Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubomi Buya Kuze Bube Yile Ndlela Babuyiyo Ngaphambi Kwalo Bhubhani? Indlela IBhayibhile Enokusinceda Ngayo Kwihlabathi Elitshintshwe NguBhubhani

Ngaba Ubomi Buya Kuze Bube Yile Ndlela Babuyiyo Ngaphambi Kwalo Bhubhani? Indlela IBhayibhile Enokusinceda Ngayo Kwihlabathi Elitshintshwe NguBhubhani

 “Sonke sifuna izinto zibuyele esiqhelweni.”—UAngela Merkel, umlawuli waseJamani.

 Ekubeni ikhorona iqhubeka isosulela abantu abaninzi emhlabeni wonke, nawe usenokuba uyavumelana nala mazwi. Kodwa kuthethwa ukuthiwani xa kusithiwa “izinto zibuyele esiqhelweni”? Yintoni abantu abanethemba lokuyenza?

  •   Bafuna ukuphila ngendlela ababephila ngayo ngaphambi kokubakho kwalo bhubhani. Abanye abantu bafuna ukudibana nabanye, babulisane bahambahambe neendawo. UGqirha a wamayeza uAnthony Fauci uthi, “Kubo, ubomi obuqhelekileyo kukuya kwiivenkile zokutyela, iitheater, nezinye iindawo ezifana nezo.

  •   Bafuna nokuphucula indlela abaphila ngayo. Abanye balibona eli ilithuba lokuba baphucule ubomi babo bube bhetele kunakuqala. Bafuna izinto zitshintshe bangasebenzi kwindawo eza kufuna ixesha namandla abo, bangajongelwa phantsi ngenxa yebala okanye iimeko zemali, bafuna nabantu abaye baphazamiseka engqondweni ngenxa yestres babe bhetele. UKlaus Schwab owaqala iWorld Economic Forum uthi, lo “bhubhani” usinika ithuba lokucinga ngobomi bethu nendlela esifuna bube yiyo, ukutshintsha eli hlabathi. Ibe elo thuba, alizukusoko likhona.”

 Lo bhubhani ubaphathele iingxaki ezininzi abantu kangangokuba bacinga ukuba izinto soze ziphinde zibuyele esiqhelweni. Ngokomzekelo, abaninzi baye balahlekelwa yimisebenzi, ngamakhaya abo, impilo, okungakumbi kukuba baye baswelekelwa nangabantu ababathandayo.

 Ngokuqinisekileyo, akho mntu waziyo ukuba ubomi buza kuba njani emva kwalo bhubhani. (INtshumayeli 9:11) Kodwa ke, iBhayibhile inokusinceda simelane nayo nantoni na enokwenzeka kwixesha elizayo. Eny’ into iBhayibhile ithetha ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo esinokuqiniseka ngazo, ekusenokwenzeka ukuba asizilindelanga.

Ukuwujonga ngendlela efanelekileyo lo bhubhani

 Kwakudala, iBhayibhile yathi “izifo ezingubhubhani” ziza kwanda, xa “sekuza kupheliswa eli hlabathi.” (Luka 21:11; Mateyu 24:3) Ukuba sinokukhumbula le nto xa sicinga ngekhorona, iza kutsho ibe phakathi kwezona zinto zibalulekileyo iBhayibhile eyaprofeta ngazo isithi ziza kwenzeka, iimfazwe, iinyikima ezinkulu, nendlala.

 Indlela ekunceda ngayo ukwazi le nto: Nangona le khorona isenokuba bhetele, iBhayibhile isilumkisa isithi siphila “kumaxesha ekunzima ukuwanyamezela.” (2 Timoti 3:1) Ukwazi le nto kunokusinceda simelane nendlela ubomi obuyiyo kula maxesha anzima.

 IBhayibhile isenza sicinge kakuhle ngale nto: Ithi eli hlabathi lineengxaki eziya zisanda, liza kutshintsha kungekudala. Yintoni eza kutshintsha?

Izinto osenokuba awuzilindelanga eziza kwenzeka kusophela lo bhubhani

 IBhayibhile yathetha ngeengxaki ezinzima esizibonayo ngoku, namaxesha amnandi aza kubakho kungekudala. Ichaza izinto eziza kwenziwa nguThixo kwixesha elizayo, ezibhetele kakhulu kunezinto abafuna ukuzenza oorhulumente babantu. “Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.”—ISityhilelo 21:4.

 UYehova b uThixo uthembisa esithi: “Jonga! Zonke izinto ndizenza ntsha.” (ISityhilelo 21:5) Uza kulungisa iingxaki zeli hlabathi, kunye nezo zibangelwe ngulo bhubhani. Nazi izinto aza kusenzela zona:

  •   Uza kwenza abantu baphile ngokugqibeleleyo emzimbeni nasengqondweni, kungaphinde kubekho ukugula nokufa.—Isaya 25:8; 33:24.

  •   Uza kunika abantu umsebenzi owanelisayo, ongazukubenza badinwe baphelelwe ngamandla.—Isaya 65:22, 23.

  •   Uza kwenza bonke abantu baphumelele, eqinisekisa ukuba abasokoli futhi abalambi.—INdumiso 72:12, 13; 145:16.

  •   Uza kwenza abantu bayeke ukuziva bekhathazekile ngokubuyisa abantu babo ababathandayo ebomini.—Isaya 65:17; IZenzo 24:15.

 Indlela ekunceda ngayo ukwazi le nto: IBhayibhile ithi: “Eli themba sinalo lifana neankile yomphefumlo.” (Hebhere 6:19) La mathemba ngawo asincedayo ukuze sikwazi ukunyamezela. Kaloku asinceda sinyamezele iingxaki zanamhlanje, sinciphise ixhala futhi asinceda sihlale sizolile, sonwabile.

 Kodwa ngaba ungayikholelwa into ethenjiswa yiBhayibhile? Funda inqaku elithi, “Inyani Singayifumana EBhayibhileni.”

Imigaqo yeBhayibhile eza kusinceda simelane nobomi emva kwalo bhubhani

  •   Buxabise ubomi

     Isibhalo: “Ubulumko bumgcina ephila lowo unabo.”—INtshumayeli 7:12.

     Into ofanele uyenze: Yenza izigqibo zobulumko ukuze ukuphephe ukugula. Yazi into eyenzekayo kwindawo ohlala kuyo. Cinga ngemithetho yezempilo nokhuseleko, inani labantu abasulelekileyo, nenani labantu abafumene ivaccine.

  •   Hlala ulumkile

     Isibhalo: “Isilumko sihlala sithe qwa size siyiphephe inkathazo, Kodwa sona isidenge asikhathali ibe sizithembe kakhulu.”—IMizekeliso 14:16.

     Into ofanele uyenze: Qhubeka usenza izinto eziza kukunceda ukhuseleke kwizigulo. Abaphandi baqikelela ukuba le khorona iseza kubakhona ixesha elide.

  •   Sukukholelwa yonke into

     Isibhalo: “Umntu ongalumkanga ukholelwa yonke into, kodwa olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.”—IMizekeliso 14:15.

     Into ofanele uyenze: Likhethe kakuhle icebiso omawulilandele. Indlela okhetha ngayo ibalulekile. Unokuzibona sowugula ngenxa yokuba ukhethe ukulandela icebiso elingachananga.

  •   Sukucinga ngezinto ezadlulayo

     Isibhalo: “Sukuthi, “Kutheni le nto imihla yakudala ibhetele kunale?” kuba ayibobulumko ukubuza loo nto.”—INtshumayeli 7:10.

     Into ofanele uyenze: Zimisele ukuphila ngendlela ekonwabisayo. Sukucinga ukuba ubomi babubhetele ngaphambi kwalo bhubhani. Yeka nokuzihlupha ngezinto ongakhange ukwazi ukuzenza ngexesha lalo bhubhani.

  •   Bahloniphe abanye

     Isibhalo: “Yibani nembeko kumntu wonke.”—1 Petros 2:17.

     Into ofanele uyenze: Abantu baye baziva ngeendlela ezingafaniyo ngalo bhubhani neengxaki oze nazo. Bavumele baveze indlela abayibona ngayo le nto, kodwa wena ungajiki kwizigqibo ozenzileyo. Bacingele abantu abangayifakanga ivaccine, njengabantu abadala nabo baneengxaki zempilo.

  •   Yiba nomonde

     Isibhalo: “Uthando lunomonde yaye lunobubele.”—1 Korinte 13:4.

     Into ofanele uyenze: Xa abanye benexhala ngokwenza izinto ebeziqhelekile kulo bhubhani, baphathe ngobubele. Xa iimeko zisiba bhetele ibe nawe unezinto ezingakumbi zokwenza, sukuzixhesha.

Indlela iBhayibhile ebanceda ngayo abantu bakwazi ukunyamezela lo bhubhani

 AmaNgqina kaYehova ayathuthuzelwa ngamathemba aseBhayibhileni eparadesi ezayo, ibe le nto iwanceda angazikhathazi ngalo bhubhani. Ayancedana ngokuthobela umyalelo oseBhayibhileni wokuba adibane ukuze akhonze uThixo. (Hebhere 10:24, 25) Wonke umntu wamkelekile ukuba aye kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova, eziqhutywa kwivideoconference ngeli xesha lalo bhubhani.

 Nabanye bayavuma ukuba ukudibana namaNgqina kaYehova ukuze bakhonze, kubancedile kula maxesha anzima. Ngokomzekelo, ibhinqa elalinekhorona, lavuma xa lalimenywa ngamaNgqina kaYehova kwiintlanganiso zawo. Ezi ntlanganiso zazimnceda kwindlela aziva ngayo, nangona wayesenezi ngxaki zempilo. Wade wathi: “Ndiziva ndamkelekile kule ntsapho. Ukufunda iBhayibhile kundinceda ndixole ndize ndizole. Kundinceda ndicinge ngezithembiso zikaThixo zexesha elizayo, kunokucinga ngeengxaki endinazo. Ndiyabulela ngokuba niye nandinceda ndasondela kuThixo, into ebendizama ukuyenza ubomi bam bonke.”

a Umphathi weNational Institute of Allergy and Infectious Diseases eMerika.

b UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.—INdumiso 83:18.