Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ahmad Gharabli/AFP via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ngaba Oorhulumente Bangakwazi Ukusebenzisana Ukuze Zingabikho Iingxaki Zemozulu?—Ithini IBhayibhile?

Ngaba Oorhulumente Bangakwazi Ukusebenzisana Ukuze Zingabikho Iingxaki Zemozulu?—Ithini IBhayibhile?

 Nge-20 kaNovemba 2022 ebingeCawa, iNtlanganiso yeZizwe Ezimanyeneyo ebizwa ngokuba yiCOP27 yokutshintsha kwemozulu iye yaphela. Abaphathi neengcali ebezikuloo ntlanganiso baye bagqiba ekubeni, banike amazwe asokolayo imali yokulungisa umonakalo owenziwe ziintlekele ezibangelwe yimozulu. Kodwa abantu abaninzi bathi le nto ayizukuyiphelisa ingxaki yokutshintsha kwemozulu.

  •   Nge-19 kaNovemba 2022, uAntónio Guterres, ongunobhala weZizwe Ezimanyeneyo uthe: “Ndiyavuma ukuba sihle esi sigqibo senziweyo sokunceda ngemali xa kwenzeke intlekele, kodwa loo nto ayanelanga . . . Kuba umhlaba uya usonakala kakhulu kangangokuba awunakulungiseka.”

  •   NgoNovemba 20, 2022, uMary Robinson, owayengumongameli waseIreland nowayelwela Amalungelo Abantu kwiZizwe Ezimanyeneyo uthe: “Kungekudala, imozulu isenokutshintsha kakhulu ibe loo nto ingenza izinto ezibuhlungu emhlabeni.”

 Abantu abasebatsha ngabona banexhala kakhulu ngokuba kuza kwenzeka ntoni emhlabeni. Kodwa ke, ngaba oorhulumente bangakwazi ukusebenzisana baze bayenze into abayithembisileyo yokulungisa ukutshintsha kwemozulu? Ithini yona iBhayibhile?

Ngaba amazwe angakwazi ukumanyana aze enze into ephumelelayo?

 IBhayibhile ibonisa ukuba nokuba oorhulumente bangasebenza nzima baze bayilungise kancinci ingxaki yemozulu, abasoze bakwazi ukuyilungisa ngokupheleleyo. Nazi izizathu ezibenza bangakwazi:

  •   “Into egoso ayinakolulwa.”—INtshumayeli 1:15.

     Le nto ithetha ukuba: Oorhulumente abanakukwazi ukwenza yonke into abayifunayo kuba abantu babengadalelwanga ukuba bazilawule. (Yeremiya 10:23) Noba amazwe angakwazi ukumanyana aze asebenzisane, awasoze akwazi ukuzilungisa iingxaki zomhlaba, kungakhathaliseki ukuba azama kangakanani.

  •   “Kuba abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, . . . babe nenkani.”—2 Timoti 3:2, 3.

     Le nto ithetha ukuba: IBhayibhile yayinyanisile xa yathi abantu abaninzi kule mihla yethu baza kuzicingela bodwa baze bangafuni ukusebenzisana ukuze bancede wonke umntu.

Singanalo ithemba

 Into esele iza kwenzeka emhlabeni ayixhomekekanga koorhulumente babantu. UThixo ukhethe oyena Mlawuli ukwaziyo ukwenza izinto ezintle, uYesu Kristu. IBhayibhile ithi ngaye:

  •   “Ukuba ngurhulumente kubekwe emagxeni akhe. Igama lakhe iza kuba nguMcebisi Omangalisayo, uThixo Onamandla, uTata Ongunaphakade, iNkosana Yoxolo.”—Isaya 9:6, umbhalo osemazantsi.

 UYesu nguKumkani woBukumkani bukaThixo obungurhulumente osezulwini. (Mateyu 6:10) Unamandla nobulumko, ibe ufuna nyhani ukukhathalela umhlaba nabantu abahlala kuwo. (INdumiso 72:12, 16) Xa elawula, uza kususa abo “bonakalisa umhlaba” ibe uza kuwulungisa uphinde ubemhle.—ISityhilelo 11:18; Isaya 35:1, 7.

 Ukuze ufunde nezinye izinto ngeyona nto iza kulungisa ingxaki yokutshintsha kwemozulu, funda inqaku elithi “Ukutshintsha Kwemozulu Nexesha Elizayo—Ithini IBhayibhile?