INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO
Ukwenza Eyona Ncwadi Ibalulekileyo
JANUWARI 1, 2021
“Oko ndilinde iminyaka eyi-19!” Wayelindele ntoni lo mzalwana? Wayelindele INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZesiGrike ngolwimi lwakhe isiBengali. Abantu abaninzi bavuya ngendlela efanayo xa befumana INguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwabo. Wakha wazibuza ukuba yintoni efunekayo xa kuguqulelwa naxa kuprintwa ezi Bhayibhile?
Okokuqala, iqela labaguquleli likhethwa yiKomiti Yokubhala yeQumrhu Elilawulayo. Lithatha ixesha elingakanani ukuguqulela iBhayibhile? UNicholas Ahladis osebenza kwiSebe Lokuguqulela eWarwick, eNew York, uthi: “Zininzi izinto esimele sicinge ngazo, njengokuba bangaphi abantu abaza kube beguqulela, lunzima kangakanani ulwimi ekuguqulelwa kulo, abantu abathetha olo lwimi bayiqonda kangakanani indlela ekwakuphilwa ngayo ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile kunye nendlela oluthethwa ngayo ulwimi kwiingingqi ezahlukahlukeneyo. Ngokomlinganiselo, kunokuthatha unyaka ukuya kwemithathu ukuguqulela iZibhalo ZesiGrike. Ngokuqhelekileyo kuthatha iminyaka emine okanye engaphezulu ukuguqulela yonke iBhayibhile. Kuthatha ixesha elide nangakumbi ukuguqulela iBhayibhile yentetho yezandla.”
Ukuguqulela iBhayibhile akuphelelanga nje kwiqela labaguquleli. Kukho iqela labazalwana noodade elivela kwiindawo ezahlukahlukeneyo nelineminyaka engalinganiyo—abanye babo bevela kwamanye amazwe. Liye lifunde iBhayibhile eguqulelweyo ngaphambi kokuba iprintwe. Xa lisenza oku, aliyibhatalisi intlangano. Lakugqiba ukufunda, liye lithethe ngezinto ezinokunceda ukuba iBhayibhile ibe yechanileyo necacileyo. Umzalwana oseMzantsi Afrika oqeqesha abaguquleli beBhayibhile, uthi: “Siziva sibophelelekile kuYehova nakubantu abaza kufunda iLizwi Lakhe ukuba sivelise inguqulelo echanileyo necacileyo.”
Emva kokuba kugqityiwe ukuguqulela iBhayibhile kufuneka iprintiwe. Ukuze iprintwe, ubuncinane kufuneka izinto eziyi-10: Iphepha, i-inki, izinto zokwenza uqweqwe, iglu, izinto zokubamba uqweqwe, izinto zokuhombisa, imitya, iiheadband, izinto zokuqinisa umqolo weBhayibhile nezinto zokubamba iBhayibhile ukuze idibane. Ngo-2019, kusetyenziswe imali engaphezu kwe-R300 miliyoni ukuze kuthengwe izinto zokwenza iBhayibhile. Kwakulo nyaka mnye, abantu abasebenza kwiSebe Lokuprinta basebenza iiyure ezingaphezu kweziyi-300 000 beprinta kwaye bethumela iiBhayibhile.
“Kuzo zonke iincwadi esiziprintayo eyona ibalulekileyo yiBhayibhile.”
Kutheni sisebenzisa ixesha nemali engaka ukuze siprinte iBhayibhile? UJoel Blue okwiSebe Lokuprinta kwiKomkhulu uthi: “Kuzo zonke iincwadi esiziprintayo, eyona ibalulekileyo yiBhayibhile. Ngoko sifuna indlela ebonakala ngayo izise uzuko kuThixo esimkhonzayo nakumyalezo esiwushumayelayo.”
Asenzi nje INguqulelo Yehlabathi Elitsha eqhelekileyo, siyazenza nezinye zabantu abaneemfuno ezikhethekileyo. Ngokomzekelo, INguqulelo Yehlabathi Elitsha yebraille ifumaneka ngeelwimi ezilishumi. Ukwenza le Bhayibhile kungathatha iiyure ezisibhozo, ibe ukuyigcina yonke kufuna ishelfu enobude obungaphezu kweemitha eziyi-2.3. Zikhona nezinye iiBhayibhile ezenzelwe amabanjwa kwiijele ezingazivumeliyo iincwadi ezinamaqweqwe aqinileyo.
INguqulelo Yehlabathi Elitsha iyabutshintsha ubomi babantu abayifundayo. Masenze umzekelo ngebandla lesiKiluba eliseTombe, kwiDemocratic Republic of Congo. Ukusuka eTombe ukuya kwikomkhulu leli lizwe, ziikhilomitha ezingaphezu kwe-1 700. YiBhayibhile enye kuphela eyayinokusetyenziswa ngabazalwana balapho ibe ulwimi lwesiKiluba eyayibhalwe ngalo lalingasasetyenziswa. Kwakufuneka abazalwana babolekisane ngale Bhayibhile ukuze bakwazi ukulungiselela iintetho zabo. Kodwa ukususela ngoAgasti 2018, bonke abavakalisi beli bandla bafumana INguqulelo Yehlabathi Elitsha epheleleyo ngesiKiluba esithethwayo.
Omnye udade othetha isiJamani uthi xa ethetha ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo ngolwimi lwakhe: “Ngoku andiyifundi nje iBhayibhile kuba ndinyanzelekile, kodwa ndisoloko ndikhangele phambili ekuyifundeni.” Elinye ibanjwa labhala lathi: “Emva kokuba ndifumene INguqulelo Yehlabathi Elitsha, ubomi bam batshintsha. Zange ndaliva ngale ndlela ndiliva ngayo iLizwi LikaThixo ukususela oko ndaqalisa ukufunda le nguqulelo. Ndifuna ukwazi ezinye izinto ngamaNgqina KaYehova nendlela yokuba lelinye lawo.”
Bonke abantu abafunda INguqulelo Yehlabathi Elitsha, bayayixabisa iminikelo eye yanikelwa ukuze yenziwe. Iminikelo ithunyelwa kumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke ngeendlela ezahlukahlukeneyo ezifumaneka ku-donate.pr418.com. Enkosi ngeminikelo yakho.