Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

KWIZINTO ZETHU ZAKUDALA

Bahlala Benokholo Naxa Kwakunzima

Bahlala Benokholo Naxa Kwakunzima

 Emva kwemfazwe yehlabathi yesibini, yonakala kakhulu iYurophu. Eyona nto ivuyisayo kukuba ngelo xesha amaNgqina kaYehova nabanye abantu babekhululwe kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi. Sekunjalo, ubomi babunzima. Njengabanye abantu, amaNgqina kaYehova ayengenakutya, iimpahla, iindawo zokuhlala nezinye izinto ababezidinga. Udade Karin Hartung uthi, “Ngenxa yokunqaba kweendawo zokuhlala, abantu babehlala nabantu abazalana nabo okanye berentisa ngezindlu zabo.” Udade Gertrud Poetzinger, owayekade ekwiinkampu zoxinaniso iminyaka eyi-7 enehafu, wayehlala kwindlu egcina izinto zokusebenza ibe elala estulweni. a

 Bancedwa njani abazalwana ababehlala kwezi ndawo zonakaliswe yimfazwe? Singafunda ntoni kubantu ababephila kwelo xesha lalinzima emva kwemfazwe?

Abazalwana banikwa izinto abazidingayo ukuze baphile

 Intlangano kaYehova yakhawuleza yanceda abantu bakaThixo ababeseYurophu. Umzalwana uNathan Knorr noMilton Henschel ababekwikomkhulu lehlabathi baya kumaNgqina ukuze babone izinto azidingayo. Ngenyanga kaNovemba noDisemba 1945, baya eNgilani, eSwitzerland, eFrance, eBelgium, eNetherlands, eDenmark, eSweden, eFinland, naseNorway. Umzalwana uKnorr wathi, “Sasiqala ukubona indlela imfazwe eyayimoshe ngayo.”

UNathan Knorr uthetha namaNgqina eHelsinki, eFinland, ngoDisemba 21, 1945

 Umzalwana Knorr zange avunyelwe ukuba angene eJamani ngela xesha. Kodwa, umzalwana uErich Frost, owayekhokhela kwiofisi yesebe laseJamani, wayokudibana naye kwelinye ilizwe. b Umzalwana uErich wathi, “Umzalwana Knorr wasinika amacebiso waza wasithembisa nokusinika ukutya neempahla. Ngokukhawuleza, eJamani kwafika ukutya okuninzi kakhulu, umgubo, amafutha, ioatmeal nokunye ukutya. Abazalwana abakwamanye amazwe bathumela iibhokisi zineempahla, iisuti, izihlangu nezinye izinto.” Abazalwana bavuya kakhulu xa befumana ezi zinto, bade bakhala. Enye ingxelo ithi, “Le nto zange yenzeke kube kanye nje qha, kodwa yaqhubeka isenzeka iminyaka emibini enehafu!” c

AmaNgqina aseUnited States anikela ngeempahla ukuze ziye eYurophu

Baqhubeka Besenza Izinto Eziqinisa Ukholo

 Njengoba izinto zaziqhubeka zisiba bhetele, abazalwana baqhubeka besenza izinto eziqinisa ukholo. Yintoni eyabancedayo?

UJürgen Rundel (ngaphambili ekhohlo) ngo-1954 ukunye nabazalwana bakwibandla lase-Spittal an der Drau eliseAustria

 Zange bayeke ukwenza izinto ezibasondeza kuYehova. (Efese 5:15, 16) Le mfazwe yaphazamisa indlela amaNgqina awayedibana ngayo, ibe neencwadi zawo ezifundisa izinto eziseBhayibhileni zazinqabile. Kodwa, emva kwemfazwe akwazi ukuphinda adibane ukuze aqhube iintlanganiso aze ayokushumayela njengakuqala. Umzalwana uRundel, ohlala eAustria, uthi: “Incwadi ethi Informant d nabaveleli basikhuthaza ukuba singayeki ukwenza izinto ezisisondeza kuYehova.” Wongeza athi: “Into eyayibalulekile kuthi yayinguYehova, uYesu, ukufundisisa iBhayibhile, nomsebenzi wokushumayela. Sasingavumeli ukuphazanyiswa zizinto ezifana neTV.”

 Udade Ulrike Krolop uthi: “Ndikhumbula indlela endandiye ndonwabe ngayo xa ndiye ndafunda, ndaphanda ndaze ndacingisisa ngezinto ezisuka eBhayibhileni. Umyeni wam wayengumzekelo omhle kule nto. Qho xa sifumana iMboniselo entsha, wayeyeka yonke into ebeyenza aze ayifunde.” UKarin, ebekukhe kwathethwa ngaye ngasentla, uthi: “Ngexesha lemfazwe, ndikhumbula indlela izinto zethu ezazikhawuleza ngayo ukulahleka. Kodwa nangona iincwadi zethu ezisekelwe eBhayibhileni zazingafiki kakhulu, sasizifumana izinto ezenza ukholo lwethu luhlala luqinile. UYehova wabasikelela abakhonzi bakhe abahlala bethembekile kuye.”

U-Ulrike Krolop

 Saphinda saqalisa ukushumayela. (Mateyu 28:19, 20) Ngenxa yemfazwe, amaNgqina kaYehova ayengawenzi umsebenzi wokufundisa nokushumayela ngokukhululekileyo. Umzalwana uFriedhelm ukhumbula into eyenzeka emva kwemfazwe, uthi: “Wonke umntu wabuyela kumsebenzi wokushumayela.” U-Ulrike uthi: “INgqina lokuqala elathetha ngomyalezo woBukumkani kusapho lomyeni wam, lalisanxibe iimpahla ezazinxitywa kwiinkampu zoxinaniso! Kucacile ukuba wawuqalisa lo msebenzi wokushumayela ngoko nangoko.” UJürgen uthi, “Emva kwemfazwe, wonke umntu wayezimisele kumsebenzi wokushumayela. Abazalwana noodade abasebatsha baqalisa ukuba ngoovulindlela abathe ngxi.”

 Udade Ulrika uthi: “Iidolophu ezaziye zachaphazeleka kwimfazwe, kwakungekho lula ukuphila kuzo.” Abantu abaninzi babehlala kwizakhiwo ezazimoshakele! Babefunyanwa njani ngamaNgqina? U-Ulrike, owaba nentsapho engamaNgqina emva kwemfazwe uthi: “Sasiye sijonge ukukhanya okusuka esibaneni, okanye sijonge umsi ophuma kumbhobho westovu okhupha umsi.”

 Babekhuthazana. (1 Tesalonika 5:11) Ngexesha lemfazwe, amaNgqina kaYehova amaninzi ayephethwe kakubi. Kodwa emva kwemfazwe, zange abe ethetha ngendlela awayephethwe kakubi ngayo, kodwa ayekhuthazana. Ayevuya kakhulu kuba ukholo lwawo luye lwavavanywa. Lo nto yabonisa indlela athembeke ngayo kuYehova. (Yakobi 1:2, 3) Umzalwana uJohannes, ohlala eUnited States ngoku uthi: “Umveleli wesiphaluka wethu owayekwiinkampu zoxinaniso wayesoloko esikhuthaza, esibalisela amabali ngendlela uYehova awabanceda ngayo abanye abazalwana noodade. Ezi zinto wayesibalisela zona zaziluqinisa ukholo lwethu.”

 Xa kwaphela imfazwe, abazalwana noodade baqhubeka benobuhlobo obusondeleyo noYehova. Umzalwana uJohannes uthi: “babekhumbula indlela awayebakhusela ngayo xa babesezinkampini nendlela awayeyiphendula ngayo imithandazo yabo.” Njengoba sekutshiwo, la maNgqina akhululekileyo aqhubeka esenza izinto eziqinisa ukholo, eziquka ukufunda iBhayibhile yonke imihla, ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokubakhona kumsebenzi wokushumayela. Udade Elisabeth, owayeye kwindibano eseNuremberg eyayingo-1946 uthi nangona aba dade naba bazalwana baphumileyo kwiinkampu “babengekabuyeli eziqwini zabo eziqhelekileyo ibe babengomelelanga, kodwa bawuvumela umoya oyingcwele wabenza batshiseka, baze bababalisela ngendlela ebabephila ngayo.”—Roma 12:11.

U-Karin Hartung

 Basondelelana namanye amaKristu. (Roma 1:11, 12) UDade Karin uthi: “Ngexesha lemfazwe amaNgqina ayengakwazi ukuhlala edibene ngokukhululekileyo ngenxa yendlela awayecinezeleke ngayo. Ayengabonani qho, engafuni ukubeka esichengeni ubomi babanye abazalwana noodade kwabasemagunyeni.” Ewe kona, yonke lo nto yatshintsha kusokuphela imfazwe. Umzalwana uFriedhelm uthi: “Ngoku aba bazalwana noodade babesenza izinto kunye, iintlanganiso nomsebenzi wokushumayela yayiyeyona nto yayibalulekile ebomini babo.”

 UDietrich ongumdala waseJamani uthi: “Emva kweentsuku ezimbalwa iphelile imfazwe, ayembalwa kakhulu amaNgqina awayeneemoto. Sasihamba ngeenyawo xa sisiya kwiintlanganiso, kodwa sasiye sihambe singamaqela. Ukuba kunye qho kwasenza sasondelelana kakhulu. Yayingathi siyintsapho.”

Izinto esizifundayo

 Namhlanje, abakhonzi bakaYehova banyamezele izinto ezinzima ezenziwa ziintlekele zemvelo, ukugula, iimfazwe, ukutshutshiswa nokunyuka kwamaxabiso ezinto. (2 Timoti 3:1) Kodwa akufunekanga sibe nexhala kakhulu. Ngoba? Umzekelo wabazalwana noodade baseJamani abahlala bathembekile ngexesha lamaNazi, usenza siqiniseke nathi ukuba uThixo uza kusikhusela, aze asixhase ngeli xesha lemihla yokugqibela. Ngoko sifuna ukulinganisi umpostile uPawulos owabhala wathi: “Ukuze sibe nesibindi size sithi: ‘UYehova ungumncedi wam; andizukoyika. Angandenza ntoni umntu?’”—Hebhere 13:6.

a Funda ibali lobomi likadade Poetzinger lesiNgesi elithi, Putting the Kingdom First in Postwar Germany.”

b Funda ibali lobomi likamzalwana uFrost lesiNgesi elithi, Deliverance From Totalitarian Inquisition Through Faith in God.”

c Ukuze ufunde nezinye izinto ngendlela ekwashunyayelwa ngayo emva kweMfazwe Yehlabathi Yesibini, jonga inqaku elithi “Benza Konke Okusemandleni Abo,” nebhokisi ekwiphepha 211218, no-219 kwincwadi ethi UBukumkani BukaThixo Buyalawula!

d Ngoku amabandla asebenzisa incwadi ethi Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso.