KWIZINTO ZETHU ZAKUDALA
Bakhonza UYehova Nangona Beneengxaki Zemali
Kumazwe amaninzi kuye kusiba nzima ukuba abantu babe nemali eyaneleyo yokuziphilisa, ibe lento iyenzeka nakumaNgqina kaYehova. Kunokuba abe nestress okanye ixhala, amaNgqina amthembile uYehova kuba esazi ukuba ‘akasoze abalahle’ abakhonzi bakhe. (Hebhere 13:5) Uyayenza lento wayithembisayo. Wayenza nakwiiPhilippines, kuba abantu abaninzi kwela lizwe bayasokola. Ngoo-1970 noo-1980, kwakunzima kakhulu kwela lizwe.
Omnye udade onguVicky a uthi: “Ndandiye ndilile kuba kungekho kutya. Ngamanye amaxesha sasiye sibe nerayisi, ityuwa, namanzi kuphela.” Umzalwana uFlorencio wayengawufumani umsebenzi. Uthi: “Ndandinesheti neblukhwe ezintathu endandizintshintsha xa ndisiya kwiintlanganiso nakwiindibano.” Abantu bakaYehova bayinyamezela njani lento? Yintoni eyabancedayo ukuze bahlale benekholo ibe umzekelo wabo ungasinceda njani njengokuba siphila kumaxesha anzima?
Athemba UYehova
AmaNgqina akwiiPhilippines ayeqinisekile ukuba uYehova uza kuwanceda kweli xesha linzima. (Hebhere 13:6) Wayenza nyhani loo nto. Ngokomzekelo, udade ogama linguCecille uthi: “Sibayi-4 endlini. Emva kokuba sipheke ikomityi yokugqibela yerayisi, sasingenanto yokutya. Ngoko saye sathandazela izinto esasizidinga ngolo suku. Sathi sisatya kwafika umzalwana ephethe i-5kg yerayisi. Ndlela le sasivuya simbulela ngayo uYehova sade sakhala. Izinto ezinje zaqhubeka zisenzeka.”
Enye into, abantu bakaThixo babesebenzisa amacebiso abawafumana eBhayibhileni. (IMizekeliso 2:6, 7) Ngokomzekelo, omnye udade owayesandul’ ukubhaptizwa uArcelita, owayesokola nowayengatshatanga ngelo xesha wathandaza kuYehova. Wacinga ngeMizekeliso 10:4, ethi: “Izandla zevila ziya kubangela indlala, kodwa izandla zokhutheleyo zizisa ubutyebi.” Ecinga ngala mazwi, waye wazenzela igadi. Uthi: “UYehova wandisikelela kakhulu. Ndatyala ukutya okwaneleyo ukuze ndikwazi ukuthengisa ndize ndikwazi ukufumana imali yokukhwela.”
Babengaziphosanisi Nokudibana Kunye
Abazalwana babengenayo imali yokuthenga umhlaba baze bakhe iiHolo zoBukumkani. Kodwa loo nto zange ibenze bangawuthobeli umyalelo othi masidibane kunye size sikhuthazane. (Hebhere 10:24, 25) Bahambisana neemeko zabo. Ngokomzekelo, omnye udade onguDeborah uthi: “Sasibayi-6 singena iintlanganiso kwindlu encinci eyayakhiwe ndim nomnye udade owayenguvulindlela endandisebenza naye. Sasebenzisa imithi eshinyeneyo yosundu (nipa palm) ukwenza uphahla, senza udonga ngemithi yekhokhonathi, izitulo sazenza ngeziqobo zemithi yosundu (palm trees).”
Kwiindawo ezininzi, kwakungenelwa kumakhaya abazalwana noodade. Omnye udade onguVirginia uthi: “Indlu yethu encinci yayenziwe ngengca nezibonda. Kwakufuneka sibhekelise izinto ethu qho ngoMgqibelo kuba kuza kungena iintlanganiso ngeCawa.” Kwelinye ikhaya uphahla lwaluvuza. Omnye umzalwana onguNoel uthi: “Xa kunetha kwakufuneka sibeke amabhakethi kwezo ndawo zivuzayo. Kodwa ezi zinto zazingasiphazamisi kakhulu kuba sasikunye nabazalwana noodade.”
Baqhubeka Bewukhuthalele Umsebenzi Wokushumayela
Ukusokola akuzange kwenze amaNgqina angawukhuthaleli umsebenzi wokushumayela. ULindina ohlala kwisiqithi saseNegros, uthi: “Ekhaya sibaninzi kakhulu ibe yayinguTata kuphela osebenzayo, ngenxa yaloo nto sasingasoloko sinayo imali yokukhwela. Ngoko sasisiya entsimini ngeenyawo. Kodwa kwakuba mnandi kuba sasibaninzi. Sasiyazi nokuba uYehova uyavuyiswa ngumsebenzi esiwenzayo.”
Enye ingxaki esasiba nayo kuxa siyokushumayela kwiindawo ezikude nezisentabeni, kuba zaziba mbalwa okanye zingabikho izinto zokukhwela. UEsther ohlala kwisiqithi saseLuzon, uthi: “Xa siyokushumayela sasiye sivuke ekuseni siliqela lamaNgqina ayi-6 okanye ayi-12, kuba yayinde indlela ekwakufuneka siyihambe. Sasiye sishumayele imini yonke. Sasihamba nokutya kwethu okuphekiweyo esasikutya sihleli phantsi kwemithi. Abanye abazalwana noodade babengenanto yokutya kodwa babesiza. Sasidla ngokuthi: ‘Ningabi nexhala, kuza kusonela sonke oku kutya.’”
UYehova wabasikelela kakhulu ngokuzincama. Ngokomzekelo, ngo-1970, kwakukho abavakalisi abayi-54 789 kwiiPhilippines. Ngo-1989, eli nani laphindaphindeka laba ngabantu abayi-102 487. Ngo-2023, abashumayela boBukumkani kwiiPhilippines baba yi-253 876.
“Ukusokola Zange Kusenze Singamthembi UYehova”
Nangona amaNgqina ayeneengxaki zemali, ubuhlobo babo noYehova babuqinile. Umzalwana uAntonio uthi: “Ukusokola zange kusenze singamthembi uYehova. Udade Fe Abad uthi: “Xa mna nomyeni wam sasingenazinto, sasisondela ngakumbi kuYehova, sonwabe size sanele zizinto esasinazo. Loo nto yabangela ukuba nabantwana bethu bamthembe.”
ULucila, ohlala kwiSiqithi saseSamar uthi: “Ukusokola akuyongxaki ingako xa sikhonza uYehova. Xa sibeka uThixo kuqala siyakwazi ukwaneliseka size sihlale sivuya. Enye into endivuyisayo kakhulu kukuba izifundo zam zeBhayibhile ziye zamazi uYehova, nazo zaba ngoovulindlela njengam.”
Njengokuba siseza kudibana neengxaki, simele siwakhumbule amazwi awathethwa ngumzalwana ongumdala onguRodolfo, owathi: “Njengokuba ndandiphila nzima kumaxesha aphakathi koo-1970 noo-1980, ndiye ndasibona isandla sikaYehova ebomini bam. Nangona ndandinemali encinci, akukho nto ndandiyidinga. UYehova wayendihoyile, ndiphila ubomi obumnandi kakhulu ngoku, ibe ndijonge phambili ‘kubomi benene’ kwiparadesi ezayo.”—1 Timoti 6:19.
a Amanye amagama atshintshiwe.