Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

kovop58/stock.adobe.com

HLALANI NITHE QWA!

Ngaba IiOlimpiki Zingabamanyanisa Nyhani Abantu?—Ithini IBhayibhile?

Ngaba IiOlimpiki Zingabamanyanisa Nyhani Abantu?—Ithini IBhayibhile?

 KwiiOlimpiki Zango-2024 Zangehlobo, kuqikelelwa ukuba kuza kubakho abantu abayi-5 bhiliyon abaza kubukela abadlali bakumazwe ayi-206. UThomas Bach ongumongameli weKomiti YeeOlimpiki Yasehlabathini lonke uthe, “Sinethuba lokuya kwimidlalo emanyanisa ihlabathi neyenza kubekho uxolo. Masixhase ezi olimpiki kuba zenzelwe ukuze bonke abantu babe seluxolweni baze bamanyane nangona bengafani.”

 Ngaba iiOlimpiki zingakwazi nyhani ukuyenza le nto? Ngaba likhona ithemba lokuba singaze sibe seluxolweni size simanyane?

Ngaba nyhani zingenza kubekho uxolo nomanyano?

 IiOlimpiki zakulo nyaka zenze abantu bacinga nangezinye izinto. Le midlalo yenze abantu bathetha ngeemeko zendlela esiphila ngayo, ngeepolitiki nezinto ezenza abantu bangamanyani. Ezo zinto ziquka amalungelo abantu, ucalucalulo, nolubangelwa ziinkonzo, nokungaphathwa ngokufanayo kwabantu.

 Abantu bayakuvuyela ukubukela imidlalo yasehlabathini lonke efana neeOlimpiki. Kodwa, kule midlalo abantu benza izinto ezibonisa ukuba banomkhethe kunokuba benze izinto ezenza kubekho uxolo nomanyano.

 IBhayibhile yazichaza kwakudala izinto ezaziza kwenza kube nzima ukuba kubekho uxolo kule mihla. (2 Timoti 3:1-5) Ukuze ufunde nezinye izinto ngesi siprofeto seBhayibhile, funda inqaku elithi “Ngaba IBhayibhile Yayichaze Kwangaphambili Indlela Abantu Abaza Kucinga Baze Bazenze Ngayo Izinto Namhlanje?

Ithemba loxolo nelokumanyana kwehlabathi

 IBhayibhile ithembisa ukuba abantu baseza kumanyana baze babe seluxolweni emhlabeni wonke. Ithembisa ukuba xa kulawula urhulumente wasezulwini obizwa ngokuba ‘buBukumkani bukaThixo,’ bonke abantu emhlabeni baza kumanyana.—Luka 4:43; Mateyu 6:10.

 UKumkani wobo Bukumkani, uYesu Kristu, uza kuqinisekisa ukuba kukho uxolo emhlabeni wonke. IBhayibhile ithi:

  •   “Amalungisa aza kutyatyamba, . . . kuza kuhlala kukho uxolo kuyo yonke indawo.”—INdumiso 72:7.

  •   “Uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo. . . . Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.”—INdumiso 72:12, 14.

 Nanamhlanje, izinto ezafundiswa nguYesu sele zimanyanise abantu abaninzi abakumazwe ayi-239. Abo bantu abasabacaphukeli abantu abangafaniyo nabo. Ukuze uve ukuba njani, funda iMboniselo enomxholo othi, “Ukuphelisa Inzondo Eqhubekayo.”