantu abathetha kakubi, abangawuthobeliyo umthetho, nababonisa indlela abacaphukelana ngayo.”—UDennis Francis, ongumongameli weZizwe Ezimanyeneyo, ngoNovemba 3, 2023.

 Ubundlobongela, iimfazwe, abantu abacaphukelanayo nabathetha kakubi kudala babakho. Kangangokuba iBhayibhile ithetha ngabantu bakudala “[ababejolisa] amazwi enkohlakalo njengeentolo” nababethanda imfazwe nobundlobongela. (INdumiso 64:3; 120:7; 140:1) Kodwa iBhayibhile ithi ukucaphukelana kwabantu esikubonayo kule mihla kubonisa into ebalulekileyo.

Ukucaphukelana kwabantu kubonisa ixesha esiphila kulo

 IBhayibhile ichaza izizathu ezimbini ezenza abantu bacaphukelane kule mihla.

  1.  1. Yachaza kwakudala ukuba kuza kubakho ixesha apho “luza kuphola uthando lwabaninzi.” (Mateyu 24:12) Endaweni yokuba abantu bathandane, baza kwenza izinto eziza kubenza bacaphukelane.—2 Timoti 3:1-5.

  2.  2. Indlela abantu abacaphukelana ngayo kule mihla ibangelwa nguSathana uMtyholi. IBhayibhile ithi “lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana.”—1 Yohane 5:19; ISityhilelo 12:9, 12.

 Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba uThixo sele eza kuzisusa zonke izinto ezenza abantu bacaphukelane. Akazukuphelela apho, uza kuyiphelisa yonke intlungu abantu abaye bayiva ngenxa yokucatshukelwa. IBhayibhile ithembisa ukuba:

  •   UThixo “uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”—ISityhilelo 21:4.