Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Ibali Elingobulungiseleli BukaYesu—Indlela Elenziwe Ngayo

Ibali Elingobulungiseleli BukaYesu—Indlela Elenziwe Ngayo

OKTOBHA 1, 2024

 Kulo nyaka, amaNgqina kaYehova ebejonge phambili ekubukeleni ividiyo yokuqala kwiividiyo ezithi, Ibali Elingobulungiseleli BukaYesu. Iimiliyoni zabantu sele ziyibukele le vidiyo. Le yalo nyaka yeyokuqala kweziyi-18! Yintoni eyenziweyo xa bekusenziwa ezi vidiyo, ibe wena yintoni oyenzileyo ukuze uncedise kulo msebenzi?

Indlela Abahoywe Ngayo Abasebenzi

 Iividiyo ezininzi zebali likaYesu zirekhodelwa kwisebe laseAustralasia. Xa kurekhodwa into nganye eyenzekayo kweli bali, kubakho abantu abamalunga nabayi-50 ukuya kutsho ku-80. a Abasebenzi baphekelwa ilantshi, isophoro nezinto ezincinci abanokuzitya njengokuba usuku luqhuba. Kuye kucingwe kusengaphambili ukuba kokuphi ukutya okuza kutyiwa. UEsther osebenza kwiSebe Lokutya uthi: “Siye sithenge ukutya kwiindawo ezahlukeneyo ukuze sifumane okungekazuphelelwa, ngemali encinci. Sisoloko siyitshintsha indlela esipheka ngayo ukuze singamoshi ukutya.” Suku ngalunye sisebenzisa i-R72 kukutya komntu ngamnye.

 Abasebenzi abadingi kutya kuphela, kodwa badinga nokukhuseleka elangeni. EAustralia kubakho iimini ezibashushu kakhulu kodwa ngamanye amaxesha kuye kutshise kakhulu ngendlela eyingozi. Ukuze abantu bangadinwa baze bakhuseleke ekutshisweni lilanga, abazalwana noodade baye bamise iintente abantu abanokuya kuzo ukuze bafumane umthunzi. Kuyaqinisekwa nokuba kukho izinto ezininzi zokuthambisa ezibakhusela elangeni, iiambrela namanzi. UKevin, osebenza kwicala lezinto ezirekhodwayo uthi: “Abazalwana noodade abaninzi abawenzayo lo msebenzi ngamavolontiya aseBheteli asebenza esuka emakhaya. Bawenza lo msebenzi bezimisele kwaye bevuya. Asinakuwugqiba ngaphandle kwabo.”

Indawo Eyenziwa Kuyo Le Vidiyo

 Ezinye zezi vidiyo azenzelwa kwistudiyo esikwiofisi yesebe, kuba zisenokungalivezi kakuhle ibali. Kuye kukhangelwe iindawo eziza kwenzelwa kuzo. Xa kusenziwa iindawo ezinamabali eBhayibhile akudala, kuye kuyiwe kwiindawo ezikude ezingenambane, ezineendlela ezingalungiswanga nezakhiwo zakudala. Kuye kupakishwe kakuhle izinto abaza kuzinxiba, izinto eziza kusetyenziswa, nezixhobo zeevidiyo zisiwe kule ndawo iza kwenziwa kuyo. Ngaphambi kokuba kuqaliswe ukurekhodwa, abazalwana abakhokelayo baye baqiniseke ukuba kukho igenerator, amanzi aklini okusela, nezindlu zangasese. Abazalwana abazokusebenza baye bafunelwe indawo kumakhaya abazalwana basekuhlaleni, okanye bahlale kwiikharavan okanye ehotele.

Kubakho iingxaki xa kurekhodwa kwiindawo ezahlukahlukeneyo

 Ukuyorekhoda kwiindawo ezahlukahlukeneyo kuyadura, kuthatha ixesha, ibe kuyadinisa. Ngoko ngo-2023, iQumrhu Elilawulayo laye lavuma ukuba kuthengwe isikrini okanye udonga olumiswayo nge-R44,7 miliyoni, olubonisa iividiyo ezenza kubonakale ngathi ukwindawo ethile. Kulo, kuye kuvele imifanekiso ecaca kakuhle ibe ukukhanya kolu donga kuhambisana nalonto irekhodwayo, ukuze kwividiyo kubonakale ngathi ibisenzelwa phandle. Ngaloo ndlela siye siphephe ukusebenzisa imali eninzi, ebesiza kuyisebenzisa xa sirekhoda kwiindawo ezahlukeneyo. UDarren okwiKomiti yeSebe laseAustralasia uthi: “Ukusebenzisa olu donga kuyabanceda abantu abarekhodayo bangadinwa kakhulu, baze bakwazi ukurekhoda nanini na kufuneka berekhodile. Ngokomzekelo, xa kurekhodelwa phandle kube kufuneka kurekhodwe ukutshona kwelanga, kuye kufuneka kukhawuleziswe lingekatshoni. Kodwa xa kusetyenziswa esi skrini okanye udonga, siye sibe nexesha elininzi lokurekhoda kangangoko sifuna.”

Kulungiswa udonga lwevidiyo ngaphambi kokuba kurekhodwe

“Zange Ndizive Ngathi Kukho Into Endiyincamileyo”

 Baninzi kakhulu abantu abasebenzayo xa kusenziwa ezi vidiyo zingebali likaYesu. Baziva njani ngendlela abahoywe ngayo?

 UAmber, owayesuka eMelbourne ekwiikhilomitha ezingaphezu kwe-700 eyoncedisa kulo msebenzi uthi: “Ukufika kwam eairport abazalwana noodade baseBheteli bandamkela ibe abaninzi babeye bandimeme ndiyotya nabo okanye ndiphunge nabo. Xa sasikwindawo yokurekhodela, babendenza ndizive ndikhululekile ibe babebonisa uthando. Uhambo lwam lwaba yintsikelelo kakhulu. Zange ndizive ngathi kukho into endiyincamileyo.”

 UDerek osebenza ekwenziweni kwezi vidiyo uthi: “Kwasekuqaleni ayemaninzi kakhulu amaqela asixhasayo. Sibabulela kakhulu abazalwana noodade abaye bancama ixesha labo, izinto kunye namandla abo ukuze lo msebenzi uphumelele. Bayasixhasa, bazimisele ibe banobubele. UYehova ubasikelele ibe nathi usisikelele. Ndiye ndabona ukuba uYehova akakhathalelanga nje ukuba umsebenzi wenziwe kodwa uyayihoya nendlela esiwenza ngayo.”

 Sinibulela kakhulu ngendlela enikuxhasa ngayo ukwenziwa kwezi vidiyo. Loo nto niyenza ngeminikelo yenu, kuquka naleyo niyenza nisebenzisa udonate.pr418.com.

a Iofisi yesebe laseAustralasia ihoyene nomsebenzi wethu owenziwa kumazwe amaninzi, kuquka iOstreliya namanye amazwe akuMzantsi Pasifiki. Eli sebe lisekupheleni kweSydney, eOstreliya.