Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Ukudutyulwa Kwabantu Emhlabeni Wonke—Ithini IBhayibhile?

Ukudutyulwa Kwabantu Emhlabeni Wonke—Ithini IBhayibhile?

 NgoJulayi 2022, kuye kwakho iindaba ezothusayo zokudutyulwa kwabantu emhlabeni wonke:

  •   “Kuye kwadutyulwa umntu owaziyo waseJapan okwipolitiki, uShinzo Abe waza waswelekela. Le nto iye yabothusa kakhulu abantu bakweli lizwe nabasemhlabeni wonke. Enye yezona zinto zenze yothusa kakhulu le nto kukuba eJapan, azifane zenzeke izinto ezinje, ibe kukho imithetho yendlela yokusetyenziswa kwemipu.”—Julayi 10, 2022, imagazini ekuthiwa yiThe Japan Times.

  •   “Abantu baseDenmark bothukile xa enye indoda iye yadubula abantu abathathu kwisakhiwo seevenkile saseCopenhagen.”—Julayi 4, 2022, kwiindaba zeReuters.

  •   “EMzantsi Afrika abantu abayi-15 baye basweleka emva kokuba iqela lamadoda lidubule abantu kwindawo yokusela eseSoweto.”—Julayi 10, 2022, imagazini ekuthiwa yiThe Guardian.

  •   “Kuye kwadutyulwa abantu abangaphezu kwabayi-220 basweleka eUnited states, kwimpela-veki ebiyiholide nge-4 kaJulayi.”—Julayi 5, 2022, iCBS News.

 Ngaba likhona ithemba lokuba izinto ezinjengezi ziya kuze ziphele? Ithini yona iBhayibhile?

Ubundlobongela Buza Kuphela

 IBhayibhile ithi xa ichaza amaxesha esiphila kuwo ‘yimihla yokugqibela,’ kuba ithi ngeli xesha abantu baza kuba ziindlobongela, bakhohlakale baze benze izinto ezimbi. (2 Timoti 3:1, 3) Izinto ezinjengezi zenza abantu baphile besoyika. (Luka 21:11) Kodwa, iBhayibhile ithembisa ukuba kuza ixesha apho ezi zinto zimbi ziza kuphela nokuba abantu “baza kuhlala kwindawo enoxolo, kwiindawo ezikhuselekileyo neendawo zokuphumla ezizolileyo.” (Isaya 32:18) Buza kuphela njani ubundlobongela?

 UThixo uza kubatshabalalisa bonke abantu abenza izinto ezimbi nezinto zokulwa.

  •   “Ke bona abenzi-bubi baza kususwa emhlabeni.”—IMizekeliso 2:22.

  •   “[UThixo] uphelisa iimfazwe emhlabeni wonke. Waphula isaphetha aze awuthi qwatha umkhonto, atshise neenqwelo zokulwa.”—INdumiso 46:9.

 UThixo uza kufundisa abantu ukuba baphile ngoxolo. Ubundlobongela uza kubuphelisa ngaloo ndlela.

  •   “Azizukwenzakalisa zingazukonakalisa kuyo yonke intaba yam engcwele, kuba umhlaba ngokuqinisekileyo uza kugcwaliswa kukwazi uYehova njengokuba nolwandle lugcwele ngamanzi.”—Isaya 11:9.

  •   Nangoku, uThixo sele efundisa abantu ukuba bacaphukele ubundlobongela nokusebenzisa izinto zokulwa. Ubakhuthaza ukuba ‘bawakhande amakrele abo abe ngamakhuba nemikhonto yabo ibe zizinto zokuthena imithi.’—Mika 4:3.

 Ukuze ufunde izinto iBhayibhile ezithembisayo ngexesha apho siza kube siphila kungekho zinto zisoyikisayo, funda inqaku elithi “Ngaba Uloyiko Lunokuze Luphele?

 Ukuze ufunde ezinye izinto ngokupheliswa kobundlobongela ngonaphakade, funda inqaku elithi “Ekugqibeleni Uxolo Emhlabeni!