Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

mustafahacalaki/DigitalVision Vectors via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ngaba Oomatshini Abalinganisa Abantu Bazonceda Okanye Bazomosha?—Ithini IBhayibhile?

Ngaba Oomatshini Abalinganisa Abantu Bazonceda Okanye Bazomosha?—Ithini IBhayibhile?

 Iinkokheli zehlabathi, oososayensi, nabantu beteknoloji baye bathetha ngoomatshini abenziwe ngeekhompyutha ukuze bacinge baze benze izinto njengabantu. Nangona bevuma ukuba benziwe kakuhle, bachaze indlela abanexhala ngayo ngokuba bangasetyenziswa kakubi.

  •   “Aba matshini balinganisa abantu yenye yezinto ezinkulu ezenziwe yiteknoloji kule mihla, ibe bangabuphucula ubomi babantu . . . Nangona kunjalo, banokusenza singakhuseleki kakhulu, amanye amalungelo abantu asenokuphela nezinye izinto, ibe kunokuba nzima kakhulu ukuthemba urhulumente.”—UKamala Harris, ongusekela mongameli waseUnited States, nge-4 kaMeyi 2023.

  •   Nge-9 kaMeyi 2023, iqela loogqirha neengcali zezonyango elikhokelwa nguGqr. Frederik Federspiel, liye lathi, “Nangona aba matshini bebonakala ngathi banokuba luncedo kwezo nyango, bangayimosha impilo yabantu.” Loo nto iphume kwinqaku lemagazini ekuthiwa yiBMJ Global Health. a

  •   “Ezi matshini zingasetyenziselwa ukusasaza ubuxoki. Ibe kungekudala, zinokuyithatha imisebenzi yabantu. Abantu beteknoloji banexhala lokuba ekuhambeni kwexesha, ezi matshini zinokubonzakalisa abantu.”—Iphephandaba ekuthiwa yiThe New York Times, ngoMeyi 1, 2023.

 Njengokuba ixesha lihamba, kuza kucaca ukuba aba matshini abantu baza kubasebenzisela ukuze bancede okanye bonzakalise abanye na. Ithini iBhayibhile?

Izizathu sokuba izinto ezenziwa ngabantu zisenza singakhuseleki

 IBhayibhile ibonisa ukuba kutheni abantu bengenakuqiniseka ukuba izinto abazenza ngeteknoloji ziza kusetyenziselwa ukunceda kuphela.

  1.  1. Naxa abantu besenza izinto abacinga ukuba ziza kunceda, basenokungaboni ukuba ziza kumosha.

    •    “Kukho indlela ebonakala ilungile emntwini, kodwa sibe isiphelo sayo ikukufa.”—IMizekeliso 14:12.

  2.  2. Umntu akanakukwazi ukuyilawula indlela abanye abaza kuwusebenzisa ngayo umsebenzi wakhe.

    •   “Zonke izinto endizisebenzele nzima . . . kufuneka ndizishiyele umntu oza kubakho emva kwam. Ibe ngubani owaziyo ukuba loo mntu uza kuba sisilumko okanye isidenge? Kodwa uza kufumana izinto endizisebenzele nzima phantsi kwelanga.”—INtshumayeli 2:18, 19.

 Le nto yenza kucace ukuba siyakudinga ukukhokelwa nguMdali wethu kuba sisenokungaqiniseki ngezinto esizenzayo.

Eyona nto sinokuyithemba

 UMdali wethu uthembisa ukuba akasoze avumele abantu okanye iteknoloji imoshe umhlaba okanye itshabalalise abantu.

  •   “Umhlaba uhlala ukho ngonaphakade.”—INtshumayeli 1:4.

  •   “Umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.

 EBhayibhileni, uMdali wethu usinika amacebiso anokusinceda siphile kwixesha apho kuza kubakho uxolo size sikhuseleke. Ukuze ufunde nezinye izinto ezithethwa yiBhayibhile, funda inqaku elithi “Yintoni Enokusinceda Sibe Nekamva Eliqinisekileyo?” nelithi “Ithemba Lokuba Izinto Ziseza Kuba Bhetele.”

a Isuka kwinqaku elithi “Threats by Artificial Intelligence to Human Health and Human Existence,” elibhalwe nguFrederik Federspiel, uRuth Mitchell, uAsha Asokan, uCarlos Umana, noDavid McCoy.