Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UIRMA BENTIVOGLI | IBALI LOBOMI

Ndikhonza UThixo Osinika “Nasiphi Na Isipho Esihle”

Ndikhonza UThixo Osinika “Nasiphi Na Isipho Esihle”

 Sava ngengxolo eyayisilumkisa ukuba kuza kuqhushumba ibhombu kwindawo esihlala kuyo. Ndandineminyaka eyi-6 ngoko. Umama wafunqula umntana wasekhaya omncinci, wasithatha sayozimela naye phantsi komthi.

 Emva kokuyeka ukudubula kweebhombu, sahamba nomama sayokukhangela umhlobo wakhe. Saba buhlungu kakhulu xa sasisiva ukuba uye wasweleka. Emva kweentsuku ezimbalwa, iibhombu zaphinda zaqhushumba. Utata wandithatha wandikhwelisa ebhayisekileni yakhe, saza sabaleka ngayo kuloo dolophu.

 Imfazwe Yehlabathi Yesibini yamosha kakhulu kwiindawo ezininzi eItali, ibe abantu babephila kabuhlungu. Andikazilibali nangoku izinto ezazisenzeka. Kodwa eyona nto yandincedayo ebomini bam, kukukhulela phakathi kwabantu ababemazi kakuhle uYehova nababemthanda nyhani.

Safumana Isipho Sokufundiswa Inyaniso

 Ngobusika bango-1936, kwiinyanga ezimbalwa ngaphambi kokuba ndizalwe, utata wayesebenza kwisiporo setreyini nendoda ekwakuthi nguVincenzo Artusi. UVincenzo wayengekabhaptizwa ngeloo xesha, kodwa wayeyithanda kakhulu inyaniso. Wabalisela utata ngezinto awayezifundile, ngoxa babesusa ikhephu kwezo ziporo.

 Utata wakhawuleza wabona ukuba ezi zinto wayezibaliselwa zaziyinyaniso. Yena nabanye abambalwa kwidolophu yethu iFaenza, baba nomdla wokufunda nezinye izinto. Ngeloo xesha amaNgqina kaYehova ayetshutshiswa. Ngoko kwakufuneka iintlanganiso azingene emfihlekweni ibe xa umntu ebonwe ephethe iincwadi zeBhayibhile wayesenokubanjwa. Amanye amaNgqina ayesetrongweni. Ngoko utata wayeye adibane nabahlobo bakhe kwizindlu ezisecaleni ukuze bafunde iBhayibhile kunye neempapasho. Utata wayesidibanisa kanye qho ngeveki njengentsapho ukuze sifunde iBhayibhile.

Kwakukho Oodade Ababengumzekelo Ababefana Nesipho Kum

 Ngo-1943, amaNgqina amaninzi awayebanjwe ngenxa yokukhonza uYehova akhululwa. Kuwo kwakukho uMaria Pizzato, udade owayengatshatanga. Xa wayegoduka esiya kumntla Itali, uMaria walala ekhaya. Wayenze umsebenzi omkhulu wokunceda amaNgqina afumane iimpapasho nowokusebenzisana neofisi yesebe laseSwitzerland, elalihoyene nomsebenzi owawusenziwa eItali ngeloo xesha. Nangona wayebonakala engomelelanga uMaria, kodwa wayenesibindi ibe enamandla. Emva kwemfazwe, wayemane esiza eFaenza, ibe kwakuba mnandi qho xa ekhona.

 Omnye udade endandimthanda nguAlbina Cuminetti. Ndisemncinci, lo dade owayesele emdala, eswelekelwe nangumyeni wayehlala kwindlu ekwakungenelwa kuyo iintlanganiso. Ekuqaleni kweminyaka yoo-1920 wayeyicolporteur (ngoku ebizwa ngokuba nguvulindlela) eItali. UAlbina wayendibalisela amabali abangela umdla ngendlela ekwakusenziwa ngayo ngaloo minyaka!

 UAlbina wayeneencwadi zakudala nezinye izinto ezazisetyenziswa ngaloo maxesha. Ngenye imini ndabona isipeliti esinomnqamlezo nesithsaba esasikade sinxitywa ngaBafundi beBhayibhile (ngoku abaziwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova) ngeloo xesha. Ekubeni ndandiyazi ukuba umnqamlezo waqala ukusetyenziswa ngabahedeni, andizange ndikwazi ukuzibamba, ndahleka kuba yayindothusa loo nto. UAlbina wandixelela into endingazange ndiyilibale. Ethetha amazwi akuZekariya 4:10, wathi: “Ungayideleli imini yezinto ezincinci!”

Xa ndandina-14

 Loo mazwi andifundisa into ebaluleke kakhulu. Nangona aBafundi beBhayibhile bakudala babengayiqondi kakuhle inyaniso eseBhayibhileni, kodwa kwakufuneka ndibahloniphe. Enye into, ngenxa yokuba zazingafumaneki zonke iimpapasho ngesiTaliyane, kwakuthatha ixesha ukuba abazalwana bayazi indlela esiziqonda ngayo izinto. Kodwa ke, uYehova wayeyixabisa imizamo yabo ibe nam kwakufuneka ndenze okufanayo.

 Nangona wayemdala kakhulu kum uAlbina, ndandikuthanda ukuncokola naye. Yena noMaria, nabanye oodade ababekhuthele abakhonza uYehova ngokuthembeka nakubeni babeneengxaki ezinzima, baba ngumzekelo kum. Ndivuya kakhulu kuba ndaba nethuba lokufunda kubo.

Ndafumana Isipho Sokwamkelwa eBheteli

 Ngo-1955 ngehlobo, ndaya eRoma kwindibano eyayinomxholo othi “UKumkani Owoyisayo.” Xa ndandilapho, ndaya eBheteli kunye nabanye abantu ababeze kuloo ndibano abasuka kumazwe awahlukahlukeneyo. Ndazixelela ukuba, ‘Inoba kumnandi kakhulu ukusebenza apha.’

 NgoDisemba 18, 1955, ndabhaptizwa. Ndandisesesikolweni kodwa ndandizimisele ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngo-1956, kwindibano eyayikwidolophu yaseGenoa, kwenziwa isaziso sokuba kudingeka amavolontiya eBheteli. Kodwa ummeli wesebe wathi, abadingeki bona oodade.

 Ekuhambeni kwexesha, ndabalisela umveleli wesiphaluka uPiero Gatti, a ngezinto endandizimisele ukuzenza. Lo mzalwana ukhutheleyo wathi, “Ndiza kukuncomela ukuba ube nguvulindlela okhethekileyo.”

 Emva kwexeshana ndafumana ileta evela kwisebe. Ndandiqinisekile ukuba ndiza kufumana isabelo sokuba nguvulindlela kodwa yayingesiso. Ndandimenywa ukuba ndifake isicelo sokuya kukhonza eBheteli!

Ndikunye noCastiglioni (omileyo), endandisebenza naye kumsebenzi wokuguqulela eBheteli ngo-1959

 Ndafika eBheteli ngoJanuwari 1958. Ngela xesha, abantu ababekwintsapho yaseBheteli babebayi-12. Ndacelwa ukuba ndincedise abaguquleli ababini ababelapho. Wawumninzi kakhulu umsebenzi apho, ibe ndandingazange ndaguqulela ngaphambili. Kodwa uYehova wandinceda ndawuthanda lo msebenzi.

 Kwathi kungekagqithi neminyaka emibini, yatshintshwa indlela owawusenziwa ngayo umsebenzi wokuguqulela ibe ndabuyiselwa entsimini njengovulindlela. Ndothuka kakhulu kuba ngelo xesha iBheteli yayisele ilikhaya lam. Kodwa ekuhambeni kwexesha, ndabona ukuba isabelo sam esitsha sesinye isipho esivela kuYehova.

Ndashumayela Nabantu Ababefana Nezipho Kum

 NgoSeptemba 1, 1959, ndaqalisa ukuba nguvulindlela okhethekileyo kwidolophu yaseCremona. Uvulindlela endandisebenza naye apho yayinguDoris Meyer, owayesuka eDenmark. Wayengemdalanga kangako kum, kodwa wayenamava ibe ndandifuna ukufana naye. UDoris wayenesibindi, wayengafane oyike ibe wayezimisele. Sobabini sasikudinga ukuba njalo ukuze sishumayele kwintsimi yethu, kuba yayisithi sobabini qha amaNgqina kwidolophu yonke.

Ndafunda izinto ezininzi kuDoris (ekhohlo) nakuBrunilde (ekunene), endandishumayela kunye nabo eCremona

 UDoris wafika kuqala kunam eCremona, ibe wayesele elungiselele ukuba iintlanganiso ziqhutyelwe kwenye indlu erentwayo. Abefundisi becawe yamaKatolika basekuhlaleni bakhawuleza bayibona loo ndawo sasingenela kuyo, ibe bacaphuka kakhulu baza baxelela abantu kwiintshumayelo ukuba bangasimameli.

 Ngenye imini sabizelwa kwisitishi samapolisa sasekuhlaleni. Amapolisa zange asibambe, kodwa enza kwacaca ukuba uDoris wayefanele ahambe eCremona kuba wayengengowalapha. Wabuyela eDenmark, apho waqhubeka ekhonza uYehova ngokuthembeka.

 Zange kuphele xesha lide, kwathunyelwa omnye udade, uBrunilde Marchi, ukuba aze eCremona. UBrunilde wayengudade othobekileyo, ibe wayekuthanda ukushumayela. Saqalisa izifundo zeBhayibhile ezininzi ibe ezinye zaqhuba kakuhle.

 Ndiyambulela uYehova ngokuba eye wandisebenzisa xa kwakuqalwa umsebenzi wokushumayela eCremona. Ngoku kukho amabandla ayi-5 kuloo dolophu!

Ndathi Ndingalindelanga Kwenzeka Into Eyandonwabisayo

 Kwakungekadluli neminyaka emibini ndiseCremona xa ndafowunelwa lisebe. Kwakukho umsebenzi omninzi wokuguqulela ekwakufuneka wenziwe njengoko kwakulungiselelwa indibano eyayiza kuba ngoJulayi 1961. Yayiza kuthatha iintsuku eziyi-6 ibe inomxholo othi “Abanquli Abamanyeneyo.” Ngoko ndaye ndacelwa ukuba ndibuyele eBheteli. Ndavuya kakhulu, ndabuyela eBheteli ngoFebruwari 1, 1961.

 Sasisebenza iiyure ezininzi kodwa kwakumnandi ukuxakeka ngumsebenzi wokwenza izinto ezisekelwe eBhayibhileni. Ixesha lakhawuleza, yayindibano.

 Kulo ndibano, kwenziwa isaziso sokuba, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZesiGrike iza kuguqulelwa ngesiTaliyane. Ndacinga ukuba, ‘Loo nto ithetha ukuba usemninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe.’ Ibe ndandingaphazami. Isabelo sam eBheteli sandiswa. Sekuphele iminyaka engaphezu kweyi-60 ndilapha!

KwiSebe lokuguqulela ngo-1965

Ezinye Izipho Ezivuyisayo Endazifumana KuYehova

 Enye into endiye ndayonwabela ebomini bam kukungatshati. Andizami kuthi zange ndakucinga ukutshata. Phofu, kwakhe kwadlula ixesha ndingafuni nokuyicinga into yokuba ndisenokungatshati, kuba loo nto yayindenza ixhala. Ndathandaza kuYehova. Yena undazi ukodlula wonke omnye umntu. Ndamcela andincede ukuze ndiyazi into endimele ndiyenze.

 Ndaqalisa ukuzithanda izibhalo ezifana noMateyu 19:11, 12 nama-1 Korinte 7:8, 38, ibe ndandimbulela uYehova ngokundinceda ndiqonde eyona nto ndimele ndiyenze, nokundinika uxolo lwengqondo. Zange ndazisola tu ngesigqibo sam ibe ndiyavuya kuba ndiye ndasebenzisa ukungatshati kwam ukuze ndimkhonze ngandlela zonke uYehova.

 Kule minyaka idlulileyo ndiye ndabona kusenziwa utshintsho oluninzi kwiSebe Lokuguqulela, kuba intlangano kaYehova iye isebenzise iiteknoloji ezintsha kunye ‘nobutyebi beentlanga.’ (Isaya 60:5) Olu tshintsho luye lwenza intlangano kaYehova esemhlabeni wonke yamanyana. Ngokomzekelo, ngo-1985 iMboniselo yesiTaliyane neyesiNgesi ziye zaqalisa ukuphuma ngexesha elinye. Kule mihla, amanqaku neevidiyo zifumaneka ngeelwimi ezininzi ku-jw.org ibe ezininzi ziphuma ngexesha elinye nezesiNgesi. Kucacile ukuba uYehova uyaqinisekisa ukuba abantu bakhe bamanyene ibe bafumana izinto eziqinisa ukholo ngexesha elifanelekileyo.

 UYehova undisikelele nyhani. Wandinceda ndakonwabela nyhani ukushumayela njengovulindlela okhethekileyo. Ndandifuna ukukhonza eBheteli ibe uye wandinceda ndakwazi ukwenza loo nto. Apho ndiye ndafumana abahlobo abaninzi abangafaniyo. Eyona ntsikelelo ndiye ndayifumana kukubona umama ezinikela kuYehova waza wabhapizwa xa wayeneminyaka eyi-68. Sendifuna ukuphinda ndimbone nayo yonke intsapho yam xa bevuswa.—Yohane 5:28, 29.

 Ndijonge phambili ekuboneni izinto uYehova aza kuzenzela abakhonzi bakhe kwixesha elizayo, xa esenza ‘zonke izinto ntsha.’ (ISityhilelo 21:5) Nantsi into endiqiniseke ngayo: uYehova akasoze ayeke ukusipha “nasiphi na isipho esihle nesigqibeleleyo.”—Yakobi 1:17.

NdikwiSebe Lokuguqulela namhlanje

a Ibali lobomi likaPiero Gatti lapapashwa kwiMboniselo kaJulayi 15, 2011 iphepha 20-23.