UTAPANI VIITALA | IBALI LOBOMI
Ndanceda Abantu Abangevayo Njengokuba Ndandifuna
Xa ndandiqala ukudibana namaNgqina kaYehova, andibonisa isithembiso esiseBhayibhileni esithi ziza kuvulwa “neendlebe zabantu abangevayo.” (Isaya 35:5) Kodwa kuba ndazalwa ndingeva, kwaba nzima kum ukuba nomfanekiso ngqondweni waloo nto. Ngenxa yaloo nto, eso sithembiso zange sindichukumise kangako. Eyona nto yandichukumisa kakhulu kuxa bandibonisa eBhayibhileni ukuba uBukumkani bukaThixo buza kuphelisa bonke ububi, iimfazwe, ukugula, nokufa. Ekuhambeni kwexesha, ndaba nomnqweno wokuchazela nabanye abantu abangevayo ezi zinto ndandizifunda.
Ndazalwa ngo-1941 kwintsapho yabantu abangevayo eVirrat, eseFinland. Abazali bam, nabantwana basekhaya, kunye nabanye abaninzi esizalana nabo babengeva. Sasisebenzisa intetho yezandla xa sincokola.
Ndafunda Izinto Ezimnandi EBhayibhileni
Intetho yezandla yayingafunwa kwisikolo endandifunda kuso, esasikwiikhilomitha eziyi-240 ukusuka ekhaya. Ngelo xesha, kwizikolo zaseFinland ezazifunda abantu abangevayo kwakunyanzeliswa ukuba bafunde ulwimi oluthethwayo, baze bafundiswe indlela yokuva ukuba omnye umntu uthini ngokumjonga. Ukuba ootitshala bethu babesibona sisebenzisa intetho yezandla, babesibetha ngeerula okanye ngentonga kude kudumbe izandla, kuqengqeleke iintsuku zisadumbile.
Emva kokuba ndigqibe u-10, ndayofunda iagriculture ekholeji. Abazali bam babenefama, ngoko kwakufuneka ndifunde izinto ezidibaniselene nokulima. Xa ndandifika ekhaya, ndabona iMboniselo noVukani etafileni. Utata wandixelela ukuba ezi magazini zithetha ngezinto ezintle eziseBhayibhileni, ibe kukho abantu abevayo ababaqhubela isifundo seBhayibhile benomama. Ukuze bakwazi ukuthetha babebhalelana.
Utata wandixelela ukuba xa kulawula uBukumkani bukaThixo, umhlaba uza kuba yiparadesi entle ibe abantu abaswelekileyo baza kuvuswa. Kodwa ndandifundiswe ukuba xa abantu besweleka baya ezulwini. Ndaqonda ukuba inoba akawevanga kakuhle amaNgqina, kuba ayethetha naye engasebenzisi ulwimi lwentetho yezandla.
Xa la myeni nomfazi wakhe ababefundela abazali bam babuyayo, ndababuza ngezinto utata andixelele zona. Bathi kum “unyanisile utata wakho,” baza bandibonisa into eyathethwa nguYesu ngovuko kuYohane 5:28, 29. Bandichazela ukuba uThixo uza kubuphelisa njani ububi emhlabeni baza bandixelela nokuba abantu baza kuphila ngonaphakade bengaguli ibe beseluxolweni.—INdumiso 37:10, 11; Daniyeli 2:44; ISityhilelo 21:1-4.
Kuba ndandifuna ukwazi izinto ezininzi, ndaqalisa ukufunda iBhayibhile noAntero oliNgqina. Yena ke wayesiva, wayengalwazi nolwimi lwentetho yezandla. Ngoko imibuzo eyayikwincwadi esasiyifunda ndandiyiphendula ngokuyibhala ephepheni. UAntero wayeyifunda aze abhale phantsi nezinye izinto awayefuna ukuzibuza okanye afuna ukuzithetha. Qho ngeveki sasifunda ngolu hlobo iiyure ezimbini ibe wayenomonde.
Ngo-1960, ndaya kwindibano yamaNgqina kaYehova eyayiguqulelwa ngolwimi lwentetho yezandla. Ngolwesihlanu emva kwemini, kwenziwa isaziso sokuba kuza kubhaptizwa abantu ngosuku olulandelayo. Ngoko ngomgqibelo ekuseni, ndathatha izinto zam zokuqubha netawula, ndaza ndayokubhaptizwa! a Kungagqithanga xesha lide, abazali bam kunye nabantwana basekhaya babhaptizwa nabo.
Ndachazela Abanye Ngenyaniso EseBhayibhileni
Ndachazela abantu abangevayo izinto endandizifunda, ibe eyona ndlela yokubafikelela intliziyo yayikukusebenzisa ulwimi lwentetho yezandla. Ekuqaleni, ndandishumayela ngokuzimisela kubantu abangevayo kwindawo endandihlala kuyo.
Ngoko ndaya kuhlala kwidolophu enkulu ekuthiwa yiTampere. Ndandingena imizi ngemizi ndikhangela abantu abangevayo, ndibuze nomninimzi ukuba bakhona abantu abaziyo abangevayo na. Ndaziqalisa ngolu hlobo ke izifundo zeBhayibhile, ibe kwiminyaka nje embalwa, kwakusele kukho abavakalisi abangevayo abayi-10 eTampere.
Ngo-1965, ndadibana nodade othandekayo, uMaire. Kunyaka olandelayo saye satshata. Wakhawuleza wafunda ulwimi lwentetho yezandla, ibe wayesoloko endixhasa ibe ekhuthele kuyo yonke le minyaka eyi-50 sasikhonza uYehova kunye.
Emva kweminyaka emibini sitshatile, saba nonyana, uMarko, yena ke wayengenayo ingxaki yokungeva. Ulwimi lukamama wakhe isiFinnish walufunda ekhaya, ibe wafunda nolwimi lwentetho yezandla lesiFinnish. Unyana wethu uMarko wabhaptizwa ena-13.
Ekuhambeni kwexesha, baye babaninzi abantu abakwiqela lethu lentetho yezandla eTampere. Ngo-1974, sayokuhlala kwenye idolophu iTurku, eyayingenawo amaNgqina angevayo. Saphinda saqala apho besiyeke khona, sikhangela abantu abangevayo kwimizi ngemizi. Kulaa minyaka sasiseTurku, kwabhaptizwa izifundo zam eziyi-12.
Sasebenza Kwiindawo ZakwiiBaltics
Ngo-1987, uMarko wayokhonza eBheteli. Saqaphela ukuba iqela lethu lentetho yezandla eTurku alisenandingeko kangako, ngoko saqalisa ukulungiselela ukuya kuhlala kwenye indawo.
Ngelo xesha, sasivumelekile ukuba singashumayela ngokukhululekileyo eMpuma Yurophu. NgoJanuwari 1992, ndahamba nomnye umzalwana owayengeva saya eTallinn, eEstonia.
Sadibana nomnye udade owayenobhuti owayengeva. Nangona ubhuti walo dade wayengenamdla enyanisweni, wasinceda safumana abanye abantu abaninzi abangevayo eEstonia. Ngobusuku bethu bokugqibela silapho, wasisa kwintlanganiso yabantu abangevayo eEstonia eyayiseTallinn. Sakhawuleza safika kuyo saza etafileni sabeka iimagazini neencwadi ezesiEstonia nesiRashiya. Sabeka iincwadi ezimalunga neziyi-100 neemagazini eziyi-200 saza safumana neeadresi eziyi-70. Eso yaba sisiqalo sentsimi yentetho yezandla eEstonia!
Mna noMaire sakhawuleza saqalisa ukuyokushumayela eEstonia. Sacutha iiyure esasiphangela ngazo saza sangoovulindlela abathe ngxi. Ngo-1995, saya kuhlala kufuphi neHelsinki ukuze kube lula ukuhamba ngesikhephe esiya eTallinn. Kwenzeka izinto ezingaphezu kwesasizicinga kwintsimi yethu eEstonia!
Sasinezifundo zeBhayibhile ezininzi ngokwaneleyo, ibe eziyi-16 kuzo zabhaptizwa. Kuzo kwakukho noodade wethu ababini ababengaboni bengeva. Ndandibafundela ndisebenzisa ulwimi lwentetho yezandla kodwa kuba babengaboni ndandiyenza kwizandla zabo.
Kwakungekho lula ukufundisa abantu abangevayo. Ngeloo xesha, zazingekho iimpapasho zolwimi lwentetho yezandla kwintsimi yethu, ngoko ndandiye ndiqokelele imifanekiso ekwiincwadi zethu ndize ndiyifake encwadini enye.
IOfisi yesebe yaseFinland yandicela ukuba ndiye eLatvia naseLithuania ukuze ndiyokubona ukuba intsimi yolwimi lwentetho yezandla ingaphuculwa njani kwezo ndawo. Saya kaninzi kula mazwe ibe sasinceda abazalwana noodade bakuloo ndawo bakhangele abantu abangevayo. Intetho yezandla yelizwe ngalinye yahlukile kweyelinye ilizwe. Ngoko ndafunda eyase-Estonia, eLatvia, eLithuania, kunye neyaseRashiya, eyayithethwa ngabantu baseRashiya ababehlala kwiiBaltics.
Okubuhlungu kukuba, emva kokuhamba iminyaka eyi-8 sishumayela eEstonia nakwamanye amazwe aseBaltic, uMaire kwafumaniseka ukuba uyagula, unesifo ekuthiwa yiParkinson’s disease, esichaphazela ingqondo, ngoko kwafuneka siyeke.
Kwenziwa Ilungiselelo Lokunceda Abantu Abangevayo
Ngo-1997, kwaqaliswa iqela lokuguqulela intetho yezandla kwiSebe laseFinland. Kuba sasihlala kufutshane, mna noMaire saye sancedisa xa kwakusenziwa iimpapasho ngentetho yolwimi lwezandla, ibe ndisamane ndiyenza loo nto nanamhlanje. Sasisebenza nonyana wethu, uMarko. Ekuhambeni kwexesha, uMarco nomfazi wakhe uKirsi baye bancedisa ekuqeqesheni amaqela okuguqulela intetho yezandla kwamanye amazwe.
Enye into, iofisi yesebe yaye yalungiselela ukuba kufundiswe abavakalisi abevayo ulwimi lwentetho yezandla. Incede kakhulu le nto, kuba baninzi kakhulu abazalwana noodade abaye bancedisa kumabandla nakumaqela olwimi lwentetho yezandla, ibe bancedisa ekushumayeleni nakwimisebenzi edingekayo ebandleni.
Ndisafuna Nangoku Ukunceda
Ngo-2004, mna noMaire sancedisa ekuqaliseni ibandla lokuqala lentetho yezandla ngesiFinnish eHelsinki. Kwiminyaka nje emithathu, elo bandla lalinabantu abaninzi abakhutheleyo nabangoovulindlela.
Saphinda salungiselela ukuya kuhlala kwenye indawo enendingeko. Ngo-2008, saya kuhlala kufutshane neTampere saza sabuyela kwiqela lentetho yezandla esasikade sikulo kwiminyaka eyi-34 eyadlulayo. Emva nje konyaka silapho, elo qela laba libandla lesibini lentetho yezandla eFinland.
Kodwa ngeloo xesha, uMaire wayesegula kakhulu. Oko ndandimnyamekela de wasweleka ngo-2016. Nangona ndimkhumbula kakhulu umfazi wam, ndijonge phambili ekumboneni kwihlabathi elitsha, apho kuza kube kungekho mntu ogulayo.—Isaya 33:24; ISityhilelo 21:4.
Awukapheli umnqweno wam wokushumayela iindaba ezilungileyo kubamelwane bam abangevayo ibe loo nto ndiyenze iminyaka eyi-60!
a Ngeli xesha, kwakungekafuneki ukuba abantu abafuna ukubhaptizwa baqale badibane nabadala bebandla.