Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isitishi serediyo ekuthiwa yi-WBBR, ngo-1924

KWIZINTO ZETHU ZAKUDALA

Ukusasaza Iindaba Ezilungileyo

Ukusasaza Iindaba Ezilungileyo

 Ngobusuka bangeCawa, ngoFebruwari 24, 1924, isitishi serediyo saBafundi beBhayibhile a ekuthiwa yi-WBBR sadlala okokuqala. Kwakusenzeka ntoni ngolo suku lokuqala? Yayingoobani ababemamele? AmaNgqina kaYehova aye ayisebenzise njani iteknoloji yakule mihla ukuze asasaze iindaba “ezilungileyo ezingoBukumkani . . . emhlabeni wonke”?—Mateyu 24:14.

Umntu osemaqhosheni kwi-WBBR

“Saqhuba”

 Inkqubo yethu yaqala ngo-8:30 p.m. yaza yathatha iiyure ezimbini. Yayiqhutywa kwindawo yokurekhoda eyayisandokwakhiwa eStaten Island, eNew York. UMzalwana uRalph Leffler owayejongene nesound uthi, “sasinexhala kakhulu” kwindawo yokurekhoda. Sizibuza ukuba “Abantu babeza kusiva na? Ndavele ndavula isitishi, saqhuba, ndinethemba lokuba yonke into iza kuhamba kakuhle.”

 Umntu owayeqhuba lo nkqubo singasoze siyilibale yayinguMzalwana uVictor Schmidt, owayejongene nokuba zonke izinto zihamba kakuhle na kwisitishi sethu. Wayiqalisa lo nkqubo ngokwazisa bonke abantu ababeza kwenza umculo, ababengaBafundi beBhayibhile. Owokuqala, yayingomnye umzalwana owayeza kudlala ipiyano. Emva koko, uCora Wellman wacula ingoma ekwakuthiwa yi-99, eyayithetha ngomzekelo kaYesu wegusha elahlekileyo. (Luka 15:4-7) Kwaye kwaculwa nezinye iingoma. UMzalwana uFrederick W. Franz, wacula ingoma ebalisa ngebali lonyana wolahleko.—Luka 15:11-25.

Inkqubo yokuqala ye-WBBR

 UMzalwana uJoseph F. Rutherford, owayekhokela aBafundi beBhayibhile ngelo xesha, wanikela intetho esithi eso sitishi siza kuxhasa “uBukumkani bukaMesiya.” Wathi: “Kuba uYehova evumele abantu ukuba basebenzise irediyo ngeli xesha, ngokuqinisekileyo kukuthanda kwakhe ukuba isetyenziswe ukuze ifundise abantu ngazo zonke iziprofeto zakhe ezizalisekayo.”

“Yonke into yayivakala kakuhle”

 Abantu abaninzi kumntla-mpuma weUnited States bayiva le nkqubo. Omnye umntu owayemamele ohlala eMorrisville, eVermont ekwiikhilomitha ezingaphezu kweziyi-320 wathi: “Ndiyavuya kuba ndayiva kakuhle le nkqubo. . . . Ilizwi likaRutherford lalivakala ngokucacileyo. . . . Yonke into yayivakala kakuhle.” Nabantu baseMonticello, eFlorida, bakwazi ukuyimamela! Le reyido yayintsha yabanceda kakhulu abantu ibe abaninzi basibhalela bebulela.

UMzalwana uJoseph Rutherford uyathetha kwisitishi serediyo i-WBBR. UMzalwana uVictor Schmidt wazisa abantu

 Esi sitishi saqhubeka sisasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani iminyaka eyi-33, b ibe sasisetyenziswa kakhulu kumntla-mpuma waseUnited States. Kodwa ngamanye amaxesha izinto ezazikwisitishi sethu zazisasazwa nakwezinye izitishi. Loo nto yayisenza ukuba nabanye abantu abaseUnited States, eKhanada, nakwezinye iindawo bazive ezi zinto. Kangangokuba incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yango-1975 yathi: “Babebaninzi kakhulu abantu abamamela izinto ezazisasazwa kwirediyo yethu ngo-1933, kuba kwasetyenziswa izitishi eziyi-408 ukuze zidlulisele umyalezo kumazwekazi ayi-6, ibe kwasasazwa iintetho zeBhayibhile eziyi-23 783 . . . Ngaloo mihla, kwakuba lula ukuba xa uvula izitishi zerediyo ezininzi, uve ukuba kusasazwa umyalezo weendaba ezilungileyo zoBukumkani ngexesha elinye. Amaxesha amaninzi, kwakusoloko kusasazwa inyaniso ezukisa uThixo.”

Kwashunyayelwa Kakhulu Kwindlu Ngendlu

 Xa aBafundi beBhayibhile baqalisa ukusebenzisa isitishi se-WBBR, kwakukho abavakalisi abayi-1 064 eUnited States. Eli qela lincinci lancedwa kakhulu sesi sitishi ukuze lisasaze iindaba ezilungileyo kubantu abaninzi. Kodwa kwathi kufika u-1957, kwabe kukho abavakalisi abayi-187 762 eUnited States ibe emhlabeni wonke beyi-653 273. Enye into, aba bazalwana noodade bakhutheleyo baba nobuchule obuninzi kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu, nokushumayela ngezinye iindlela kuba babencedwa luqeqesho abalufumana kwiintlanganiso zebandla.

 Ngenxa yezi zinto zintle zazisenzeka, abazalwana abakhokelayo baye bajonga ukuba yeyiphi enceda kakhulu phakathi kwerediyo nokushumayela kwindlu ngendlu. Kwagqitywa ekubeni esi sitishi sithengiswe, nangona yayisiso sodwa isitishi sentlangano. Sathengiswa nge-15 ka-Aprili 1957. Ngosuku olungaphambi kokuba sithengiswe xa kwakusasazwa okokugqibela, kwabuzwa uMzalwana uNathan H. Knorr ukuba kutheni esi sitishi sithengiswa. Wachaza ukuba njengokuba amaNgqina kaYehova emaninzi kakhulu ngoku, kwakungenxa yomsebenzi owenziwa kwindlu ngendlu. Wathi, “Abantu abaninzi siye sabanceda esi sitishi se-WBBR. Kodwa kwiindawo apho abantu bangasivayo esi sitishi, aye amaninzi kakhulu amaNgqina kunakwiindawo apho abantu beva iindaba ezilungileyo kuso.” Abazalwana baye babona ukuba lo msebenzi wokwenza abafundi wenzeka kakuhle kakhulu kwindlu ngendlu kunakwirediyo, kuba abantu baye bahambela phambili. Kodwa zange siphelele apho. Kwiminyaka emininzi emva koko, saphinda sazisebenzisa ezosasazo, kodwa ngenye indlela.

Namhlanje Kukho IBroadcasting

 Nge-6 kaOktobha, 2014, intlangano kaYehova yenza into emangalisa kakhulu kuba yenza isitishi esikwi-intanethi, ekuthiwa yiJW Broadcasting. Qho ngenyanga, amaNgqina kaYehova nabanye baye bangene kwi-intanethi, kwi-JW Library, nakwiDSTV yentlangano ukuze babukele i-Broadcasting. c Kodwa kwezinye iindawo emhlabeni amaNgqina kaYehova asasebenzisa irediyo ne-TV. Njani?

Inkqubo yokuqala ye-JW Broadcasting, ngo-Oktobha 2014

 Kule minyaka, intlangano kaYehova iye yasebenzisa iirediyo nee-TV zezinye iinkampani ukuze isasaze iintlanganiso ezibakho qho ngeveki neendibano kwiindawo apho kungekho intanethi. Ezi nkqubo ziye zafikelela nakubantu abangengomaNgqina, nakwabo banomdla wokufunda inyaniso eseBhayibhileni. Ngokomzekelo, phakathi kuka-2021 no-2022, abaphathi berediyo baye baxelela iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseMpuma Afrika ukuba, abantu abangengomaNgqina baye bathi bayazithanda kakhulu iintlanganiso zethu. Abanye abaninzi baseKenya, eMzantsi Sudan, naseTanzania baye bacela nokuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile.

 Kodwa amaNgqina kaYehova ashumayela indaba ezilungileyo zoBukumkani emhlabeni wonke kwindlu ngendlu, esebenzisa iitroli, newebhsayithi yethu ekuthiwa ngu-jw.org. Iwebhsayithi yethu inceda abantu abanomdla bakwazi ukufunda iBhayibhile neencwadi ezisekelwa kuyo ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-1 080—mahala. Abantu bayakwazi nokufumana iimpendulo zemibuzo abanayo ngeBhayibhile baze babone ukuba ziqhutyelwa phi iintlanganiso. Ngenxa yayo yonke le nto, kulula kakhulu kunakuqala ebantwini ukufumana iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani! Nyhani, zishunyayelwa “emhlabeni wonke” njengoko iBhayibhile yayitshilo.—Mateyu 24:14.

a Ngo-1931, aBafundi beBhayibhile babizwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova.

b Kwakukho ixesha apho amaNgqina kaYehova ayenezitishi zerediyo kwamanye amazwe, eOstreliya naseKhanada.