Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Abanezinto Ezininzi Banceda Abanezinto Ezimbalwa

Abanezinto Ezininzi Banceda Abanezinto Ezimbalwa

OKTOBHA 1, 2020

 Kwiindawo ezingaphezu kwe200, amaNgqina KaYehova aneenkqubo eziqinisa ukholo ibe ayancedisa xa kwehle intlekele. Kuzo zonke ezi ndawo, zimalunga neziyi35 qha ezikwaziyo ukunikela ngemali eyaneleyo ukuze zonke ezi zinto zenziwe. Isuka phi imali yokuncedisa kwiindawo ezingenayo imali eyaneleyo?

 IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova liye lijonge ukuba ziintoni abazidingayo okanye izinto abazenzayo abazalwana bayo emhlabeni wonke. Emva koko liye lahlule imali lize liyithumele kwiindawo ngeendawo ukuze kwenzeke izinto ekufuneka zenziwe. Ukuba iminikelo yesebe ingaphezulu kweendleko zalo, liye liqiniseke ukuba eshiyekileyo iyafumaneka ukuba amanye ayayidinga. Ngokwenza ngolu hlobo, alinganisa amaKristu okuqala awayencedana ukuze “wonke umntu alingane.” (2 Korinte 8:14) La maKristu ayesebenzisa imali eshiyekileyo ukuze ancede amanye amaKristu anemali engonelanga.

 Bavakalelwa njani abazalwana xa befumana imali esuka kwelinye isebe? ETanzania, apho kukho abantu abasokolayo, baye bafumana imali ukuze balungise iHolo YobuKumkani yaseMafinga. Ibandla labhala lathi: “Emva kokuba kugqityiwe ukulungiswa kweHolo yethu, abantu abaza kwiintlanganiso baye baba baninzi kakhulu. Siyayibulela intlangano kaYehova nabazalwana bethu ngobubele abasibonise bona. Ngoku kusivuyisa nyhani ukuza kukhonza kwiHolo yethu entle.”

 Ngenxa yesifo esingubhubhani, abanye abazalwana bethu eSri Lanka baye behlelwa yinto ebuhlungu yokuba baphelelwe kukutya. Abanye babo nguImara Fernando nonyana wakhe omncinci uEnosh. Kodwa baye bakwazi ukufumana uncedo abaludingayo ngenxa yeminikelo esuka kwamanye amasebe. Babhala ikhadi bebulela bathi: “Siyababulela nyhani abazalwana abaye basibonisa uthando ngexesha elinzima kangaka. Kuyasivuyisa ukuba kule ntsapho ibe siqhubeka simcela uYehova ukuba ancede nabanye abazalwana kule mihla yokugqibela.”

UImara noEnosh Fernando

 Nokuba abazalwana okanye oodade bahlala phi, banomoya wokupha abanye kwizinto abanazo. Ngokomzekelo, uEnosh wazenzela ibhokisi yomnikelo encinci ukuze naye afake imali phaya eza kunceda iintsapho ezidinga uncedo. UGuadalupe Álvarez naye uyathanda ukupha. Uhlala kwiphondo laseMexico apho abantu abaninzi babhatalwa imali encinci emsebenzini okanye bengaphangeli kwa ukuphangela. Kodwa uyanikela ngaloo nto akwaziyo ukunikela ngayo. Ubhala athi: “Ndiyambulela uYehova ngokulunga nangothando analo. Ndiyayazi ukuba lo mnikelo wam mncinci uza kudityaniswa kweminye uze ukwazi ukunceda abazalwana bam abadinga uncedo.”

 Iiofisi zamasebe ziyakuvuyela ukuthumela imali apho ifuneka khona. UAnthony Carvalho okwikomiti yesebe yaseBrazil, uthi: “Kangangeminyaka emininzi, umsebenzi obusenziwa apha ubuxhaswa yiminikelo esuka kwamanye amazwe. Ngenxa yalo nto, kuye kwabakho abantu abaninzi abazinikelayo kuYehova. Ngoku sinemali eyaneleyo ibe nathi siyakuvuyela ukubanceda abanye. Abazalwana balapha eBrazil, xa becinga ngomsebenzi owenziwayo wokushumayela, bajonga wonke umsebenzi owenziwa ehlabathini bekhangela ukuba bangancedisa phi.”

 Yintoni enokwenziwa liNgqina LikaYehova ukuze lincede abazalwana noodade abadinga uncedo? Asikokunikela ngqo kwisebe elithile kodwa kukunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Lo nto lingayenza ngokufaka imali kwibhokisi ebhalwe “Umsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke” ekwiHolo YobuKumkani okanye ngo-donate.pr418.com. Siyabulela ngayo yonke iminikelo yakho.