Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Iitroli Zeencwadi Ezishumayela Kuzo “Zonke Iintlanga”

Iitroli Zeencwadi Ezishumayela Kuzo “Zonke Iintlanga”

NGOAPRILI 1, 2023

 Ngaphezu kweminyaka elishumi, iitroli zeencwadi bezisoloko zisenza abantu babe nomdla kumsebenzi wethu wokushumayela. Emhlabeni wonke, abantu bayazibona ezi troli ibe bayazazi ukuba zezantoni. Azintlanga nje qha, kodwa kulula ukuzisebenzisa. Inoba nawe uyavumelana nodade wasePoland uAsenata, othi: “Ezi troli zintle, azinanto ininzi, ibe kulula kakhulu ukuzisebenzisa. Akunzimanga nokuhamba nazo.”

 Ngaba wakha wazibuza ukuba ezi troli zenziwe njani?

Zenziwe Ngendlela Encedayo

 Ngo-2001, iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba abazalwana noodade baseFransi bazame iindlela ezahlukeneyo zokushumayela, kuquka nokushumayela kwiindawo zikawonke-wonke besebenzisa neetroli. Bayenza ke loo nto. Ngokomzekelo, basebenzisa iisutikheyisi neetroli zasevenkileni ukuze bafake baze bahambise iimpapasho. Ekugqibeleni, isebe laseFransi lakhetha ukuba ezi troli zimele zibe njani kanye kanye, ibe abavakalisi bazisebenzisa iminyaka emininzi.

Itroli yokuqala eFransi, ngo-2005

 Abazalwana baseFransi bavuya kuba le ndlela yokushumayela yaphumelela. Ngoko ngo-2011, iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kuqaliswe ukushunyayelwa kwiindawo zikawonke-wonke kwidolophu yaseNew York eMerika, kusetyenziswa iitroli neetafile. Oovulindlela ababesebenzisa ezi troli bakhawuleza baqaphela ukuba zininzi izinto ezinceda kuzo, ibe kulula nokuhamba nazo. Baye bacebisa nangendlela ezinokuphuculwa ngayo. Iitroli ezazenziwe ngamaplanga zazinzima ibe kwakungekho lula ukuziphatha xa besihla okanye benyuka izitepsi. Ngoko zenziwa zalula kodwa azabi lula kakhulu ukuba zingade ziwiswe ngumoya. Ezi troli zintsha zenziwe zanamavili amakhulu, ukuze zikwazi ukuhamba kwiindlela ezingekho ntle. Ezi troli ziye zafakwa ibhokisi encinci yokugcina iincwadi.

 Yonke loo nto yaba nemiphumo emihle! Ngoko ngo-2012, iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kusetyenziswe iitroli emhlabeni wonke. Abazalwana bakwazi ukufumana umntu oza kuzenza ezi troli zibe ninzi.

 Kule minyaka idlulileyo, iitroli ziye zatshintshwa kancinci. Ngokomzekelo, ngo-2015, kwenziwa into eyayiza kuyogquma xa kunetha, kodwa ngaphambili zibe zibonakala iimpapasho. UDina, ohlala kwilizwe laseGeorgia, uyithanda kakhulu le nto. Uthi, “Le troli inento yokuyikhusela xa kunetha.” Ngo-2017, kwenziwa iibhodi zemagnethi ezikwaziyo ukuncamathela lula nangezinye iilwimi. Umzalwana wasePoland uTomasz, uthi: “Kwakungumsebenzi onzima ukutshintsha ezaa bhodi zakuqala. Ezi zemagnethi ziwenze walula kakhulu lo msebenzi.” Ngo-2019, kwaphinda kwatshintshwa indlela ezenziwe ngayo ezi troli ukuze zingakhawulezi ziguge.

Ukwenziwa Kweetroli Zeencwadi

 Iitroli zenziwa kwindawo enye zize zithunyelwe ehlabathini lonke. Okwangoku, itroli nje enye yi-R800, singekathethi ngemali yokuyithumela, nezinye iindleko. Sele kusetyenziswe imali engaphezu kwe-R300 miliyon kuzo, ibe emabandleni sele kuthunyelwe ezingaphezu kwe-420 000.

 Ukuze isetyenziswe kakuhle imali yeminikelo, kuye ku-odwe iitroli ezininzi ngexesha. Amabandla ayakwazi uku-oda iindawo ezithile zeetroli ukuze xa kukho indawo emoshakeleyo, ayitshintshe.

Ukushumayela Ngeetroli

 Abavakalisi emhlabeni wonke bayakuthanda ukusebenzisa iitroli. UMartina, waseGhana uthi: “Ngokuqhelekileyo xa sishumayela sithi esiya ebantwini. Kodwa into endiyithandayo ngokushumayela ngeetroli kukuba ngabantu abeza kuthi. Nabantu abagqitha ecaleni kwazo ibakhona into abayifundayo.”

 Kwelinye ilizwe lase-Afrika, kukho indoda eyafika yafuna iimpapasho ngolwimi lwayo. Emva kweveki yabuya isithi: “Ndizifunde zonke ezaa ncwadi, zifundisa izinto ezibaluleke kakhulu. Ndiza kuzinika nabanye abantu endizalana nabo kulaa ndawo ndihlala kuyo,” ekwiiikhilomitha eziyi-500 ukusuka apho. Kwinyanga ezimbini emva koko yabuya yathi: “Abantu kulaa ndawo ndihlala kuyo bazifundile ezi ncwadi ibe bayazithanda izinto abazifundileyo. Bafuna ukuba ngamaNgqina kaYehova. Kodwa banemibuzo. Ngokomzekelo, bayaqonda ukuba ukuze babhaptizwe kufuneka batshoniswe emanzini. Kodwa akukho mlambo ukufuphi nelali yethu. Ngaba kufuneka size apha ukuze sibhaptizwe?” Abavakalisi badibanisa le ndoda novulindlela othetha ulwimi lwayo. Ukususela ngoko, bakuvuyela ukufunda kunye.

 Kuyavuyisa ukubona ukuba iindaba ezilungileyo zishunyayelwa ‘kwiindawo ezininzi emhlabeni ukuze ziviwe zizo zonke iintlanga.’ (Mateyu 24:14) Ifunyanwa phi imali yokuzenza ezi troli? Kwiminikelo eyenziwa ehlabathini, emininzi kuyo eyenziwa ngo-donate.pr418.com. Enkosi kakhulu ngeminikelo yakho.