Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umhlaba owomileyo onomthi omnye kuphela.

HLALANI NITHE QWA!

Ukungabikho Kwemvula—Ithini IBhayibhile?

Ukungabikho Kwemvula—Ithini IBhayibhile?
  •   “EChina kuthiwa ibikokwesithathu inganethi imvula ehlotyeni ibe bekushushu kakhulu.”—IThe Guardian, ngoSeptemba 7, 2022.

  •   “Ngoku iza kuba ngunyaka wesihlanu kunganethi kwezinye iindawo eAfrika.”—Iindaba zeUN, ngoAgasti 26, 2022.

  •   “Kubonakala ngathi akuzunetha kwiindawo ezingaphezu kwehafu eYurophu ibe le nto imbi kangaka yagqibela ukwenzeka kwiminyaka eyi-500.”—Iindaba zeBBC, ngoAgasti 23, 2022.

 Iingcali ezininzi ziqikelela ukuba ukungabikho kwemvula kuza kuqhubeka ibe kuseza kuba nzima. Ngaba likhona ithemba lokuba kuseza kuba bhetele? Ithini yona iBhayibhile?

Ukungabikho kwemvula nento iBhayibhile eyathi iza kwenzeka

 IBhayibhile yathi kwimihla yethu:

  •   “Kuza kubakho . . . indlala . . . kwiindawo ngeendawo.”Luka 21:11.

 Ukungabikho kwamanzi kwenza kubekho indlala. Intlungu nokufa okwenziwa kukunqaba kokutya kwenza kanye into eyathethwa yiBhayibhile.—ISityhilelo 6:6, 8.

Isizathu sokuba iimvula zinqabe

 IBhayibhile isichazela esona sizathu sokuba iimvula zinqabe. Ithi:

  •   “Umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.”Yeremiya 10:23.

 Le nto ithetha ukuba abantu abanakukwazi ‘ukwalathisa’ indlela abamele benze ngayo okanye bazilawule ngokuphumelelayo. Izigqibo abazenzayo ezingafanelekanga zenza kunqabe imvula kuze kungabikho manzi.

  •   Oososayensi abaninzi bayavuma ukuba izinto ezenziwa ngabantu ziye zenza amaqondo obushushu onyuka, ibe loo nto iye yenza akwabikho mvula emhlabeni.

  •   Izinto ezenziwa ngabantu abazicingela bodwa nabo benza iipolisi bengacingi ngekamva ziye zenza kwapheliswa amahlathi, kwangcoliswa umhlaba kwaza kwasetyenziswa indalo kakubi. Ngenxa yaloo nto, imithombo yamanzi iye yanqaba.

 Kodwa iBhayibhile isinika ithemba.

Ngaba likhona ithemba lokuba izinto ziseza kuba bhetele kwixesha elizayo?

 IBhayibhile ithembisa ukuba uThixo uza kuyilungisa ingxaki yamanzi. Njani?

  1.  1. UThixo uza kubatshabalalisa “abo bonakalisa umhlaba.” (ISityhilelo 11:18) Uza kususa eyona nto yenza kunqabe amanzi—abo ngabantu abazicingela bodwa nabenza izinto ezimbi abamosha umhlaba.—2 Timoti 3:1, 2.

  2.  2. “Umhlaba owomiswe bubushushu uza kuba njengechibi elineengcongolo.” (Isaya 35:1, 6, 7) UThixo uza kuwulungisa wonke umonakalo owenziwe kukungabikho kwemvula aze enze le planethi ibe yiparadesi enamanzi amaninzi.

  3.  3. “Uyawukhathalela umhlaba, uwenza uchume, futhi utyebe.” (INdumiso 65:9) Ngenxa yentsikelelo kaThixo, umhlaba uza kugcwala ukutya okumnandi namanzi acocekileyo.