Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

fcafotodigital/E+ via Getty Images

Ukungatyi Nyama Nezinto Ezisuka Kwizilwanyana—Ithini IBhayibhile?

Ukungatyi Nyama Nezinto Ezisuka Kwizilwanyana—Ithini IBhayibhile?

 Emhlabeni wonke, kukho abantu abaninzi abangayityiyo inyama.

  •   “Abo bantu benza konke okusemandleni abo ukuze bangaziphathi kakubi izilwanyana okanye bazivise ubuhlungu kuba nje befuna ukutya inyama yazo, nokunxiba iimpahla ezenziwe ngazo, nayo nantoni na esuka kuzo. Le yindlela abaphila nabacinga ngayo.”—Intlangano ekuthiwa yiThe Vegan Society.

 Enye into eyenza abanye abantu bangayityi inyama ngaphandle kokukhathalela izilwanyana kukuba bafuna ukwenza bhetele umhlaba, ukuba sempilweni, okanye kungenxa yezinto abazikholelwayo.

  •   “Ngokungafaniyo nezinye iindlela zokutya, abantu abangatyi nantoni na esuka kwizilwanyana bayijonga loo nto njengenkolelo yabo, indlela yabo yokuziphatha kakuhle neyokwenza ihlabathi libe bhetele.”—IBritannica Academic.

 Ngaba ukungasebenzisi nantoni na esuka kwizilwanyana yeyona nto izokwenza ihlabathi libe bhetele? Ithini iBhayibhile?

Indlela uMdali wethu abajonga ngayo abantu nezilwanyana

 IBhayibhile ibonisa ukuba abantu babaluleke ngaphezu kwezilwanyana kuMdali wethu, uYehova uThixo, a ibe ubanike igunya lokuzilawula zonke izilwanyana. (Genesis 1:27, 28) Ekuhambeni kwexesha, uThixo wavumela abantu ukuba batye izilwanyana. (Genesis 9:3) Kodwa akafuni ukuba izilwanyana ziphathwe kakubi.—IMizekeliso 12:10.

 IBhayibhile ibonisa ukuba ukutya inyama sisigqibo somntu ngamnye. b Loo nto sikhetha ukuyenza ayisenzi bhetele emehlweni kaThixo. (1 Korinte 8:8) Akukho mntu umele agxeke omnye ngento akhetha ukuyitya.—Roma 14:3.

Eyona nto iza kuzisa ikamva elibhetele

 IBhayibhile ibonisa ukuba indlela esikhetha ukuphila ngayo ayizukuzilungisa iingxaki zehlabathi. Iingxaki ezininzi zibangelwa yindlela esetyenziswa ngayo imali, iimeko zasekuhlaleni, neepolitiki zeli hlabathi, ibe akukho mntu unokukwazi ukuzilungisa. IBhayibhile ithi:

 NguMdali wethu oza kulungisa iingxaki esinazo. IBhayibhile isebenzisa amagama afuziselayo ukuze ichaze into aza kuyenza.

  •   “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha, kuba izulu langaphambili nomhlaba zazingasekho, nolwandle lungasekho.”—ISityhilelo 21:1.

 UThixo uza kubasusa oorhulumente babantu okanye “izulu langaphambili,” kuze kubekho “izulu elitsha,” uBukumkani bakhe obungurhulumente wasezulwini. Obu Bukumkani bakhe buza kususa ‘umhlaba wangaphambili,’ abo benza izinto ezimbi, buze bulawule ‘umhlaba omtsha’ okanye abo bakhetha ukuphila ngemithetho yabo.

 Kuxa kulawula uBukumkani bukaThixo kuphela apho abantu baza kutsho bakwazi ukuphila ngoxolo nezilwanyana baze bawuphathe kakuhle umhlaba.—Isaya 11:6-9.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.

b IBhayibhile isiyalela ukuba ‘siliphephe igazi.’ (IZenzo 15:28, 29) Le nto ithetha ukuba asimeli sisele igazi okanye sitye inyama engophiswanga nokutya okufakwe igazi.