Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

sinceLF/E+ via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ngubani Oza Kukhusela Abantu?—Ithini IBhayibhile?

Ngubani Oza Kukhusela Abantu?—Ithini IBhayibhile?

 IZizwe Ezimanyeneyo zikhuphe ingxelo ethi:

  •   Ukususela ngo-Oktobha 7 ukuya ku-Oktobha 23, 2023, kwimfazwe eseGaza nakwaSirayeli kubulewe abantu abangaphezu kwabayi-6 400, kwaza konzakala abayi-15 200. Abaninzi kubo bebengalwi nokulwa. Enye into, kuye kwanyanzeleka ukuba abaninzi bashiye amakhaya abo.

  •   Ukuza kutsho ngoSeptemba 24, 2023, kubulewe abantu abayi-9 701 kwimfazwe yaseRashiya naseUkraine, kwaza konzakala abayi-17 748 eUkraine.

 IBhayibhile ibathembisa ntoni abo behlelwa zizinto ezibuhlungu ngenxa yemfazwe?

Isizathu sokuba sibe nethemba

 IBhayibhile ithi uThixo uza kuphelisa “iimfazwe emhlabeni wonke.” (INdumiso 46:9) Uza kusebenzisa urhulumente wasezulwini ukuze abasuse bonke oorhulumente babantu. (Daniyeli 2:44) UBukumkani bukaThixo buza kubaphilisa kamnandi abantu.

 Khawujonge ezi zinto ziza kwenziwa nguYesu Kristu, onguKumkani woBukumkani bukaThixo:

  •   “Kuba uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo, abangathathi ntweni nabangenamncedi. Uza kubasizela abangathathi ntweni nabangamahlwempu, uza kusindisa ubomi bamahlwempu. Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela, negazi labo liza kuxabiseka emehlweni akhe.”—INdumiso 72:12-14.

 UThixo uza kusebenzisa uBukumkani bakhe ukuze aphelise izinto ezibuhlungu ezibangelwa ziimfazwe nobundlobongela.

  •   “Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”—ISityhilelo 21:4.

 Kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kuziphelisa zonke iingxaki zomhlaba. IBhayibhile yathi kuza kubakho ‘iimfazwe’ ezenzekayo namhlanje. (Mateyu 24:6) Zonke ezi zinto zenzekayo zibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yokulawula kwabantu.—2 Timoti 3:1.