Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

I-JW Box Iqinisa Ukholo

I-JW Box Iqinisa Ukholo

SEPTEMBA 1, 2020

 Namhlanje, amaNgqina KaYehova afumana iincwadi nevidiyo ezininzi nge-intanethi, into engazange yenzeka ngaphambili. Kodwa, kwiindawo ezininzi emhlabeni abazalwana bethu abanayo imali yokuzidawunlowuda. Abanye bahlala kwindawo apho i-intanethi icima qho okanye icothayo ukudawunlowuda. Kwezinye ayikho kwa ukubakho.

 Ngoku, abazalwana noodade abaninzi bayakwazi ukuzidawunlowudela iincwadi neevidiyo bengenayo i-intanethi. Bayenza njani lento?

 Amabandla ane-intanethi ekunzima ukuyisebenzisa asebenzisa izinto ezingaphakathi kwe-JW Box. Ngaphakathi kukho isixhobo se-intanethi esithengwe yintlangano, inkqubo yekhompyutha eyenziwe lisebe leekhumpyutha laseBheteli kukho iincwadi neevidiyo ezifumaneka ku-jw.org. Ukuze kwenziwe i-JW Box enye kufuneka i-R1238.

 KwiiHolo ZobuKumkani ezine-JW Box, abazalwana noodade bayakwazi ukuba bafake izixhobo zabo ze-elektroniki kuyo baze badawunlowude iincwadi neevidiyo. B ayakwazi nokusebenzisa izixhobo zabo esele zinexesha zikho okanye ezingathengwanga ngemali eninzi. Kodwa kwenzeka njani ukuba i-JW Box ihlale ineencwadi neevidiyo ezintsha ibe ingekho i-intanethi? Isebe lidawunlowuda izinto ku-jw.org, lizifake kwi-USB lize lizithumele emabandleni ukuze zifakwe kwi-JW Box. I-USB enye ithengwa yintlangano nge-R66.

 Ibancede njani abazalwana i-JW Box? UNathan Adruandra, utata ohlala kwi-Democratic Republic of Congo, uthi: “Kudala ndizama ukudawunlowuda idrama ethi ‘O Yehova, . . . Ndikholose Ngawe’ nethi Khumbulani UmkaLote. Kodwa ngoku ndiyakwazi ukudawunlowuda ezi vidiyo ngefowuni yam ibe lo nto yenza kubelula kum nomfazi wam ukufundisa abantwana bethu.”

 Umzalwana oncedisa amabandla aseNigeria ukuba akwazi ukusebenzisa i-JW Box uthi: “Abazalwana balibona eli lungiselelo njengesipho esisuka kuYehova. Bavuya nyhani ngoku kuba kulula ukudawunlowuda iincwadi neevidiyo ezikwiTeaching Toolbox.

 Zingaphezulu kwe-1700 ii-JW Box esele zithunyelwe kubazalwana bethu baseAfrika, eOceania naseMzantsi Merika ibe kulungiselelwa ukuthunyelwa ezinye kumanye amabandla. Isuka phi imali yokwenza wonke lo msebenzi? Isuka kwiminikelo enikelwa kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Emininzi kuleminikelo inikelwa ngo-donate.pr418.com. Enkosi ngeminikelo yakho.