Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Iindibano ‘Eziviwayo Nezibonwayo’

Iindibano ‘Eziviwayo Nezibonwayo’

JULAYI 1, 2024

 Sekuyiminyaka engaphezu kweyi-130 amaNgqina kaYehova edibana kwiindibano, qho ngonyaka. Kwezi ndibano, kubakho iintetho ezahlukeneyo ezingaphezu kweziyi-40, kubekho umculo, amava, neevidiyo. Ukuze abantu abaye kuzo bancedakale baze bakhuthazeke, kufuneka ‘beve baze babone kakuhle.’ (Luka 2:20) Isetyenziswa njani iminikelo yakho ukuze kuqinisekwe ukuba bonke abantu abaye kwezi ndibano bayancedakala nokuba bahlala phi?

Izinto Zokudlala Iividiyo Nezinto Eziza Kwenza Amazwi Avakale Zilungiselelwa Kwindawo Nganye Eqhutyelwa Kuyo INdibano

 Amabala amaninzi ngoku neendawo zemidlalo kumazwe aseNtshona sezinazo izinto zokudlala iividiyo, izipikha, nemic. Ngoko xa siqesha indawo enazo ukuze yenzelwe kuyo indibano, kutheni siye sizifakele ezethu izinto? UDavid osebenza kwiSebe leBroadcasting elikwiKomkhulu Lehlabathi uthi: “Kwiindawo esiziqeshayo, zimbalwa kakhulu ezenzelwe ukuba abantu bakwazi ukumamela umntu othethayo iiyure ezingaphezu kweziyi-6. Ngokomzekelo, kumabala emidlalo kusetyenziswa iimic nezipikha ezenzelwe ukuba kwenziwe izaziso nje ezimfutshane, kudlalwe nomculo okhawuleza uphele. Izikrini zakhona zenzelwe ukuze zibonise amanani okuba leliphi iqela eliphumelelayo, ziveze ezentengiso zize zikwazi ukubonisa izinto ezimfutshane ezenzeke kuloo midlalo. Kodwa xa abantu besiya endibanweni, baza kubukela iividiyo ezinde. Ngoko sifuna ukuqiniseka ukuba bazibona ibe baziva kakuhle, ibe yonke into ethethwa eqongeni bayiqonda kakuhle.”

 Iindawo eziqhutyelwa kuzo iindibano azifani. Ngoko kufuneka zonke izinto zokwenza amazwi avakale, kunye nezokudlala iividiyo zilungiselelwe ezoo ndawo. Emva kokuba kukhethwe ezo ndawo, iSebe leBroadcasting eliseBheteli liye lenze isigqibo sokuba abantu abaza kuza endibanweni baza kuhlala phi, licinge ngenani labo, lize lijonge nokuba loo ndawo iza kungena abantu abangaphi. Abazalwana baye babale ukuba zingaphi izipikha nezikrini eziza kufuneka, nokuba ziza kudityaniswa njani. Baye babhale nezinto eziza kudingeka, baqinisekise ukuba wonke umntu uza kubona aze ave kakuhle endibanweni.

Abazalwana abakwiSebe leBroadcasting lasekuhlaleni (LBD) basebenzisa iplani enyenziweyo

 Kuba ngumsebenzi omkhulu kakhulu ukulungiselela izipikha, iimic, kunye nezikrini kwiindibano apho kuza kubakho iilwimi ezininzi kwindawo enye. Ukuba lo ndibano iza kutolikwa ngolunye ulwimi, kuye kuqinisekwe ukuba abazalwana abatolikayo bayambona loo mzalwana bamtolikelayo, ibe bayamva. Xa betolika, loo nto bayitolikayo iye iviwe ngabantu abaluqondayo olo lwimi. Kuba kukho izinto esizisebenzisayo ezikhethekileyo, siyakwazi ukuba ividiyo siyenze ihambisane namazwi nangona itolikwa ngeelwimi eziyi-8 ezahlukahlukeneyo, baze bonke abantu ababukeleyo bakwazi ukubona ividiyo enye. UDavid uthi: “Kunzima ukuzisebenzisa ezi zinto, ibe amavolontiya kufuneka aqeqeshwe kakuhle ukuze akwazi ukuzisebenzisa.”

 Kwiiofisi zamasebe ezininzi, kukho izinto zokudlala iividiyo nezenza amazwi avakale ezisetyenziswa qho ngonyaka. Xa kunjalo abazalwana baye balungiselele ukuba kuthuthwe izinto ezisuka kwenye indibano ziye kwenye. Isebe laseUnited States lisebenzisa i-R2 696 000 qho ngonyaka ukuze kuthunyelwe izinto zendibano. Le ndlela yonga imali eninzi kunokuba bekuza kufuneka kuthengwe ezinye izixhobo. USteven, owayekhokela kwisebe leevidiyo nelenza isandi sivakale kakuhle kwindibano eyayiseKhanada wathi: “Iqela lethu lenza konke okusemandleni ukuze liqiniseke ukuba izikhonkwane, iintambo zombane, nazo zonke izinto zipakishwe kakuhle ibe zilungele indibano elandelayo.”

Kuthengwa Izinto Eziza Kusetyenziswa Zize Zigcinwe Kakuhle

 Ukuqesha izinto zeevidiyo nezipikha kubiza imali eninzi, ibe sizifumana zingasebenzi kakuhle. Ngenxa yaloo nto, siyazithenga ezo sizidingayo. Okwangoku, izikrini eziwusebenzisa kakuhle umbane ezinobude obuzimitha eziyi-5 nobubanzi obuzimitha eziyi-3 ziyi-R443 000. Kanti intambo enye yemic ezimitha eziyi-15 imalunga ne-R370. Ngoko, isebe leBroadcasting lisebenza neSebe Lokuthenga ‘ukuze libale iindleko’ ngaphambi kokuba kuthengwe izixhobo. (Luka 14:28) Ngokomzekelo liye lizibuze, bangaphi abantu abaza kudinga ezi zinto? Ngaba eyona nto sinokuyenza kukuzithenga? Ngaba sinendawo eyaneleyo yokuzibeka, nabantu abaqeqeshiweyo nabakwazi ukuzisebenzisa kakuhle nokuzigcina?

 Ukuze sizigcine zisebenza ixesha elide izixhobo zethu size songe nemali yeminikelo, siye simane sizijonga size sizilungise ukuze zisebenze ixesha elide. Xa zisiwa kwenye iindawo, kuye kusetyenziswe izinto zokufaka ezinkulu ukuze zingamoshakali. Nazo ezi zinto zokuzifaka ziyafuna ukumane zijongwa zize zilungiswe xa kufuneka zilungisiwe.

Ukulungisa izinto zeevidiyo kwenza zisetyenziswe ixesha elide

Indibano Yahamba Kakuhle, NamaNgqina Atsho Aziwa Kakuhle

 Abanye abantu abangengomaNgqina baye banomdla xa bebona iividiyo nomculo kwiindibano zethu. Ngokomzekelo kwenye yeendibano zethu, omnye umntu owayesebenza kwinkampani yebroadcasting ehamba phambili emhlabeni wawuncoma umsebenzi wethu. UJonathan, oncedisa ekwakheni nasekumiseni izixhobo zezandi neevidiyo kwiindibano zethu uthi: “Lo mntu wothuka kakhulu xa weva ukuba eli qela labantu yayingamavolontiya angawufundelanga lo msebenzi. Lo mntu wathi inkampani yakhe yayiza kuthatha iintsuku eziyi-5 iwenza lo msebenzi, kodwa thina uye wasithatha usuku olunye olunehafu.” Omnye umphathi wenye indawo esasiza kungenela kuyo indibano wathi: “Baninzi abantu abaqhele ukwenza umculo neevidiyo apha, kodwa zange ndababona abasebenza njengani. Nisebenza ngathi niwufundele lo msebenzi ibe niwenza kakuhle!”

Abazalwana noodade bamamele indibano

 Uziva njani ngezixhobo zethu zomculo nezeevidiyo kwiiNdibano? Mhlawumbi uziva njengoDavid, ohlala e-England. Uthi: “Ndineminyaka eyi-88, ibe phantse ubomi bam bonke bendisiya kwiindibano. Kodwa le ndlela intsha izinto ezivela ngayo yenza kube lula ukumamela. Ngenxa yezi vidiyo zintle, indibano iyakhawuleza, ibe nomyalezo wazo uye ucace.” UMicheal ohlala eNigeria, uthi, “Ezi vidiyo zenza kube lula kubazalwana ukuba bakwazi ukuva baze babukele kungekho nto ibaphazamisayo, ibe baye bangaphelelwa ngumdla endibanweni.”

 Njengokuba uza kuya kwindibano yeNgingqi enomxholo othi “Shumayela Iindaba Ezilungileyo!” nakwezinye iiNdibano Ezikhethekileyo, uzukhe uziphe ixesha lokucinga ngomsebenzi owenziweyo ukuze ukwazi ukuva uze ubone ucwangciso. Sinibulela kakhulu ngeminikelo yenu, kuquka naleyo yenziwa kusetyenziswa udonate.pr418.com, kuba iye yanceda ukuze uphumelele lo msebenzi. Enkosi.