Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Ukudura Kwezinto Emhlabeni Wonke—Ithini IBhayibhile?

Ukudura Kwezinto Emhlabeni Wonke—Ithini IBhayibhile?

 Kwingxelo yangoJuni 2022, umphathi weWorld Bank Group uthe, “Kuphinde kwakho iingxaki zemali emhlabeni wonke. Eyona nto kukuba, izinto ezithengiswayo nezinye ezidingekayo ziya zisiba duru ngokukhawuleza, babe abantu bengenayo imali eyaneleyo.”

 I-International Monetary Fund ejongene nemali emhlabeni wonke ithi, “Ipetrol nokutya zonyuke kakhulu ngoku ibe le nto yenze kwanzima nakakhulu kumazwe anabantu abaninzi abasokolayo.”

 IBhayibhile isinceda siqonde ukuba kutheni sineengxaki zemali nokuba yintoni esinokuyenza. Iphinde isinike ithemba lokuba yonke le ngxaki iseza kuphela ngenye imini.

Ukudura kwezinto “ngemihla yokugqibela”

  •   IBhayibhile ithi eli xesha siphila kulo ‘yimihla yokugqibela.’—2 Timoti 3:1.

  •   UYesu wathi kule mihla kuza kwenzeka “izinto ezoyikekayo.” (Luka 21:11) Xa izinto zisiya zisiba duru, abantu baye babe nexhala. Kaloku baye bacinge ngekamva labo nangokuba baza kukwazi na ukondla iintsapho zabo.

  •   Incwadi yeSityhilelo yayichaze kwakudala ukuba ukutya kuza kubiza imali eninzi kule mihla. “Ndeva into engathi lilizwi . . . lisithi, ‘Isixa sengqolowa esingaphezulu kwelitha siza kuxabisa umvuzo wosuku, nezixa ezithathu zerhasi ezingaphezulu kwelitha sisinye, ziza kuxabisa umvuzo wosuku.’”—ISityhilelo 6:6, umbhalo osemazantsi.

 Ukuze ufunde nezinye izinto “ngemihla yokugqibela” nangesiprofeto esikwincwadi yeSityhilelo, bukela ividiyo ethi Ukususela Ngo-1914, Ihlabathi Latshintsha uze ufunde inqaku elithi “Abakhweli Bamahashe Abane—Ngoobani?

Ziza kupheliswa zonke iingxaki zemali

  •   “Baza kwakha izindlu, bahlale kuzo, batyale amasimi eediliya, batye iziqhamo zawo. Abazukwakha kuhlale abanye, bengazukutyala izinto eziza kutyiwa ngabanye.”—Isaya 65:21, 22.

  •   “Kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni; kuphuphume ezincochoyini zeentaba.”—INdumiso 72:16.

  •   “‘Ngenxa yokuba becinezelwe abasentlungwini, ngenxa yokuncwina kwamahlwempu, ndiza kuphakama ndiwalwele,’ utsho uYehova.”—INdumiso 12:5. a

 UThixo uza kuziphelisa zonke iingxaki zemali emhlabeni wonke. Ukuze ubone ukuba uza kuyenza njani loo nto, funda inqaku elithi “Ngaba Umahluko Okhoyo Phakathi Kwabantu Abasokolayo Nezityebi Ungaphela?

 Kodwa nanamhlanje, iBhayibhile ingakunceda njengokuba izinto zisiya zidura kakhulu. Njani? Isinika amacebiso ngendlela esinokuyisebenzisa ngayo imali. (IMizekeliso 23:4, 5; INtshumayeli 7:12) Ukuze ufunde nezinye izinto, funda inqaku elithi “Khusela Imali Yakho Nezinto Onazo” nelithi “Indlela Yokuphila Ngemali Encinci.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.