Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

KWIZINTO ZETHU ZAKUDALA

Ukumanyana Kwilizwe Elinocalucalulo

Ukumanyana Kwilizwe Elinocalucalulo

 Ukususela ngo-1948 ukuya kutsho ekuqaleni koo-1990, iipolitiki zaseMzantsi Afrika zazibacinezela abanye abantu. a Abantu bezinye intlanga babephathwa kakubi. UKallie owayekwiqela lamakhaladi ngexesha localucalulo uthi: “Nabantu abangekho mhlophe babecalucalulana bodwa.”

 AmaNgqina kaYehova aseMzantsi Afrika aneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Ayesenza njani ngexesha localucalulo? Ibe izinto ezazisenzeka kuwo zisifundisa ntoni?

Abantu Ababengalufuni Ucalucalulo Baqalisa Ukutoyitoya

 EMzantsi Afrika abantu ababengalufuni ucalucalulo baqalisa ukutoyitoya. Abaninzi ababephikisana nemithetho karhulumente babebanjwa, abanye bebulawa. Ngenxa yaloo nto, baqalisa ukuba nobundlobongela kakhulu. AmaNgqina kaYehova wona athobela abasemagunyeni ibe ayengazingeni ezetoyitoyi okanye azame ukutshintsha urhulumente. Awalinganisa nyhani amaKristu exesha labapostile awayehlala ‘ebathobela abasemagunyeni.’—Roma 13:1, 2.

 Amaxesha amaninz,i abantu babewanyanzela amaNgqina kaYehova ukuba athathe icala. Kodwa ukuthatha icala kwakuza kuwenza azibone sele exhasa imilo yeepolitiki, okanye ade alwe nabazalwana noodade. Ngokomzekelo, uThembsie uthi: “Xa kwakutoyitoywa ngo-1976, abantwana abaninzi besikolo babenyanzelwa ukuba nabo bancedise. Abantwana besikolo abatoyitoyayo babehamba bengena yonke imizi, bekhangela abanye abantwana abaza kubancedisa. Xa ungavumi babesenokutshisa ikhaya lakho okanye bakubethe ude ufe.” Enye inkokheli yeepolitiki yathi kumzalwana ekuthiwa nguTheophilus, “Xa sigqibile ngabantu abamhlophe, siza kuwe sizobulala wena kuba khange ulilwele ilizwe lakho.”

Babedibana Kunye Kwilizwe Elalinocalucalulo

 Kwakunzima kakhulu ngexesha localucalulo, kodwa amaNgqina kaYehova aseMzantsi Afrika aqhubeka edibana ukuze akhonze kunye. (Hebhere 10:24, 25) Amanye amabandla ayengakwazi nokwakha iHolo yoBukumkani kuba ngexesha localucalulo abantu abaninzi babesokola. b UEnver uthi: “Kwaphela iminyaka siqesha iindawo ezazikwimeko embi kakhulu. Ngoko utata wathi ikhaya lethu lingasetyenziswa ukuze kuqhutyelwe kulo iintlanganiso. Kabini ngeveki indlu yethu sasiyenza iHolo yoBukumkani. Ngamanye amaxesha kwakukhe kuze abantu abangaphezu kwabayi-100. Emva kweentlanganiso sasikuvuyela ukubonisana uthando.”

AmaNgqina amhlophe namnyama adibene kunye, ngoAprili 1950

Indibano yeentlanga ezingafaniyo, eRand Stadium, eJohannesburg, ngo-1980

 Abazalwana baye bafumana iindlela ezilumkileyo zokumelana neengxaki ezazibangelwa kukucalulana. Ngokomzekelo kumhlangano wesiphaluka owawukwiphondo laseLimpopo, umzalwana omhlophe akazange avunyelwe ukuba ayokwenza intetho kwindawo yabantu abamnyama. Ngoko wadibana nomnye umntu omhlophe owayenefama esecaleni kwendawo yabantu abamnyama baza benza icebo, loo ndibano yesiphaluka yaqhutywa lo mzalwana wayesenza intetho emi ngaphakathi kulo fama bona abantu ababemamele bemi ngapha kocingo.

Ukushumayela Kwindawo Ehlala Amaqela Abantu Abangafaniyo

 Ngexesha localucalulo, iintlanga zazihlaliswa kwiindawo ngeendawo. Ngenxa yalo nto, ibandla laliba nabantu bohlanga olunye. AmaNgqina kaYehova aseMzantsi Afrika kwakufuneka emane eyitshintsha indlela awenza ngayo umsebenzi wokushumayela. Ngokomzekelo, kwakubakho iingxaki xa kufuneka eshumayele kwiindawo ekwakungafane kushunyayelwe kuzo. UKrish owayekwiqela lamandiya ngexesha localucalulo, uthi: “Yayingabantu abamhlophe qha ababevumelekile ukulala kwezinye iindawo. Ngoko sasilala ezimotweni okanye ngaphantsi kwemithi. Xa sivuka sasiye sivase egarage. Ngamanye amaxesha nezondawo sasivasela kuzo zaziba nombhalo obonisa ukuba ‘zezabantu abamhlophe qha.’ Kodwa abazalwana babekukhuthalele kakhulu ukushumayela, ibe bekuthanda nokuncokola nabantu ababenomdla ezilalini.”

AmaNgqina aziintlanga ezingafaniyo ashumayela ezilalini, ngo-1981

 Nangona kwakukho ezi ngxaki, amaNgqina kaYehova aya esiba maninzi. Xa iapartheid yaba semthethweni ngo-1948, kwakukho abavakalisi abayi-4 831 eMzantsi Afrika. Xa yayiphela ngo-1994, abavakalisi babesele beyi-58 729. Baqhubeka besanda kangangokuba ngo-2021 abavakalisi eMzantsi Afrika bafikelela ku-100 112.

Babethandana Nangona Babephakathi Kwabantu Abacaphukelanayo

 Ngexesha localucalulo, amaNgqina kaYehova aseMzantsi Afrika ayephila kwilizwe elalisaziwa ngokunyanzela abantu ukuba bahlale kwiindawo ezithile ngokohlanga lwabo. Sekunjalo, babesebenza nzima ukuze babonisa ukuba bathanda abantu beentlanga zonke, ibe babekhuthaza nabanye kuba benze njalo. Babeyenza lo nto ngokuphila ngemigaqo yeBhayibhile ibe beyifundisa nabanye. (IZenzo 10:34, 35) Babethandana nangona babephakathi kwabantu abacaphukelanayo.—Yohane 13:34, 35.

 Ngo-1993, amaNgqina kaYehova aba nendibano yabantu beentlanga ezahlukahlukeneyo eMzantsi Afrika. Aya e-airport ukuze amkele lawo ayesuka kwamanye amazwe. Ngelo xesha kwakukho enye inkokheli yeepolitiki eyaziwayo eyayibukele, yathi: “Ukuba sonke besimanyene njengani, ngesazilungisa kudala iingxaki esinazo.”

UMilton Henschel, osuka KwiKomkhulu Lehlabathi LamaNgqina KaYehova uthetha kwindibano enkulu yeentlanga ezahlukeneyo yamaNgqina, ngo-1955

Kwisebe lamaNgqina kaYehova laseMzantsi Afrika, abazalwana abamhlophe nabamnyama basebenza kunye, ngo-1986

UThomas Skosama (ongasekhohlo) noAlfred Steynberg, esekukudala bengamaNgqina basendibanweni, ngo-1985

AmaNgqina aziintlanga ezahlukeneyo aphaka ukutya endibanweni, ngo-1985

AmaNgqina amaninzi aziintlanga ezahlukeneyo adibene eFNB Stadium, eJohannesburg, ngo-2011

a Iapartheid yayinyanzela abantu ukuba bahlale kwiindawo ezithile ngokohlanga lwabo. Ngenxa yayo, umntu wayengakwazi ukukhetha imfundo ayifunayo, umsebenzi afuna ukuwenza, indawo aza kuhlala kuyo, okanye umntu aza kutshata naye. Yonke loo nto yayixhomekeka ekubeni uloluphi uhlanga. Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Lwaluyintoni Ucalucalulo?kwiNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yango-2007.

b Ukuqala ngo-1999, iminikelo evela kuwo onke amabandla amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke, iye yancedisa ekulungiseni nasekwakheni iiHolo zoBukumkani naphi na apho zidingeka khona.