Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IZINTO ZETHU ZAKUDALA

Intlangano Eyafundisa Inyaniso EseBhayibhileni

Intlangano Eyafundisa Inyaniso EseBhayibhileni

 Ngo-1917, abafundi beBhayibhile ngoku abaziwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova, aqalisa ukushumayela kubantu baseMexico. Kwiminyaka elandelayo, abantu abaninzi ababenomdla baqalisa ukukhonza uYehova. Kodwa ngemfazwe yehlabathi yesibini urhulumente waseMexico zange ayithande into yokuba sishumayela size singene iintlanganiso. Phofu eyona ngxaki yakhe yayiyindawo esasizenzela kuyo ezi zinto.

 Ngelo xesha, umthetho waseMexico wawusithi zonke izinto zenkonzo zimele zenzelwe kwizakhiwo zikarhulumente. Le nto yaye yayingxaki kuba iindibano zethu sasiziqhubela kwizakhiwo ezisetyenziswa ngabantu bonke, iintlanganiso zaphakathi evekini zona kwizakhiwo zaMangqina kaYehova. Enye into, sasishumayela ezitratweni nakwindlu ngendlu.

 Ukuze singophuli mthetho, ngo-1943 sayobhalisa ukuba singumbutho wasekuhlaleni ongabhatalwayo, onceda abantu bafunde izinto eziza kuphucula ubomi babo. Le nto yayithetha ukuba ngoku, sasiza kukwazi ukwenza izinto njengombutho wasekuhlaleni. Ngenxa yalo nto, sasinganyanzelekanga ukuba sishumayele okanye sidibane kwizakhiwo zikarhulumente kuphela.

 Enye yezinto esasizenza, kukuncedisa ekuhlaleni ibe sifundisa. Le nto ithetha ukuba sasizenza zonke izinto urhulumente awayezijonga ukuze sibe yintlangano yasekuhlaleni engabhatalwayo nesemthethweni. (Roma 13:1) Yonke le nto sasiyenza kuba sasifuna ukufundisa abantu inyaniso eseBhayibhileni. (Isaya 48:17, 18) Sakhawuleza sabona ukuba uYehova uyayisikelela le ndlela senza ngayo. Abantu abaninzi baye bangena enyanisweni. AmaNgqina asekhona namhlanje ayikhumbula kakuhle lo nto.

Satshintsha Indlela Esasishumayela Ngayo

 Owona msebenzi wethu eMexico yayikukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Njengompostile uPawulos, sasiyitshintsha indlela esasishumayela ngayo ukuze ilungele iimeko. (1 Korinte 9:20-23) Ngokomzekelo, xa uPawulos wayethetha namadoda aseAthene kwiAriyopago, zange athethe ngezibhalo ngokungqalileyo. (IZenzo 17:22-31) Nathi ngendlela efanayo sasingayiphathi iBhayibhile okanye sincokole ngayo entsimini.

AmaNgqina ashumayela engayiphathanga iBhayibhile, ngo-1945

 UIsabel uthi, “Sasiye sizazise njengabantu abasuka kumbutho wasekuhlaleni ofundisa abantu, ibe ndandiye ndisebenzise amanqaku akwiVukani angathethi ngeBhayibhile ngokungqalileyo. Xa umninimzi efuna ukwazi ngoThixo sasiye simfundise inyaniso eseBhayibhileni.” Yena uAurora uthi, “Kwakufuneka izibhalo sizazi ngentloko kuba sasingaziphathi iiBhayibhile.” Ibe abantu entsimini babevuya xa sisebenzisa ezabo iiBhayibhile.

Sasikulungele ukuthethelela umsebenzi wethu wokushumayela kwindlu ngendlu

 Xa abantu besithi umsebenzi wethu awukho semthethweni, sasikwazi ukubacacisela kakuhle. (Filipi 1:7)Sasincedwa nakukuba sasinobungqina obusuka kurhulumente. a UMaria uthi: “Sasisoloko siphatha ikhadi elalisayinwe ngunobhala wemicimbi yakwamanye amazwe.” USamuel yena uthi: “Xa simiswe ngabasemagunyeni baze basibuze ukuba senza ntoni, sasiye sibabonise elikhadi lethu.”

 Lalisinceda kakhulu eli khadi xa sichaswa. Ngokomzekelo, uJesús owayekhonza eJalisco State uthi: “Ngo-1974, kwabakho igquba labantu elalikhokelwa ngumfundisi ibe lathatha mna, omnye umzalwana nenkosikazi yakhe. Lasisa kwabasemagunyeni kumasipala wasekuhlaleni kuba lifuna ukusiyekisa umsebenzi wethu. Sathi sakubonisa abasemagunyeni amakhadi ethu, wonke umntu wazola. Emva kokuba sincedwe ngabasemthethweni, sakwazi ukuqhubeka sishumayela ekuhlaleni kubantu abanomdla. Namhlanje, maninzi kakhulu amabandla kula ndawo.”

Saba neeklasi zokufundisa iBhayibhile nokufundisa ukubhala

 Kuba sasingumbutho okhuthaza imfundo saqalisa ukuba neeklasi apho sasifundisa abantu ukufunda ibe abantu babengabhatali kuzo. b UAriel uthi: “Le nto yenziwa ngexesha elifanelekileyo, kaloku ngalo minyaka abantu abaninzi babengayanga esikolweni, kodwa babekufuna nyhani ukufunda iBhayibhile. Sasiye sibafundise ukufunda nokubhala, ibe kungaphelanga xesha lide abantu baye baqalise ukufunda iBhayibhile kunye nathi.”

 URuth uthi: “Xa abantu esasibafundisa babeqalisa ukukwazi ukudibanisa onobumba namagama, babekhawuleza bahambele phambili kwisifundo seBhayibhile. Xa bekwazi ukufunda nokubhala, babeye bavuye kakhulu kuba besazi ukuba benze into entle kakhulu. Emva koko, sasibabukela besondela kuYehova nakakhulu.”

 AmaNgqina kaYehova abhaliswa njengombutho ofundisa abantu ngo-1943 ukuya ku-1993. Ngelo xesha sanceda abantu abangaphezu kwabayi-127 000 ukuba bakwazi ukufunda nokubhala, kanti abangaphezu kwabayi-38 000 sasibanceda baphucule indlela yokufunda nababebhala ngayo.” Urhulumente wasincoma kakhulu “ngokunceda abantu bakwazi ukufunda nokubhala. (Roma 13:3) Ngokomzekelo, ngo-2010 saye sanikwa into engumbulelo ngokuba sichithe iminyaka sinceda abantu baseMexico baphucula ubomi babo baze bakwazi ukufunda elizweni lonke.”

Iindawo Esasidibanela Kuzo

 Ngenxa yokuba sasibhalisiwe, iindawo esasidibanela kuzo zazingathi ziiklasi. Ibe sasizibiza ngokuba ziiholo zemfundo yasekuhlaleni. Kuzo sasiqhuba iintlanganiso size sifundise nabantu ukubhala nokufunda.

 UÁngel uthi: “Ezi holo zazisiba kumakhaya abazalwana noodade, ibe abaninzi kubo babengena zinto zininzi. Ndandibathanda kuba babekulungele ukuhlala kwindawo encinci ukuze kungene iintlanganiso kwelinye icala lendlu yabo.”

 Sasibadinga abantu ababezozincama ngolo hlobo. UÁngel uthi xa ethetha ngeentlanganiso zebandla: “Ngamanye amaxesha sasiye sibe baninzi kakhulu kwiintlanganiso de abanye kufuneke beme phandle. Xa sizogqabaza, sasikroba ngeefestile. Kwakuba mnandi nyhani kwiintlanganiso.”

 Ukuze singabi sengxakini, sasingakhwazi xa sicula okanye sithandaza. UEdmundo uthi: “Xa kusenziwa Intetho Efundisayo ngoku ebizwa ngokuba yintetho yesidlangalala, isithethi sasiye sithethe ngezinto ezifundiswa yiBhayibhile ukuze sincede abantu baphucule nobomi babo.” Ngokuya kuhamba ixesha saye sayeka ukusebenzisa amagama eencwadi eziseBhayibhileni. Abantu babesazi njani ukuba sesiphi esi sibhalo kuthethwa ngaso? UManuel uthi: “Xa kuthethwa ngeSityhilelo isahluko 21 ivesi 3 no-4, sasiye sithi ‘Incwadi ye-66, 21, 3 no-4.’” UMoises yena uthi: “Le nto yayithetha ukuba kufuneka sizazi iincwadi zeBhayibhile ukuba zezesingaphi okanye zileliphi inani, ukuze sifumane isibhalo.”

Izinto Esinokuzifunda Kwindlela Esasisenza Ngayo EMexico Kudala

 Indlela intlangano yethu ebizenza ngayo izinto eMexico ibifana nendlela ebizenza ngayo kwamanye amazwe. Nangona kwakukho izinto ekwakungavumelekanga ukuba sizenze xa sikhonza, uYehova wayewusikelela kakhulu umsebenzi wethu. Ngo-1943, xa sabhaliswa njengombutho osemthethweni, kwakukho abavakalisi abayi-1 565 eMexico. Ngo-1993 saye samkelwa ngokusemthethweni njengenkonzo. Ngaloo nyaka, abavakalisi babe malunga ne-366 177. Aba bavakalisi basebenza nzima laza landa nenani labo. Kwathi kufika u-2021, babe aba bavakalisi bemalunga ne-864 633. Yintoni esinokuyifunda kule ngxelo?

 Tshintsha xa kuvela ingxaki. Ukwenza loo nto kwasinceda eMexico, umsebenzi wethu watsho wasemthethweni kangangeminyaka eyi-50. UMario uthi: “Ngamanye amaxesha ndandizibuza ukuba kutheni thina singamkhonzi uYehova ngendlela akhonzwa ngayo kwamanye amazwe. Nangona kunjalo andizange ndive nomnye umntu owayeyithandabuza indlela intlangano eyayizenza ngayo izinto. Sisoloko siqinisekile ukuba uYehova uyabalathisa abantu bakhe. Ngoko yiyo le nto sisoloko sithobela.”

 Xakeka ngumsebenzi kaYehova. UGuadalupe uthi: “Sasixakeke kakhulu ngumsebenzi wokushumayela kangangokuba sasingazikhathazi ngezinye izinto. Sasivuyela nje ukukhonza uYehova kuba yayiyeyona nto ibalulekileyo leyo.”

 Hlala usondele kwamanye amaKristu. UAnita uthi: “Izinto esasingakwazi ukuzenza eholweni, ezifana nokucula iingoma zoBukumkani, sasiye sizenze emakhayeni ethu. Sasisoloko sichitha ixesha elininzi kunye. Xa sidibene sasisoloko sincokola ngezinto ezikhuthazayo.”

 UFlorentino yena uthi: “Xa ndicinga ngazo zonke izinto ezenzekayo, ndabona ukuba zenzeke ukuze zisifundise into ethile ebalulekileyo. Enoba umsebenzi wethu wawuchaswa, icacile into yokuba uYehova wayesikhokela.”

a Eli khadi lalisetyenziselwa ukucacisa ukuba singoobani kuphela. EZibhalweni akukho nto ithi umKristu ufanele abe nemvume esuka kwabezomthetho ukuze achazele abamelwane bakhe ngendaba ezilungileyo eziseBhayibhileni. Kule mihla akukho Ngqina likaYehova elizama ukufumana ikhadi ngolu hlobo.

b Iingcali zithi ngoo-1940 nangoo-1950, ihafu yabantu baseMexico yayingakwazi ukubhala

Iintsapho zamaNgqina eChihuahua, eMexico, zidibene phambi kwendawo ezingenela kuyo iintlanganiso. Olu phawu lubhalwe ngeSpanish, luthi: “IHolo Ekufundelwa Kuyo Ekuhlaleni,” ngo-1952

AmaNgqina kwiofisi yesebe ekwidolophu yaseMexico, apho kukho uphawu olubhalwe ngeSpanish, oluthi: “The Watchtower, Umbutho Wasekuhlaleni,” ngo-1947

AmaNgqina amabini ahambisa iMboniselo yeSpanish kwiilali zaseHidalgo, eMexico, ngo-1959

AmaNgqina afumana ikhadi kurhulumente, awayelisebenzisa xa eshumayela

Ngo-2010, uNobhala Wezemfundo WaseMexico wanika amaNgqina kaYehova iaward ngenxa yomsebenzi wawo wokufundisa abantu ukufunda nokubhala

Kuba amaNgqina kaYehova ayebhaliswe njengombutho wasekuhlaleni, akwazi ukuba nendibano enkulu ngo-1969