Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Kushushu Ngendlela Engaqhelekanga—Ithini IBhayibhile?

Kushushu Ngendlela Engaqhelekanga—Ithini IBhayibhile?

 Ezindabeni kuye kwachazwa ukuba ngoJulayi 2022, kuye kwashushu ngendlela engaqhelekanga emhlabeni:

  •   “Kule nyanga, eChina kuphinde kwalumkiswa abantu ukuba kuza kubashushu ngendlela engaqhelekanga kwiidolophu eziphantse zibe yi-70.”—Iindaba ZeCNN ngoJulayi 25, 2022.

  •   “Kumazwe amaninzi aseYurophu kuye kwatsha amahlathi ngenxa yobushushu obungaqhelekanga.”—Imagazini ekuthiwa yiThe Guardian ngoJulayi 17, 2022.

  •   “NgeCawa kwiindawo ezininzi eziseUnited States bekushushu ngendlela engaqhelekanga ibe bekuqala ukubashushu ngolwa hlobo. Obu bushushu buqale ngaseMpuma, baya kwiindawo ezingaseMzantsi de bayokufikelela ngaseNtshona.”—Imagazini ekuthiwa yiThe New York Times ngoJulayi 24, 2022.

 Ithetha ukuthini yonke le nto? Ngaba njengokuba ixesha lihamba abantu abazukwazi ukuhlala emhlabeni? Ithini yona iBhayibhile?

Ngaba le ndlela kushushu ngayo yayikhe yachazwa eBhayibhileni?

 Ewe. Obu bushushu bungaqhelekanga busemhlabeni wonke budibana kakuhle nezinto iBhayibhile eyayithe ziza kwenzeka kule mihla yethu. Ngokomzekelo, uYesu waprofeta ukuba kuza kubakho “izinto ezoyikekayo.” (Luka 21:11) Ngenxa yokuba kusiya kuba shushu kakhulu emhlabeni wonke, abaninzi boyika ukuba izinto ezenziwa ngabantu ziza kwenza singakwazi ukuhlala kulo mhlaba.

Ngaba nyhani abantu abazukwazi ukuhlala emhlabeni?

 Hayi. UThixo wadala umhlaba ukuze abantu baphile kuwo ngonaphakade. (INdumiso 115:16; INtshumayeli 1:4) Akazukuvumela abantu ukuba bawonakalise umhlaba. Endaweni yoko, uthembisa ukuba uza ‘batshabalalisa abo bonakalisa umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.

 Khawujonge ezinye izinto uThixo athembisa ukuba uza kuzenza emhlabeni:

  •   “Iza kuvuya intlango nommandla owomileyo, intlango iza konwaba ize ityatyambe.” (Isaya 35:1) UThixo akazukuvumela ukuba umhlaba ube yintlango ibe abantu bangakwazi ukuhlala kuwo. Endaweni yoko, uza kulungisa iindawo ezonakalisiweyo.

  •   “Uyawukhathalela umhlaba, uwenza uchume, futhi utyebe.” (INdumiso 65:9) UThixo uza kuwenza ube yiparadesi umhlaba.

 Ukuze ufunde ngezinto iBhayibhile eyazichazayo ngokutshintsha kwemozulu, funda inqaku elithi “Ukutshintsha Kwemozulu Nexesha Elizayo—Ithini IBhayibhile?

 Ukuze ufunde ezinye izinto ezithethwa yiBhayibhile ngokulungiswa komhlaba, funda inqaku elithi “Ngubani Oza Kulungisa Umhlaba?