INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO
Abavangeli Abasemazweni ‘Abakwezona Ndawo Zikude Zomhlaba’
JUNI 1, 2021
UYesu wathi kubafundi bakhe: “Niza kuba ngamaNgqina am. . . nide niyokutsho kwezona ndawo zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Namhlanje, amaNgqina KaYehova enza kanye loo nto. Noko ke, kwezinye iindawo eziquka ezo zihlala abantu abaninzi, akukashunyayelwa ngokucokisekileyo kuzo ibe kwamanye amazwe kukho amaNgqina ambalwa. (Mateyu 9:37, 38) Yintoni esiyenzayo ukuze sishumayele kubantu abaninzi kangaka?
Ukuze kuthotyelwe umyalelo kaYesu, iKomiti yeNkonzo yeQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova iye yathumela abavangeli basemazweni kwiindawo abadingeka kuzo. Sithetha nje, kukho abavangeli basemazweni abayi-3 090 emhlabeni wonke. a Abaninzi kubo bakhe baya kwezinye zezikolo zentlangano esinjengesiSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Bakulungele ukufudukela kwamanye amazwe. Ngenxa yoqeqesho, amava nokuqola kwabo, abavangeli basemazweni banceda ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ibe bangumzekelo kubafundi abatsha.
Abavangeli Basemazweni Bayancedwa Ukuze Bancede Abanye
Kwiofisi yesebe nganye, iKomiti yeSebe isebenza neDesika Yabashumayeli Basentsimini ukuze iqiniseke ukuba abavangeli basemazweni banazo zonke izinto abazidingayo. Ezo zinto yindawo yokuhlala, ezonyango nemali ukuze babhatale ezinye iindleko zabo. Kunyaka wenkonzo ka-2020, amaNgqina KaYehova aye asebenzisa phantse i-R373 917 600 ukuze ancede abavangeli basemazweni. Ngenxa yolu ncedo, basebenza ngamandla kumsebenzi wasentsimini baze bancede namabandla asekuhlaleni aqine elukholweni.
Abavangeli basemazweni bancede njani kumsebenzi wokushumayela? UFrank Madsen olilungu leKomiti yeSebe yaseMalawi uthi: “Isibindi nobuchule abanabo buncede amabandla akwazi ukushumayela kwiindawo ekunzima ukushumayela kuzo, njengokushumayela ume egeyithini okanye kwiindawo ekuthethwa kuzo olunye ulwimi. Ukusebenza kwabo nzima befunda ulwimi nezithethe zendawo abakuzo kubeka umzekelo omhle kwabanye ibe bakhuthaza nolutsha ukuba luzimisele ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Siyambulela uYehova ngabavangeli basemazweni.”
Ilungu leKomiti yeSebe kwelinye ilizwe lathi: “Abavangeli basemazweni bangumzekelo ophilayo wokuba abantu bakaYehova bamanyene emhlabeni wonke. Nkqu nabantu abangengomaNgqina baye babona ukuba iimfundiso zeBhayibhile ziye zasinceda samanyana njengabazalwana endaweni yokuba sahlulwe zizithethe namasiko.”
Abavangeli basemazweni babanceda njani abazalwana basekuhlaleni? UPaulo waseTimor-Leste unombulelo kakhulu ngabavangeli basemazweni abakhonza kwibandla lakhe. Uthi: “Kwindawo esihlala kuyo kutshisa kakhulu. Nangona aba bavangeli basemazweni besuka kwindawo ebandayo, imozulu etshisa kakhulu ayibenzi bangashumayeli. Basoloko bekhona kwinkonzo yasentsimini eqhutywa kusasa ibe ndisoloko ndibabona besenza amabuyelo emini xa litshisa kakhulu ilanga, kanti nangorhatya bayawenza. Abantu abaninzi abafana nam bancedwe ngabo ukuba bafunde iBhayibhile. Umzekelo wabo wokuzincama enkonzweni kaYehova ukhuthaza lonke ibandla ukuba nalo lenze into efanayo.”
UKetti onguvulindlela othe ngxi eMalawi ubalisa ngendlela isibini esitshatileyo esingabavangeli basemazweni esayinceda ngayo intsapho yakhe. Uthi: “Yayindim kuphela oliNgqina ekhaya xa kwafika esi sibini ebandleni lethu kodwa ke sandixhasa ibe saba ngabahlobo nentsapho yam. Umzekelo waso wabanceda abantwana bam babona ukuba ukukhonza uYehova kubangela uvuyo nolwaneliseko. Ngenxa yomzekelo waso, iintombi zam ezintathu zingoovulindlela abathe ngxi yaye umyeni wam uqalise ukuya kwiintlanganiso.”
Ivela phi imali yokunyamekela abavangeli basemazweni? Kusetyenziswa iminikelo ethunyelwa kumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke, emininzi kuyo ifakwa ngeendlela ezichazwe ku-donate.pr418.com. Sinombulelo kakhulu ngale minikelo yokuzithandela.
a Abavangeli basemazweni bathunyelwa kumabandla apho kukho imfuneko engakumbi yabantu bokushumayela. Abanye abayi-1 001 bangabaveleli besiphaluka.