1 Korinte 13:1-13
13 Nokuba ndingade ndithethe ngeelwimi+ zabantu nezeengelosi kodwa ukuba andinalo uthando, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo okanye icangci elikhenkcezayo.+
2 Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokuprofeta+ yaye ndiqhelane nazo zonke iimfihlelo ezingcwele+ nalo lonke ulwazi,+ ndinalo nokholo lokususa iintaba,+ kodwa ukuba andinalo uthando, ndiyinto engento.+
3 Ndingade ndinikele ngayo yonke impahla yam ukuze kondliwe abanye,+ ndinikela nangomzimba wam,+ ukuze ndiqhayise, kodwa ukuba andinalo uthando,+ akuncedi nto konke konke.
4 Uthando+ luzeka kade umsindo+ yaye lunobubele.+ Uthando alunakhwele,+ alugwagwisi,+ alukhukhumali,+
5 aluziphathi ngokungandilisekanga,+ alufuni ezalo izilangazelelo,+ alucaphuki.+ Alunanzondo.+
6 Alubi nemihlali ngentswela-bulungisa,+ kodwa luvuyisana nenyaniso.+
7 Luthwala izinto zonke,+ lukholelwa izinto zonke,+ luthemba izinto zonke,+ lunyamezela izinto zonke.+
8 Uthando aluze lutshitshe.+ Kodwa enoba kukho iziphiwo zokuprofeta, ziya kubhangiswa; enoba kukho iilwimi, ziya kuphela; enoba kukho ulwazi, luya kubhangiswa.+
9 Kuba sinolwazi oluyinxenye+ yaye siprofeta ngokuyinxenye;+
10 kodwa xa oko kupheleleyo kufika,+ oko kuyinxenye kuya kubhangiswa.
11 Xa ndandilusana, ndandifudula ndithetha ngokosana, ndicinga ngokosana, ndiqiqa ngokosana; kodwa ekubeni ngoku ndiyindoda,+ ndizibhangisile iimpawu zobusana.
12 Kuba okwangoku sibona luzizi ngesipili sesinyithi,+ kodwa ngoko siya kubona ubuso ngobuso.+ Okwangoku ndazi ngokuyinxenye, kodwa ngoko ndiya kwazi ngokuchanileyo kwananjengoko nam ndisaziwa ngokuchanileyo.+
13 Noko ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli, lukholo, nethemba, nothando; kodwa eyona inkulu kuzo luthando.+