Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithini IBhayibhile Ngokungabikho Kokutya Okwaneleyo?

Ithini IBhayibhile Ngokungabikho Kokutya Okwaneleyo?

 “Indlala iza kuphela tu.” La ngamazwi athethwa ziinkokheli zehlabathi ngokuphathelele ingxaki enkulu ekhoyo emhlabeni wonke—ukungabikho kokutya okwaneleyo. a Ngaba ingenzeka into yokuba emhlabeni wonke kungabikho bantu balambayo? Ithini iBhayibhile?

IBhayibhile yachaza kwakudala ukuba akuzukubakho kutya kwaneleyo

 IBhayibhile yakuchaza kwangaphambili ukungabikho kokutya okwenzekayo ngeli xesha lethu, ibe ikubiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) AyingoThixo obangela ukuba kungabikho kutya kwaneleyo, kodwa uye wasilumkisa ngaloo nto. (Yakobi 1:13) Khawujonge ezi ziprofeto zeBhayibhile zimbini.

 “Kuza kubakho indlala . .  kwiindawo ngeendawo.” (Mateyu 24:7) Esi siprofeto seBhayibhile sachaza ukuba kuza kubakho indlala kwiindawo ezininzi. Ingxelo yakutshanje yabantu abafunda ngendlela yokwenza nokuhambisa ukutya ithi: “Ukungabikho kokutya nokungondleki emhlabeni wonke, kuhambela phambili.” b Kumazwe amaninzi iimiliyoni zabantu azikwazi ukufumana ukutya. Okubuhlungu kukuba, abaninzi kubo baye basweleke.

 “Jonga! Ndabona ihashe elimnyama, omntu owayekhwele kulo ephethe isikali.” (ISityhilelo 6:5) Kwesi siprofeto, ihashe nomkhweli walo bamela indlala kule mihla yokugqibela. c Isikali esisesandleni somkhweli sesokukala ukutya okuncinci ukuze bonke abantu bakufumane. Njengokuba ekhwele eli hashe, kuvakala ilizwi elithi ukutya kuza kuba duru ibe lilumkisa nabantu ukuba bangakumoshi ukutya. (ISityhilelo 6:6) Yonke le nto ibonakala nyhani kwindlela okunqabe ngayo ukutya emhlabeni wonke namhlanje, kuba iibhiliyoni zabantu azikwazi ukufumana okanye ukuthenga ukutya okusempilweni.

Indlela okuza kuphela ngayo ukungabikho kokutya okwaneleyo

 Iingcali zithi umhlaba uvelisa ukutya okwaneleyo okunokukwazi ukondla bonke abantu abaphilayo kulo mhlaba. Kodwa ke, yintoni ebangela ukuba kungabikho ukutya okwaneleyo ibe iBhayibhile ithi uMdali onguYehova, d uza kuziphelisa njani ezi ngxaki?

 Ingxaki: Oorhulumente abanakukwazi ukuphelisa indlala nokungalingani kwabantu okubangela ukuba balambe.

 Isicombululo: UBukumkani bukaThixo obungurhulumente ogqibeleleyo buza kuthatha indawo yoorhulumente babantu. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10) Namhlanje, abantu abasokolayo abakufumani ukutya, kodwa phantsi koBukumkani bukaThixo le nto iza kutshintsha. IBhayibhile ithi, phantsi koBukumkani bukaThixo uKumkani onguYesu Kristu: “Uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo, abangathathi ntweni nabangenamncedi. . . . Kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni, kuphuphume ezincochoyini zeentaba.”—INdumiso 72:12, 16.

 Ingxaki: Iimfazwe ziyatshabalalisa ibe zenza kubekho iingxaki zemali, loo nto ibangele abantu bangakufumani ukutya abakufunayo.

 Isicombululo: “[UYehova] uphelisa iimfazwe emhlabeni wonke. Wophula isaphetha aze awuthi qwatha umkhonto, atshise neenqwelo zokulwa.” (INdumiso 46:9) UThixo uza kuzitshabalalisa izixhobo zemfazwe kunye nabantu ababangela iimfazwe. Oku kuza kubangela ukuba, umntu wonke akwazi ukufumana ukutya okusempilweni. IBhayibhile ithi: “Amalungisa aza kutyatyamba, kuza kuhlala kukho uxolo kuyo yonke indawo.”—INdumiso 72:7.

 Ingxaki: Imozulu eyingozi neentlekele zonakalisa izityalo zize zibulale nemfuyo.

 Isicombululo: UThixo uza kuziphelisa iintlekele, aze abangele ukuba umhlaba ukwazi ukuvelisa ukutya okwaneleyo. IBhayibhile ithi: “[UYehova] uzolisa isaqhwithi somoya; aze amaza olwandle athi cwaka. . . . Ujika intlango ibe ngamachibi amanzi aneengcongolo, nelizwe elomileyo libe yimithombo yamanzi. Ubahlalisa apho abo balambileyo . . . Batyala amasimi baze batyale imithi yeediliya evelisa iziqhamo ezihle.”—INdumiso 107:29, 35-37.

 Ingxaki: Abantu abazicingela bodwa nabakhohlakeleyo benza ukutya okungekho sempilweni okanye babangele ukuba abantu bangakufumani ukutya abakufunayo.

 Isicombululo: UBukumkani bukaThixo buza kubasusa bonke abantu abanganyanisekanga nabakhohlakeleyo. (INdumiso 37:10, 11; Isaya 61:8) IBhayibhile imchaza uYehova uThixo ‘njengaLowo uthethelela abo baqhathwayo, Lowo upha abalambileyo isonka.’—INdumiso 146:7.

 Ingxaki: Qho ngonyaka kulahlwa ikota yokutya okuveliswa emhlabeni.

 Isicombululo: Xa kulawula uBukumkani bukaThixo, abantu baza kukufumana ukutya ngokwaneleyo. Xa wayesemhlabeni uYesu wayekulumkele ukuba kungamoshwa ukutya. Ngokomzekelo, ngenye imini wondla abantu abangaphezu kwe-5 000 ngokumangalisayo. Emva koko, wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani ukutya okuseleyo, kungabikho nentwana elahlwayo.”Yohane 6:5-13.

 Kuba uBukumkani bukaThixo buza kuphelisa zonke izinto ezibangela ukuba kubekho indlala, bonke abantu baza kuba nokutya okusempilweni. (Isaya 25:6) Ukuze ufunde ukuba uBukumkani bukaThixo buza kuyenza nini lento, funda inqaku elithi “Buza Kulawula Nini Emhlabeni UBukumkani BukaThixo?

a I-The 2030 Agenda for Sustainable Development iye yavunywa ngawo onke amalungu Ezizwe Ezimanyeneyo ngo-2015.

b Ingxelo edityanisiweyo ye-Food and Agriculture Organization of the United Nations, i-International Fund for Agricultural Development, i-United Nations Children’s Fund, i-United Nations World Food Programme, ne-World Health Organization.

c Ukuze ufunde okungakumbi ngabakhweli bamahashe abane beSityhilelo, jonga inqaku elithi “Abakhweli Bamahashe Abane-Ngoobani?

d UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?