Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IZINTO ZETHU ZAKUDALA

Ngaba AmaNgqina KaYehova AseNew Zealand Anoxolo Ibe Akhonza UThixo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova AseNew Zealand Anoxolo Ibe Akhonza UThixo?

 Ngo-Oktobha 21, 1940, urhulumente waseNew Zealand wathi amaNgqina KaYehova awawuthobeli umthetho, ibe ayingozi ebantwini. Nangona esi sigqibo senza kwanzima kuwo, awazange atyhafe. Ngokomzekelo, aqhubeka edibana ukuze akhonze nangona ayenokubanjwa ngurhulumente.

 UAndy Clarke, umyeni owayengeloNgqina kaDade Mary, wabona indlela inkosikazi yakhe eyayizimisele ngayo ukuya ezintlanganisweni nangona yayisenokubanjwa. Wayenexhala lokuba inkosikazi yakhe iza kubanjwa xa isiya kwiintlanganiso. UAndy wenza into angaqhelanga ukuyenza. Wakhapha inkosikazi yakhe xa isiya kwiintlanganiso waza wathi kuyo, “Ukuba baza kubamba kuza kufuneka babambe nam.” Ukususela ngelo xesha, uAndy waya kuzo zonke iintlanganiso nenkosikazi yakhe. Emva kwexesha, naye waba liNgqina elibhaptiziweyo. AmaNgqina aseNew Zealand amaninzi, njengoMary ayezimisele ukungagungqi ekukhonzeni uThixo ngeMfazwe Yehlabathi yesibini nangona ayetshutshiswa.

Zange Ayeke Ukukhonza Nangona Ayebanjiwe

 Ngenye imini, amapolisa amisa uJohn Murray owayeneminyaka eyi-78, ethetha ngeBhayibhile kwizindlu zabantu. Inkundla yamgweba kuba isithi usebenzela intlangano engamthobeliyo urhulumente. Nabanye abazalwana noodade abaninzi kwafuneka bayokuzithethela ezinkundleni, abanye babhataliswa baza abanye bavalelwa etrongweni iinyanga ezintathu.

 AmaNgqina awazange avume ukuya emkhosini ngenxa yezazela zawo eziqeqeshwe yiBhayibhile. (Isaya 2:4) Ngenxa yaloo nto, aphathwa kabuhlungu. Xa imfazwe yayiqhubeka, endaweni yokuba aye emkhosini, amaNgqina aphantse abeyi-80 avalelwa ezinkampini. Naxa ayelapho, aphathwa kabuhlungu, egodola nokugodola, kodwa awazange ayeke ukukhonza uYehova evuya.

 AmaNgqina awayevalelwe ezinkampini aba neentlanganiso qho aza aqalisa ukushumayela ngoko nangoko. Kwaba ngathi alibandla, ayeneentlanganiso qho ngeveki, ibe eshumayela nakwamanye amabanjwa. Avunyelwa ukuba abe neendibano kwezinye iinkampu, kodwa abe nonogada. Amanye amabanjwa afunda inyaniso ezinkampini aza abhaptizwa eselapho.

AmaNgqina avalelwe enkampini aqhuba iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

 UBruce, unyana wokugqibela kaMary noAndy ebesithethe ngabo ekuqaleni, wabona ukuba ukuvalelwa kwakhe enkampini kwakuza kumnceda afunde ezinye izinto ngoThixo. Uthi: “Kwakungathi ndisesikolweni kuba ndandincokola nabazalwana ekudala besenyanisweni, ibe ndandifunda kubo bonke.”

 Ngo-1944 urhulumente wayefuna ukukhulula amaNgqina awayevalelwe ezinkampini. Kodwa, abaphathi bomkhosi abazange bavume kuba babesithi ukuba amaNgqina akhululiwe, aza kuqhubeka ethetha nabantu ngokholo lwawo. Ingxelo yabo yayisithi: “Ukuvalela abantu abakuthanda ngendlela ebaxiweyo ukukhonza kusinceda sibajonge, kodwa soze sikwazi tu ukubatshintsha.”

Awayongozi Ebantwini

 Abantu bafuna ukwazi ngamaNgqina KaYehova kuba emva kokuba uvaliwe umsebenzi wawo, kwathethwa kakhulu ngawo. Emva kwexesha, abantu abaninzi babona ukuba amaNgqina KaYehova awayongozi ebantwini. Babona ukuba ngamaKristu anoxolo, soze onzakalise bantu. Ngenxa yaloo nto, inani lamaNgqina eNew Zealand landa lisuka ku-320 ngo-1939 laya ku-536 ngo-1945.

 Ngamanye amaxesha, amagosa agweba kakuhle ayedla ngokubona ukuba ukuvalwa komsebenzi wamaNgqina KaYehova sisigqibo esingalunganga. Emva kokuba ijaji ive izinto awayetyholwa ngazo umzalwana owayeshumayela, yalichitha ityala. Yathi: “Ngokwendlela endiwuqonda ngayo umthetho nento endiyikholelwayo, asikwazi ukuthi umntu wophula umthetho kuba enika abanye abantu iiBhayibhile.”

 Xa amaNgqina avunyelwa ukuba aphinde akhonze ekupheleni kwemfazwe, azimisela ukunceda abamelwane bawo ukuba bafunde ngoBukumkani BukaThixo. Ngo-1945 ileta eya kuwo onke amabandla aseNew Zealand evela kwiofisi yesebe yathi: “Wonke umntu makathethe kakuhle aze abe nobubele kubo bonke abantu. Ningahlisani nisenyusana nabantu. Abantu esidibana nabo bayazikholelwa izinto abazifundiswa ezicaweni zabo, bazama ukuzenza. . . . Abaninzi kubo zizimvu zeNkosi esimele sizincede ziye kuYehova nakubukumkani bakhe.”

 Namhlanje, amaNgqina KaYehova ancokola ngeBhayibhile kubantu baseNew Zealand nakwabo bazokuthorisha. Ngenye imini, kwiiyure ezimbalwa, oodade abane baseTurangi bathetha nabantu abayi-67 abasuka kumazwe ayi-17.

 Kucacile ukuba abantu baseNew Zealand bayabona ukuba amaNgqina KaYehova ngabantu abanoxolo, abakhonza uThixo, abazithandayo izinto ezifundiswa yiBhayibhile ibe bazama ukuzenza. Kubhaptizwa abantu abaninzi kakhulu qho ngonyaka. Ukususela ngo-2019, angaphezu kwe-14 000 amaNgqina akhonza uYehova evuya eNew Zealand.

Kwenziwa intlanganiso yesifundo seBhayibhile emva kokuba umsebenzi wamaNgqina uvaliwe ngo-1940

Izisele ezihlala umntu omnye enkampini, eNorth Island, eNew Zealand

Inkampu ekuthiwa yiHautu, eNorth Island, eNew Zealand

Ngo-1949 amaNgqina awayevalelwe enkampini ngenxa yokungakhethi cala adibene