INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO
Ukunceda Emhlabeni Wonke Ngexesha LeKhorona
JULAYI 1, 2021
NgoMatshi 2020 iWorld Health Organisation yathi iKhorona sesinye sezifo ezingubhubhani. Abantu abaninzi zange bayicinga ukuba kuya kude kuphele unyaka sisekhona esi sifo. Ngenxa yaso, abantu abaninzi kuquka amaNgqina KaYehova baye baphatheka kakubi emizimbeni, ngokweemvakalelo nangokwezemali. Yintoni eyenziwe ngamaNgqina KaYehova ukuze ancede ngexesha lentlekele?
Ukunceda Abo Badinga Uncedo
Ngenxa yeKhorona iKomiti Yabanxibelelanisi yeQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova iye yayalela ukuba kusekwe iiKomiti Zokunceda Kwintlekele ezingaphezu kwe-950 emhlabeni wonke. Ngamanye amaxesha ezi Komiti beziye zilungiselele ukuba abazalwana bafumane uncedo kwiindawo abahlala kuzo. Kwezinye iimeko abazalwana bebeye bancedwe ngurhulumente. Ezi Komiti zikhe zenze namaphulo amakhulu okunceda abantu abadingayo.
Masenze umzekelo ngemeko yaseParaguay. Elinye iphephandaba labhala ngemiphumo yeKhorona kwezoqoqosho. Lathi: “Abantu abaninzi eParaguay abanako ukutya okwaneleyo.” Sekunjalo, iKomiti Yokunceda Kwintlekele eseParaguay yayisele iqalile ukudlulisa ngeepasile ezinokusetyenziswa kangangeeveki ezimbini. Ngaphakathi kuzo kwakukho ukutya, izinto zokuklina nezinto zokuvasa nokuthambisa ezinokwanela iintsapho ezinabantu abane. Ipasile nganye ibiza malunga ne-R429.
Benza ntoni abasebenzi abancedisa kwintlekele ukuze bona nabanye bazikhusele ekosulelweni yiKhorona? Banxiba iimask baze bangasondelelani. Baqinisekisa ukuba amashishini abathenga kuwo ukutya asebenzisa iindawo ezicocekileyo ibe enza izinto zokuzikhusela ekosulelweni yiKhorona. Baye baphinde baqiniseke ukuba abantu abapakisha iipasile banxibe iimpahla zokuzikhusela ibe iimoto neendawo ekugcinwa kuzo ukutya zicocekile. Naxa bedlulisa iipasile baye bangasondelelani nabazalwana ababanikayo.
Ukusebenzisa Kakuhle Iminikelo
Uthe efika uJanuwari 2021 yabe iKomiti Yabanxibelelanisi ivume ukuba kusetyenziswe imali engaphezu kwe-R357 miliyoni ukuze kuncedwe ngexesha leKhorona. Amasebe kunye neeKomiti Zokunceda Kwintlekele ayisebenzisa kakuhle iminikelo ngokuthi athenge izinto ngamaxabiso aphantsi. Ngokomzekelo, eChile, abazalwana ababenceda, babefuna ukuthenga iilentile ezingangeekhilogram eziyi-750. Kodwa emva nje kwenyanga, ixabiso lazo laliselonyuke ngokuphindwe kabini. Emva kweeyure ezimbini bevumile ukuzithenga ngexabiso eliphezulu, usomashishini wabaxelela ukuba kukho umthengi obuyise iilentile ebezithengile. Ngoko ke, endaweni yokubathengisela ngexabiso ababevumelene ngalo, wabathengisela iilentile ezibuyiswe ngumthengi ngexabiso lenyanga edlulileyo.
Kodwa bathe xa abazalwana beyokulanda iilentile, usomashishini akavuma ukubanika kuba wayestihi bafana nje nezinye iinkampani kuba baza kuqhatha abantu xa bedlulisa ukutya. Emva kokuba enze umthandazo omfutshane wangaphakathi, omnye umzalwana wamcacisela ukuba amabandla sele ebuziwe ukuba ngoobani abavakalisi abadinga uncedo. Baphinda bamcacisela ukuba iipasile azifani kuba iintsapho eziza kuzifumana zidinga izinto ezahlukahlukeneyo. Bade bamqinisekisa ukuba amaNgqina KaYehova afumana iminikelo yokuzithandela ibe abantu abancedisayo ngamavolontiya. Wayithanda loo nto. Zange avume nje ukubathengisela ngexabiso elithotyiweyo wathi xa bephinde bazokuthenga uza kongeza iikhilogram zeelentile eziyi-400.
‘Ubungqina Bothando Lokwenene’
ULusu ongumhlolokazi osele emdala eLiberia uhlala nentsapho yakhe enamalugu amahlanu. Ngenye intsasa xa babesitya isidlo sakusasa besenza netekisi, umzukulwana wakhe oneminyaka eyi-7 wabona ukuba ukutya kuphelile endlini. Wabuza: “Siza kutya ntoni?” Wamqinisekisa ukuba sele ethandazile ibe uqinisekile ukuba uYehova uza kubanceda. Kanye ngaloo mva kwemini abadala bebandla likaLusu bamfowunela besithi makazokuthatha ukutya. Ubalisa athi: “Umzukulwana wam uthi uyayazi ukuba uYehova uyayiphendula imithandazo kuba wayiphendula eyam.”
Omnye umfazi waseDemocratic Republic of Congo unabamelwane abangamaNgqina. Emva kokubona abamelwane bakhe bephathelwe ukutya ngabazalwana, wathi: “Siza kuba ngamaNgqina ukuphela kweKhorona kuba abakhathalele abazalwana babo ngexesha elinzima.” Umyeni wakhe wambuza: “Uza kuba liNgqina LikaYehova ngenxa yokutya qha?” Waphendula wathi: “Hayi. Kodwa oko kutya bubungqina bothando lokwenene.”
Ngenxa yeminikelo yenu yokuzithandela, amaNgqina KaYehova aye anikela ngoncedo olukhawulezileyo kubazalwana noodade ngexesha leKhorona. Enkosi ngeminikelo yenu yokuzithandela eniyenze ngeendlela ezahlukahlukeneyo ezichazwe ku-donate.pr418.com.