Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sean Gladwell/Moment via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Kusetyenziswe Imali Engaphezu Kwe-R39 Triliyon Emkhosini—Ithini IBhayibhile?

Kusetyenziswe Imali Engaphezu Kwe-R39 Triliyon Emkhosini—Ithini IBhayibhile?

 Ngo-2022, urhulumente emhlabeni wonke usebenzise imali engaphezu kwe-R44 035 040 000 000 emkhosini, ibe zange kwasetyenziswa imali engaka ngaphambili. Enye yezona zinto zibangele loo nto yimfazwe eseUkraine. IStockholm International Peace Research Institute ekuthiwa yiSIPRI ikhuphe ingxelo ngoAprili 2023, ethi ngo-2022:

  •   Imali esetyenzisiweyo eYurophu “yonyuke ngo-13 pesenti kula nyaka, nto leyo eqalayo ukwenziwa eYurophu oko kwabakho iimfazwe.”

  •   “ERashiya…imali esetyenzisiweyo yonyuke ngo-9.2 pesenti. Loo nto yenze elilizwe lalelesithathu kumazwe asebenzisa imali kakhulu, njengokuba belikade likwindawo yesihlanu.”

  •   IUnited States iseyeyona ndawo yokuqala esebenzisa imali eninzi emkhosini, “isebenzise imali emalunga no-39 pesenti emkhosini.”

 UGqirha Nan Tian, ebencedisa ekubhaleni ingxelo yeSIPRI uthe, “Into yokuba kule minyaka urhulumente uye esebenzisa imali eninzi kwizinto zeemfazwe ibonisa ukuba eli hlabathi liya lisiba libi kakhulu.”

 IBhayibhile yatsho kudala ukuba oorhulumente abanamandla baza kuxabana bodwa ibe ichaza eyona nto inokuzisa uxolo.

Kwachazwa ukuba ziza kwanda iimfazwe

  •   IBhayibhile ithi siphila kwixesha “lesiphelo.”Daniyeli 8:19.

  •   Incwadi kaDaniyeli yathi ngelo xesha, oorhulumente abanamandla baza kukhuphisana. Aba rhulumente babeza kulwa kuba befuna ukuba negunya elikhulu. Njengokuba besilwa, babeza kusebenzisa izinto ezininzi eziquka “ubutyebi” okanye imali eninzi.—Daniyeli 11:40, 42, 43.

 Ukuze ufunde nezinye izinto ngesi siprofeto sibangela umdla, bukela ividiyo ethi Ukuzaliseka KweziProfeto—UDaniyeli Isahluko 11.

Indlela oluza kubakho ngayo uxolo

  •   IBhayibhile ithi uThixo uza kubasusa bonke oorhulumente babantu. “Uza kumisa ubukumkani obungasoze butshatyalaliswe. Obu bukumkani abuzukudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buza kubutyumza bubuphelise bonke obunye ubukumkani, buze bona buhlale bukho ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.

  •   UYehova a uThixo uza kwenza into abantu abangakwaziyo ukuyenza—uza kuzisa uxolo olungasoze luphele. Njani? UBukumkani bukaThixo obungurhulumente osezulwini, buza kususa zonke izixhobo zokulwa buze buphelise bonke ubundlobongela.—INdumiso 46:8, 9.

 Ukuze ufunde nezinye izinto eziza kwenziwa buBukumkani bukaThixo, funda inqaku elithi “Xa Kulawula UBukumkani BukaThixo ‘Uxolo Luza Kuba Luninzi’

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.