UDAVID MAZA | IBALI LOBOMI
Safunda Ukonwaba Nasemva Kokwehlelwa Yinto Ebuhlungu
Emva kokuba ndifunde iBhayibhile ndaza ndenza izinto ezikuyo, kwenzeka into endandicinga ayisoze yenzeke—ukuba nentsapho eyonwabileyo. Mna nomfazi wam nabantwana bethu abathathu besimanyene sikhonza uYehova ngentliziyo yethu yonke.
Sasingayilindelanga indlela izinto ezatshintsha ngayo ngoAprili 24, 2004.
Xa umfazi wam uKaye wabanomntana oyintombazana uLauren, ndandingayazi ukuba ndifanele ndenze njani ukuze ndibe ngutata olungileyo. Naxa saba nomntana wethu wesibini ongumfana uMichael ndandingekatshintshi. Kumtshato wabo, abazali bam babesoloko besilwa bade ekugqibeleni badivosa. Nangona mna ndandifuna ukuba yintloko ntsapho elungileyo kwintsapho yam, ndandingayazi ukuba ndifanele ndenze njani.
Okwenza izinto zabambi nakakhulu kukuba xa ndandifikisa ndazinikela etywaleni ndisebenzisa neziyobisi. Ngoko xa sendimdala ubomi bam babusele bungalawuleki. Indlela ebendiphila ngayo nezinto ebendizenza eziquka ukungcakaza zandenza ndenza izigqibo ezininzi ezimbi. Izinto zabambi kakhulu wade umfazi wam wandishiya wathatha nabantwana bethu ababini. Ndaba nestres nyhani.
Ndambuza ukuba ndingenza ntoni ukuze abuye. Ngelo xesha wayesele efunda iBhayibhile noGloria oliNgqina likaYehova. Ngoko wathi: “Funda iBhayibhile.” Ndandingamazi ukuba uthetha ukuthini ngalo nto. Kodwa kuba ndandifuna umfazi wam abuye, ndavuma ukudibana noGloria nomyeni wakhe uBill.
Incoko Eyatshintsha Ubomi Bam
Xa uBill noGloria babesendlini yethu ndathanda indlela ababevana ngayo. Ndeva nokuba abantwana babo abasele bekhulile, nabaphants’ ukulingana nam benza izinto ezintle ebomini babo. Nam ndaqalisa ukucinga ukuba iBhayibhile ingasenza sonwabe njengentsapho.
Ngalo mini, ndabalisela uBill noGloria iingxaki zam. Bandibonisa ukuba iBhayibhile ithi kumaGalati 6:7: “Loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona.” Ndaqonda ukuba, ‘Ukuba bendisenza izinto ndicinga ngale vesi, zininzi kakhulu iingxaki ebendinokuziphepha!’
Ekuhambeni kwexesha, ndabona ukuba ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kwakubuphucula kakhulu ubomi bam. Mna nomfazi wam sayeka ukutshaya, ibe ndafumana uncedo de ndakwazi ukuziyeka nezinye izinto ezimbi endazenza. Ngo-1985, saba nomntwana wesithathu ongumfana, uDavid. Sasithanda ukumbiza ngokuba nguDavey, ibe ngelo xesha ndandisele ndisazi ukuba ndinganguye njani utata olungileyo kubantwana bam.
Sasikhonza UYehova Simanyene
Mna nomfazi wam safumanisa ukuba ukufundisa abantwana bethu ukuthanda uYehova nathi kwakusinceda sisondele kuye. Ininzi kakhulu into esayifunda kwincwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu! Neentsapho ezisebandleni zazingumzekelo omhle kuthi nakubantwana bethu.
Ekuhambeni kwexesha, bonke abantwana bethu baba ngoovulindlela. Ngo-2004 ekuqaleni, uLauren wayekwibandla lesiSpanish. UMichael yena wayesandophuma eBheteli kuba etshata, ibe ngoku yena nomfazi wakhe uDiana, babezoya esabelweni sasentsimini eGuam. UDavey wayena-19, ibe wayesandokuqalisa ukukhonza eDominican Republic.
Mna noKaye sasivuya kakhulu ngezigqibo abazenzileyo. Nathi sasithetha into efana naleyo ithethwa ku-3 Yohane 4: “Ayikho into endivuyisa ngathi yile: ukuva ukuba abantwana bam basabambelele enyanisweni.” Sasingaqondi ukuba ubomi bethu babuzovele butshintshe ngokufownelwa nje kube kanye.
Intlungu Eyasophula Intliziyo
Ngo-2004 nge-24 ka-Aprili, mna nomfazi wam sazikhupha nabanye abahlobo bethu ababini kunye nabafazi babo. Indawo esasiza kutyela kuyo yayingaphezu kweekhilomitha eziyi-100 ukusuka kwindawo esasihlala kuyo. Ngoko sahamba ngemoto yam sonke. Emva kokutya, saya kwenye indawo yokutyela ibe abanye behla emotweni kuba ndiyokukhangela indawo esiza kuyibeka kuyo imoto. Kwathi kusenjalo kwakhala ifowni. Yayingomnye umhlobo wethu ibe ndandimva kwalapha elizwini ukuba ikhona ingxaki.
Wathi, “Kwenzeke into embi, uDavey uye wasengozini.”
“Wonzakele kangakanani?” Ndabuza, ndisoyika nokuva ukuba uzothini.
Waqala akakwazi ukundixelela. Emva koko ebunzimeni, wandixelela ukuba uDavey uswelekile.
Emva kokucima kwefowni, ndathandaza kuYehova ndicela andiphe amandla. Ndabuyela kwindawo yokutyela ndaza ndafika ndaxelela abahlobo bethu ukuba ndinengxaki ndaza ndacela ukuba sigoduke. Umfazi wam ndandifuna ukumxelela xa sele isithi sodwa.
La yure nemizuzu eyi-30 sasisiya ngayo endlini yayinzima kakhulu kum. Aph’ endleleni, uKaye wayevuya kakhulu, ebalisela abanye ukuba uDavey uza kuzosibona. Ngaphambi kokuba sifike endlini, abantu babesele bethumela imiyalezo efowunini yam, bevelana nathi ngento esehleleyo, ndingekamchazeli nokumchazela umfazi wam ngokusweleka konyana wethu.
Emva kokubeka abahlobo bethu emakhayeni abo, nathi sagoduka. Umfazi wam wandijonga nje kwakanye, wabona ukuba ikhona ingxaki. Wandibuza ukuba “Kwenzeke ntoni?” Ndandisazi ukuba le nto ndiza kuyithetha yayiza kubutshintsha ubomi bomfazi wam ngenxa yentlungu, njengokuba kwenzekile kum kwiyure ezimbini ngaphambili xa bendifowunela ndisaziswa.
Ukumelana Nentlungu Yokuswelekelwa
Mna nomfazi wam sasikhe sanazo iingxaki ngaphambili, ibe sasisazi ukuba uYehova uyabathuthuzela abantu bakhe. (Isaya 41:10, 13) Kodwa le ingxaki yayahlukile. Eyona nto ndandingayeki ukuzibuza yona kukuba, ‘Yenzeke njani le nto kumntu obesenzela uYehova izinto ezininzi kangaka? Bekutheni ukuze uYehova angamkhuseli?’
Abantwana bethu babekhathazekile nabo. ULauren wayemthanda kakhulu uDavey kangangokuba wayengathi ngumama wakhe wesibini, ngoko waba buhlungu kakhulu xa esweleka. NoMichael wayebuhlungu, nangona wayesele eneminyaka ephantsi ibe mihlanu engahlali nathi, wayekuvuyela ukubona indlela akhule ngayo umntakwabo omncinci.
Ibandla laqalisa ukusinceda ngokukhawuleza. Ngokomzekelo, kwanangaphambi kokuba umfazi wam uKaye ayamkele into yokuba unyana wethu uswelekile, abazalwana noodade babefika endlini ukuze bazokusithuthuzela baze basincede. (IMizekeliso 17:17) Asoze ndilulibale uthando abasibonisa lona!
Into eyasincedayo kwintlungu yethu kukuba sinomfazi wam zange siyeke ukuthandaza, ukufunda iBhayibhile nokuya ezintlanganisweni. Ezi zinto zange ziyiphelise intlungu esasikuyo. Kodwa sasisazi ukuba kubalulekile ungayeki ukwenza izinto eziza kusenza sihlale sisondele kuYehova.—Filipi 3:16.
Ngelo xesha, uMichael noDiana baza kuzohlala kufutshane nathi ibe uLauren wabuyela kwibandla lethu lesiNgesi. Ukuba kunye kuloo minyaka kwasinceda saxola. ULauren waye watshata noJustin, ibe ukubakho kwakhe kwaye kwasinceda kakhulu.
Senza Eyona Nto Inzima
Emva kokusweleka kukaDavey, senza eyona nto yakhe yanzima kodwa eyasincedayo. Umfazi wam uza kunibalisela.
“Xa umyeni wam wandixelela ukuba uDavey uswelekile ndavele ndaphelelwa lithemba ibe ndahlala ndingonwabanga ixesha elide. Indlela endandibuhlungu ngayo, kwakunzima nokuba ndenze izinto endandiqhele ukuzenza yonke imihla. Ndandisoloko ndikhala. Xa ndithetha inyani, ndandiye ndibe nomsindo kuYehova nakuye wonke umntu kuba uDavey yena wayengasaphili. Ndandingakwazi nokucinga kakuhle.
“Ndandifuna ukuya eDominican Republic, ndibe kwindawo unyana wam awayehlala kuyo nawayekhonza uYehova kuyo ngaphambi kokuba asweleke. Kodwa kwakusenzima kakhulu kum ibe ndandingaqondi ukuba ndingakwazi ukuya kwindawo ekude kangaka.
“Umhlobo wam wandixelela ukuba abazalwana noodade baseDominican Republic bakhathazeke kakhulu ibe babekudinga ukubona intsapho yakuloDavey. Loo nto yandinceda, yandikhuthaza ukuba ndiye.
“Sasiludinga nyhani olwa hambo. Saye sabona indlela uDavey awayezimisele ngayo ukukhonza uYehova. Kwibandla awayekulo uDavey kwakukho umdala omnye qha, ibe wayesithi wayesoloko eqinisekile ukuba uDavey uza kuzenza zonke izabelo zakhe.
“Xa sasihamba kwisitrato awayehlala kuso uDavey, abantu babesiza kuthi bezokusixelela ngezinto ezintle unyana wethu awayebenzela zona. Ndandisazi ukuba unobubele, kodwa zonke ezi zinto zandibonisa indlela awayezama ngandlela zonke ngayo ukulinganisa uYesu.
“Sadibana nesinye isifundo sikaDavey. Sasiyindoda ehlala endlini encinci ibe sasingakwazi ukuphakama ebhedini kuba sasingaphilanga. Le ndoda yayisokola kakhulu, kodwa abazalwana noodade basichazela ukuba uDavey wayeyihlonipha kakhulu. Ukuva loo nto ngaye kwandivuyisa kakhulu!
“Lwalunzima kakhulu olwa hambo. Kodwa ukuba buhlungu nokuthetha ngekamva kunye nabo babemthanda uDavey kwasinceda kakhulu njengentsapho. Kwasinceda saziva bhetele.”
Bakhuthazwa Ngumzekelo KaDavey
UVukani! kaJanuwari 8, 2005, unenqaku elithetha ngokusweleka kukaDavey nokukhonza kwakhe eDominican Republic. Ngelo xesha, intsapho yethu yayingayazi indlela eli nqaku elaliza kubanceda ngayo abantu. Ngokomzekelo, ngo-2019 ngoMeyi omnye umzalwana ekuthiwa nguNick wasixelela ukuba:
“Xa kwakuphela u-2004, ndandisekholeji ibe ndandingenazinto ndifuna ukuzenza enkonzweni kaYehova. Ndandingonwabanga. Ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba andincede ndikwazi ukuphila ngendlela efanelekileyo ngoku ndisemtsha. Kungekudala, ndafunda ibali likaDavey kuVukani! Umthandazo wam wavele waphendulwa nje ngolo hlobo!
“Ndasiyeka isikolo ndaza ndaqalisa ukuba nguvulindlela. Ndandifuna nokufunda isiSpanish ndize ndiyokukhonza kwelinye ilizwe. Ekuhambeni kwexesha, ndakhonza eNicaragua ndaza ndaya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani kunye nomfazi wam. Xa abantu bendibuza ukuba ndakhuthazwa yintoni ukuze ndibe nguvulindlela, ndiye ndibabalisele ngebali likaDavey.”
Kwaphinda kwenzeka into esasingayilindelanga xa sadibana nodade ekuthiwa nguAbi. Wayenikwe umsebenzi kwindawo esasifikele kuyo xa sasimenywe kwiNdibano YeZizwe Ngezizwe Yango-2019 eyayiseBuenos Aires, eArgentina. Sasibona ukuba ungumntu obathandayo abantu nonobubele. Wayesikhumbuza uDavey sinomfazi wam.
Xa sasibuyela kwigumbi lethu, sathumelela uAbi ilinki yenqaku elithetha ngoDavey elalikuVukani! Emva kwemizuzu embalwa, wasiphendula. Wayefuna ukuthetha nathi, ngoko sayokudibana naye. Apho, wasixelela ekhala ukuba wakhuthazwa libali likaDavey ukuze aqalise ukuba nguvulindlela ngo-2011 ngoSeptemba aze ayokukhonza endingekweni. Wathi, “Qho xa kunzima esabelweni, ndivele ndiphinde ndifunde ela nqaku.” Wayede enekopi yalo!
Amava anje abonisa ukuba nyhani sikwintsapho esemhlabeni wonke. Abekho abantu abamanyene njengabantu bakaYehova!
Mna nomfazi kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uDavey ubakhuthaze ngolu hlobo abantu. Bonke abasebatsha abazimiseleyo, bemsebenzela nzima uYehova, basenokungayiqondi indlela ababakhuthaza ngayo abantu ababona indlela abakhuthele ngayo. Umzekelo wabo ukhuthaza abanye ukuba bamkhonze ngamandla abo onke uYehova.
“Bonke Bayaphila Kuye”
KuLuka 20:37, uYesu uthetha amazwi awathethwa nguYehova xa wathi unguThixo “ka-Abraham noThixo kaIsake noThixo kaYakobi.” UYehova zange athi unguThixo wabo xa babephila kuphela, kodwa usenguye nangoku! Kutheni sisitsho? Kuba uYesu uthi kwivesi 38: “Bonke bayaphila kuye.”
KuYehova bonke abakhonzi bakhe ababethembekile bayaphila; loo nto ibonisa ukuba ufuna nyhani ukubavusa! (Yobhi 14:15; Yohane 5:28, 29) Ndiqinisekile ukuba uYehova uziva ngolo hlobo ngoDavey, kwakunye nabanye abakhonzi Bakhe abaswelekileyo.
Ndikufuna nyhani ukuphinda ndibone uDavey. Kodwa eyona ndiyifuna kakhulu kukubona umfazi wam ephinda edibana naye. Zange ndambona umntu osentlungwini kangaka. Ndiwathanda kakhulu amazwi akuLuka 7:15 athi: “Wavuka umfi wahlala ngeempundu, wathetha, waza uYesu wathi kumama wakhe makamthathe.”
Ngo-2005 ngoSeptemba nam ndaqalisa ukuba nguvulindlela nomfazi wam. Kumnandi nyhani ukuba nguvulindlela nomfazi wam, nabantwana bethu kunye nabantu abatshate nabo. Siyintsapho emanyeneyo, siyaxhasana ibe sijonge phambili kwithemba lehlabathi elitsha, apho siza kudibana noDavey wethu esimthandayo.