Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Rui Almeida Fotografia/Moment via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Kwenziwa Izinto Ezimbi Ngenxa Yeepolitiki—Ithini IBhayibhile?

Kwenziwa Izinto Ezimbi Ngenxa Yeepolitiki—Ithini IBhayibhile?

 Abantu benza izinto ezimbi kakhulu ukuze kubekho utshintsho kwezepolitiki. Ngenxa yaloo nto, abantu emhlabeni wonke banexhala.

  •   EMexico, kubulelwe abantu abakwizikhundla eziphezulu kwiipolitiki abayi-39, kwaza kwenziwa nezinye izinto ezimbi kakhulu kuba kufunwa kubekho utshintsho kwezepolitiki. Le nto ibothusile kakhulu abantu yaza yenza baphazamiseka kuvoto luka-2023-2024.

  •   EYurophu kusandokwenzeka izinto ezininzi ezimbi ngenxa yeepolitiki, kangangokuba kuphantse kwabulawa usosiba jikelele waseSlovakia ngoMeyi 15, 2024.

  •   Abantu baseUnited States bothuke kakhulu kuba nge-13 kaJulayi 2024, kuye kwakho abantu abazama ukubulala uDonald Trump owayekade engumongameli.

 Kutheni kusenzeka izinto ezimbi kangaka ngenxa yeepolitiki? Ngaba ziza kuze ziphele? Ithini iBhayibhile?

Kwakuchazwe kwangaphambili ukuba abantu abazukumanyana ngenxa yeepolitiki

 IBhayibhile yathi kweli xesha, ekuthiwa ‘yimihla yokugqibela,’ abantu abaninzi baza kucinga baze benze izinto ezibangela kubekho iingxabano nobundlobongela.

  •   ‘Ngemihla yokugqibela kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela. Kuba abantu abazukuba nambulelo, bangathembeki, babe nenkani, babe ziindlobongela, bajikele abahlobo babo, bangafuni kumamela mntu, bakhukhumale likratshi.’—2 Timoti 3:1-4.

 IBhayibhile yachaza nokuba izinto eziphazamisayo, ezifana nokubakho kwabantu abalwa norhulumente kunye neengxabano zepolitiki, zaziza kwenzeka qho kweli xesha. (Luka 21:9) Kodwa, izinto ezimbi zeepolitiki nokungamanyani kwabantu kuza kuphela.

Ziza kuphela izinto ezimbi ezenziwa ngenxa yeepolitiki

 IBhayibhile ithi uThixo uza kubasusa bonke oorhulumente babantu aze amisele urhulumente wakhe osezulwini endaweni yabo.

  •   “UThixo wezulu uza kumisa ubukumkani. . . . Buza kubutyumza bubuphelise bonke obunye ubukumkani, buze bona buhlale bukho ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.

 UBukumkani bukaThixo buza kumanyanisa abantu kuze kubekho uxolo emhlabeni wonke.

  •   Umlawuli wabo, uYesu Kristu, “iNkosana Yoxolo,” uza kuqinisekisa ukuba ‘uxolo aluzukuphela.’—Isaya 9:6, 7.

  •   Abo baza kulawulwa bubo sele befunda kwangoku indlela yokuphila ngoxolo. Yiyo lento iBhayibhile isithi: “Ziza kuwakhanda amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizinto zokuthena imithi, uhlanga aluzukuphakamisela uhlanga ikrele, zingaphindi zifunde ukulwa imfazwe.”—Isaya 2:3, 4.

 Ukuze ufunde nezinye izinto, funda inqaku elithi “Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?” uze ubukele ividiyo ethi Yintoni UBukumkani BukaThixo?