Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Iiofisi Zokuguqulela Ezinceda Abantu Abaninzi

Iiofisi Zokuguqulela Ezinceda Abantu Abaninzi

MATSHI 1, 2021

 Abaguquleli abangaphezu kweepesenti eziyi-60 basebenzela kwiiofisi zokuguqulela (RTO) endaweni yeofisi yesebe. Kunceda ngantoni ukusebenza ngolu hlobo? Zeziphi izixhobo abazidingayo abaguquleli ukuze basebenze kakuhle eRTO? Indawo abasebenzela kuyo iyichaphazela njani indlela abaguqulela ngayo?

 IRTO inceda abaguquleli bahlale kwindawo ekuthethwa kuyo ulwimi abaguqulela kulo. UKarin, umguquleli wesiLow German, uthi: “Oko safudukela kwiRTO yaseCuauhtémoc, eChihuahua, eMexico, sisoloko sithetha isiLow German xa sincokola nabanye abaguquleli, entsimini naxa sisiyothenga ezivenkileni. Sisoloko sisiva abantu abathetha ulwimi lwethu. Siva izaci namaqhalo esagqibela kudala ukuweva, yaye sibona nendlela olutshintshe ngayo ulwimi olusetyenziswayo.”

 UJames, osebenza neqela eliguqulela isiFrafra, eGhana, uthi ngamanye amaxesha ukhe ayikhumbule intsapho yaseBheteli. Kodwa uthi: “Ndiyakuthanda ukusebenza eRTO. Kundivuyisa kakhulu ukushumayela ngolwimi lwasekuhlaleni nokubona indlela abantu ababonisa ngayo umdla kwiindaba ezilungileyo.”

 Yintoni ekufuneka bacinge ngayo abazalwana xa bekhetha indawo eza kuba kuyo iRTO? UJoseph, osebenza kwiSebe Lokuyila/Lokwakha Kwikomkhulu eWarwick, eMerika, uthi: “Ingxaki kukuba kwiindawo ezininzi awukho umbane namanzi ibe ne-intanethi ayingeni ukuze sikwazi ukufumana umsebenzi oza kuguqulelwa. Ngoko ke, xa sicinga ngendawo eza kuba kuyo iRTO, siye sijonge iindawo ezahlukahlukeneyo ekuthethwa kuzo olo lwimi.”

 Ukuze kwakhiwe iRTO ngokukhawuleza kuze kusetyenziswe kakuhle iminikelo, kuye kwakhiwe kwiHolo YeNdibano, kwiHolo YoBukumkani okanye kwikhaya labavangeli basemazweni yaye abaguquleli baye bahlale ngaphandle. Ukuba akukho sakhiwo, abazalwana baye bafumane imvume yokuthenga iofisi kunye nendawo abaza kuhlala kuyo abaguquleli. Ukuba iyatshintsha indlela elisebenza ngayo iqela labaguquleli, ezi zakhiwo zinokuthengiswa ize imali isetyenziswe apho idingeka khona.

Banezinto Zokuqhubeka Nomsebenzi

 Kunyaka wenkonzo ka-2020, sisebenzise i-R181 274 600 ukuze kunyanyekelwe iiRTO. Abaguquleli abasebenza kwiiRTO badinga iikhompyutha, iinkqubo zekhompyutha zokwenza umsebenzi wabo, izinto zokurekhoda, i-intanethi, amanzi kunye nombane. Ngokomzekelo, ukuze umguquleli ngamnye athengelwe ikhompyutha, oko kunokubiza malunga ne-R10 458. Iikhompuyutha zifakwa inkqubo ethengwayo kunye neWatchtower Translation System, inkqubo abasebenzela kuyo abaguquleli nekufumaneka kuyo iimbekiselo.

 Abaguquleli bafumana izinto zokurekhoda abazisebenzisela ukurekhodela eofisini. Ezi zinto ziye zanceda kakhulu ekuqaleni kweKhorona, kuba abaguquleli abaninzi baye baya nazo ezindlini zabo baza baqhubeka berekhoda izinto ezibhaliweyo neevidiyo.

 Amavolontiya ahlala kufutshane adla ngokuncedisa ngokuhlola izinto eziguqulelweyo aze amanye ancede ngokulungisa izakhiwo zaseRTO. UCirstin osebenza kwiRTO eguqulela isiBhulu, eKapa, eMzantsi Afrika, uthi: “Abavakalisi abaninzi kunye noovulindlela abathe ngxi banethuba lokusebenza apha.”

 La mavalontiya ayalivuyela eli lungelo. Omnye udade osebenza kwenye iRTO uthi: “Ukusebenza apha kufana namanzi abandayo ngemini eshushu.” Abanye abazalwana noodade abahlala kufutshane bancedisa ngamazwi abo xa kurekhodwa. UJuana oguqulela isiTotonac kwiphondo laseVeracruz, eMexico, uthi: “Ekubeni ngoku sihlala kufutshane needolophu ezithetha ulwimi lwethu, kulula ngabazalwana noodade ukuncedisa xa kurekhodwa naxa kusenziwa iividiyo.”

 Ngaba iiRTO ziye zayenza bhetele indlela ekuguqulelwa ngayo? Abantu abaninzi abazifundayo bayavuma. UCédric, osebenza neqela lesiKongo kwiDemocratic Republic of Congo, uyabalisa: “Abanye abazalwana noodade babedla ngokuthi indlela esiguqulela ngayo isiKongo yeyaseWatch Tower, ngenxa yokuba sasingasebenzisi isiKongo esithethwayo. Kodwa ngoku bathi iincwadi zethu ziguqulelwa kwisiKongo esithethwayo ngabantu.”

 UAndile, osebenza neqela eliguqulela isiXhosa, eMzantsi Afrika, naye uthetha into efanayo. Uthi “Abantu abaninzi bathi babonile ukuba ngoku siguqulela ngendlela elula. Nkqu nabantwana ababedla ngokufunda iMboniselo yesiNgesi bayifunda ngesiXhosa ngoku. Bakuthanda kakhulu nokusetyenziswa kolwimi olulula kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo.”

 Zonke iindleko zokwakha, ukulungisa nokunyamekela abasebenzi baseRTO zibhatalwa ngeminikelo yokuzithandela ethunyelwa kumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke, kuquka leyo ifakwa ngo-donate.pr418.com.