HLALANI NITHE QWA!
Ububi Buyanda Emhlabeni Wonke—Ithini IBhayibhile?
Kukho ubundlobongela obenziwa ngamaqela ootsotsi eHaiti. Ubundlobongela nolwaphulo mthetho lubangela intlungu eMzantsi Afrika, eMexico nakwamanye amazwe esiLatini eMerika. Nakwiindawo ezingenabundlobongela kakhulu, abantu bayahlaselwa ezindlini zabo. Loo nto ibangela bazive bengakhuselekanga ibe benexhala.
Ithini iBhayibhile ngokwanda kobubi okuxhaphakileyo emhlabeni wonke?
Into eyathethwa yiBhayibhile ngokwanda kobubi
IBhayibhile yachaza kwangaphambili ukuba ukwanda kobubi yenye yezinto eziza kwenzeka xa “sekuza kupheliswa ihlabathi.” (Mateyu 24:3) Xa wayechaza ngezi zinto uYesu Kristu wathi:
“Ngenxa yokwanda kobubi, luza kuphola uthando lwabaninzi.”—Mateyu 24:12.
Kwakhona iBhayibhile yathi ‘ngemihla yokugqibela abantu abazukwazi ukuzibamba, babe ziindlobongela bangazithandi izinto ezilungileyo.’ (2 Timoti 3:1-5) Ezi zinto zimbi zenzekayo zibangelwa kukwanda kobubi okwenzekayo esibubonayo namhlanje.
Kodwa sinezizathu ezivakalayo zokuba nethemba. IBhayibhile ithembisa ukuba kungekudala sele kuza kuphela ububi.
“Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi; xa ujonga apho bebekho, baza kube bengasekho. Kodwa umhlaba uza kuba ngowabalulamileyo, ibe baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi.”—INdumiso 37:10, 11.
Funda ngethemba eliseBhayibhileni, nangesizathu sokuba uqiniseke ukuba ezi zinto sizibonayo namhlanje zizalisekisa isiprofeto seBhayibhile. Jonga la manqaku alandelayo.
“Ithemba Lokuba Izinto Ziseza Kuba Bhetele”
“Yintoni Ebonisa Ukuba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’ Okanye ‘Kwixesha Lesiphelo’?”