Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Imfazwe EseUkraine Yenza Kubekho Indlala Nakakhulu Emhlabeni

Imfazwe EseUkraine Yenza Kubekho Indlala Nakakhulu Emhlabeni

 NgoMeyi 19, 2022, iUnited Nations Security Council ifumene ingxelo kubantu abasemagunyeni abayi-75 yokuba “ngaphezu kokuba ikhorona nokutshintsha kwemozulu zenze kwakho ingxaki yokutya emhlabeni wonke, kusenokubakho indlala kwezinye iindawo ngenxa yemfazwe eseUkraine.” Emva kokuba befumene le ngxelo, imagazini ekuthiwa yiThe Economist ithe, “Nangona emhlabeni wonke sele kukho iingxaki ezininzi, kuza kubakho abantu abaninzi kakhulu abalambayo ngenxa yemfazwe.” IBhayibhile yachaza ukuba kuza kubakho indlala kule mihla, yaphinda yachaza nezinto eziza kusinceda simelane nayo.

IBhayibhile yachaza ukuba kuza kubakho indlala

  •    UYesu wathi: “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe, yaye kuza kubakho indlala.”Mateyu 24:7.

  •    Incwadi yeBhayibhile iSityhilelo ithetha ngabakhweli bamahashe abane. Omnye wabo bakhweli bamahashe umela iimfazwe. Emva kwakhe, kukho omela indlala, nexesha apho kuza kuba nzima ukufumana ukutya ibe kuza kudura ukukuthenga. “Ndabona ihashe elimnyama, umntu owayekhwele kulo ephethe isikali. Ndeva into engathi lilizwi . . . lisithi: ‘Isixa sengqolowa esingaphezulu kwelitha siza kuxabisa idenariyo, nezixa ezithathu zerhasi ezingaphezulu kwelitha sisinye, ziza kuxabisa idenariyo.’”—ISityhilelo 6:5, 6.

 Iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngendlala zenzeka kule mihla iBhayibhile ithi ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Ukuze ufunde nezinye izinto “ngemihla yokugqibela” nangabakhweli bamahashe abane abakwiSityhilelo, bukela ividiyo ethi Ukususela Ngo-1914, Ihlabathi Latshintsha uze ufunde inqaku elithi “Abakhweli Bamahashe Abane—Ngoobani?

Indlela engakunceda ngayo iBhayibhile

  •    IBhayibhile inamacebiso anokusinceda sazi ukuba sinokwenza ntoni xa sineengxaki, nokuba ezo ngxaki kukudura kokutya okanye indlala. Jonga eminye imizekelo kwinqaku elithi “Indlela Yokuphila Ngemali Encinci.

  •    IBhayibhile isithembisa nokuba izinto ziza kuba bhetele. Ithembisa ukuba kuza kubakho ixesha apho “kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni” ibe wonke umntu uza kuba nezinto ezininzi anokuzitya. (INdumiso 72:16) Ukuze ufunde ezinye izinto iBhayibhile ezithembisayo ngekamva, nokuba kutheni unokuyithemba, funda inqaku elithi “Ithemba Ngekamva Elibhetele.