Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

Ukunceda Abantu Bakwazi Ukubhala Nokufunda

Ukunceda Abantu Bakwazi Ukubhala Nokufunda

UAgostinho ohlala eBrazil uthi: “Ndakhulela efama. Ekhaya sasisokola. Kwakufuneka ndiyeke isikolo ndiyokusebenza ukuze ndincedise ekhaya.” UAgostinho wade waneminyaka eyi-33 engakwazi ukubhala nokufunda. Uthi: “Ukufunda indlela yokubhala nokufunda kwandinceda ndazithemba.”

Kwiminyaka eyi-70 edlulileyo, amaNgqina KaYehova anceda abantu abangaphezu kwe-250 000 bakwazi ukubhala nokufunda. UAgostinho ngomnye wabo bantu. Kutheni amaNgqina KaYehova esiba neeklasi zokufundisa abantu ukubhala nokufunda? Zibancede njani abantu ezi klasi?

Xa Ungakwazi Ukubhala Nokufunda Akubi Lula Ukwazi Izinto

Ngo-1935, amaNgqina KaYehova ayeshumayela kwiindawo eziyi-115. Abathunywa bevangeli babedlala iintetho zeBhayibhile eziguqulelweyo zaza zarekhodwa ukuze bancede abantu abathetha iilwimi ezahlukeneyo. Ngamanye amaxesha babenika abantu iincwadi ezibhalwe ngolwimi oluthethwayo kulo ndawo. Abantu abaninzi babenomdla kwizinto ezithethwa yiBhayibhile kodwa kwakuba nzima kubo ngenxa yokuba babengakwazi ukufunda nokubhala.

Kwakunzima kwabanye ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuba babengakwazi ukuyifunda. (Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:2, 3) Kwakusiba nzima nokwenza imisebenzi eyenziwa ngamaKristu. Ngokomzekelo, xa abazali bengakwazi ukufunda kwakungabikho lula ukufundisa abantwana babo izinto ezifundiswa yiBhayibhile. (Duteronomi 6:6, 7) Nabantu ababesand’ ukubhaptizwa babengakwazi kakuhle ukubafundisa abanye ngeBhayibhile kuba bengakwazi ukufunda.

Ukuqala Kweeklasi Zokubhala Nokufunda

Kwiminyaka yoo-1940 noo-1950, uNathan H. Knorr noMilton G. Henschel ababekhe bakhokela amaNgqina KaYehova, baya kwiindawo ezininzi ukuze bancedise kwindlela owenziwa ngayo umsebenzi wokushumayela. Xa babefika kwindawo apho kukho abantu abaninzi abangakwazi ukufunda nokubhala, babeye bacebise iofisi yesebe ukuba yenze kubekho iiklasi zokufundisa ukubhala nokufunda emabandleni.

Kwindibano encinci yango-1954 eyayiseChingola, eZambia, kwakhululwa incwadi yesiCinyanja esetyenziswa xa kufundiswa

Iiofisi zesebe zachazela amabandla indlela eziza kuqhutywa ngayo ezi klasi. Kwezinye iindawo urhulumente wayesele enazo iincwadi nezinye izinto ezazinokusetyenziswa ngamaNgqina. Ngokomzekelo, iofisi yesebe yaseBrazil yazifumana yaza yazisa emabandleni. Kanti kwezinye, amaNgqina kwafuneka azizamele ezawo indlela zokufundisa.

Wonke umntu wayenokuya kwezi klasi, nokuba yindoda, libhinqa, mdala okanye mncinci. Eyona nto yayibalulekile, yayikukunceda abantu bafunde ngolwimi lwabo nokuba loo nto yayithetha ukuba kuza kufundiswa abantu abathetha iilwimi ezahlukeneyo ebandleni elinye.

Iiklasi Ezinceda Abantu

Bancedakale njani abantu? INgqina laseMexico lithi: “Ngoku ndiyakwazi ukuyifunda ndize ndiyiqonde into ethethwa yiBhayibhile ize indichukumise intliziyo. Ukukwazi ukufunda kuye kwandinceda ndathetha ngokukhululekileyo nabamelwane bam ndaza ndancokola nabantu abaninzi ngeBhayibhile.”

Ezi klasi azincedi abantu bakwazi ukufunda iBhayibhile qha. UIsaac waseBurundi uthi: “Ukwazi ukubhala nokufunda kundincede ndafunda ukwakha. Ngoku ukwakha ngumsebenzi wam ibe ndijonge nemisebenzi emininzi yokwakha.”

Kufundiswa abantu ukubhala nokufunda kwiHolo YoBukumkani eseLilongwe, eMalawi, ngo-2014

UJesusa wasePeru wayeneminyaka eyi-49 xa wayeqala ukuya kwezi klasi. Uthi: “Njengomama osekhaya, kufuneka ndibone amaxabiso namagama ezinto ezisevenkileni. Yayinzima ke loo nto kuqala. Ngenxa yeeklasi zokufunda nokubhala, ndiyakhululeka ngoku xa ndiyokuthengela intsapho yam.”

Kule minyaka idlulileyo amagosa akumazwe ahlukeneyo aye awancoma amaNgqina KaYehova ngomsebenzi wawo wokufundisa abanye ukubhala nokufunda. Nanamhlanje amaNgqina KaYehova asenazo ezi klasi ibe ngoku anezixhobo eziphucukileyo zokufundisa. Aye enza aza aprinta iincwadana eziphantse zibeyi-224 miliyoni ngeelwimi eziyi-720 ukuze ancede abantu abangakwazi ukufunda okanye abangafundanga kangako. a

a Ngokomzekelo incwadana ethi, Zibhokoxe Ekuleseni Nasekubhaleni ifumaneka ngeelwimi eziyi-123 nencwadana ethi Mamela UThixo ifumaneka ngeelwimi eziyi-610.