1 Kronike 11:1-47
11 Ekuhambeni kwexesha aqokelelana ndawonye onke amaSirayeli+ kuDavide eHebron,+ esithi: “Khangela! Silithambo lakho nenyama yakho.+
2 Kokubini izolo nangaphambili, ngoxa uSawule wayengukumkani, nguwe owawukhupha nowawungenisa uSirayeli;+ noYehova uThixo wakho wathi kuwe, ‘Wena uya kwalusa+ abantu bam amaSirayeli, yaye wena uya kuba yinkokeli+ phezu kwabantu bam amaSirayeli.’”
3 Ngoko onke amadoda amakhulu akwaSirayeli eza kukumkani eHebron waza uDavide wenza umnqophiso kunye nawo eHebron phambi koYehova; emva koko amthambisa+ uDavide njengokumkani phezu koSirayeli, ngokwelizwi likaYehova+ ngoSamuweli.+
4 Kamva uDavide naye wonke uSirayeli baya eYerusalem,+ oko kukuthi, iYebhusi,+ apho abekhona amaYebhusi+ abemi belo lizwe.
5 Abemi baseYebhusi bathi kuDavide: “Akusayi kungena apha.”+ Noko kunjalo, uDavide walithimba igwiba leZiyon,+ oko kukuthi, isiXeko sikaDavide.+
6 Ngoko uDavide wathi: “Nabani na oxabela+ amaYebhusi kuqala, uya kuba yintloko nenkosana.” UYowabhi+ unyana kaTseruya wenyuka kuqala, waza waba yintloko.
7 UDavide wahlala kwindawo ekunzima ukuyifikelela.+ Kungenxa yoko le nto yabizwa ngokuba sisiXeko sikaDavide.+
8 Yaye wakha isixeko macala onke, esusela eSigangeni nakwimimandla ejikelezileyo, kodwa uYowabhi wasivuselela+ isixeko ngokubanzi.
9 UDavide waya esiba mkhulu ngokuba mkhulu,+ kuba uYehova wemikhosi wayenaye.+
10 Zizo ezi iintloko zamadoda kaDavide anamandla,+ awayesomelezana naye ebukumkanini kunye noSirayeli wonke, ukuba amenze ukumkani ngokwelizwi likaYehova+ ngokuphathelele uSirayeli.
11 Olu luludwe lwamadoda kaDavide anamandla: uYashobheyam+ unyana kaHakemoni, intloko kwabathathu. Wayevonyavonya umkhonto wakhe kumakhulu amathathu abulawa ngasihlandlo sinye.+
12 Yaye emva kwakhe yayinguEleyazare+ unyana kaDodo umAhowa.+ Wayephakathi kwamadoda amathathu anamandla.+
13 Yena wayenoDavide ePas-damim,+ apho ayezihlanganisele khona imfazwe amaFilisti. Kwakukho isiqwenga somhlaba sizele yirhasi, basaba abantu ngenxa yamaFilisti.+
14 Kodwa yena wema esazulwini sesiqwenga waza wasihlangula, waza wawaxabela amaFilisti, yaye uYehova wabasindisa+ ngosindiso olukhulu.+
15 Kwehla ke isithathu sabaziintloko emashumini amathathu+ saya eliweni, kuDavide emqolombeni waseAdulam,+ ngoxa iqela lamaFilisti lalimise inkampu entilini yamaRefa.+
16 Kwaye uDavide ngoko wayekwindawo ekwakunzima ukuyifikelela;+ yaye inkampu yomkhosi wamaFilisti+ ngoko yayiseBhetelehem.
17 Emva kwethuba uDavide wanqwena waza wathi: “Owu ukuba nje bendingasela+ amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni!”
18 Ngako oko lawo mathathu anyanzelisa angena kwinkampu yamaFilisti aza akha amanzi equleni laseBhetelehem,+ elisesangweni, eza nawo ewathwele, awazisa kuDavide.+ Akavuma ke uDavide ukuwasela, kodwa wawathululela kuYehova.+
19 Waza wahlabela mgama wathi: “Makube lee kum, ngokuphathelele uThixo wam, ukwenza oko! Ngaba igazi+ lala madoda ndifanele ndilisele ngokubeka esichengeni umphefumlo wawo? Kuba awazisa ngokubeka esichengeni imiphefumlo yawo.” Akavuma ke ukuwasela.+ Zizo ke ezo izinto ezenziwa ngala madoda mathathu anamandla.
20 Ke yena uAbhishayi+ umntakwabo Yowabhi,+ wayeyintloko yamathathu; yaye wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu amathathu awayebulewe, yaye naye wayedume njengabo bathathu.
21 Kulawo mathathu wayebalasele kunamabini, yaye waba yintloko kuwo; noko ke akafikanga+ kulawa mathathu okuqala.
22 Ke yena uBhenaya+ unyana kaYehoyada,+ unyana wendoda elikroti, owenza izenzo ezininzi eKabhetseli,+ waxabela oonyana ababini baka-Ariyeli wakwaMowabhi; yaye yena mhla ngekhephu wehla waza waxabela ingonyama+ emhadini wamanzi.
23 Yayinguye lo waxabela indoda engumYiputa, indoda eyayinkulu ngokungaqhelekanga, eyayiziikubhite ezintlanu.+ Yaye esandleni somYiputa lowo kwakukho umkhonto+ onjengomqobo wabaluki; ukanti yena wehla waya kuye enentonga, wawuxhwila umkhonto esandleni somYiputa waza wambulala ngomkhonto wakhe.+
24 Wazenza ezi zinto uBhenaya unyana kaYehoyada, yaye waba negama phakathi kwamadoda amathathu anamandla.
25 Nangona wayebalasele nangaphezu kwamasumi lawo mathathu, akafikanga kuluhlu lwabaya bathathu bokuqala.+ Noko ke, uDavide wambeka waphatha ifanankosi lakhe.+
26 Ke kumadoda anamandla omkhosi wamajoni, kwakukho uAsaheli+ umntakwabo Yowabhi, uElihanan+ unyana kaDodo waseBhetelehem,
27 uShamoti+ umHarori, uHeletse umPeloni,+
28 uIra+ unyana kaIkeshe umTekowa, uAbhi-ezere umAnatoti,+
29 uSibhekayi+ umHusha, uIlayi umAhowa,+
30 uMaharayi+ umNetofa,+ uHeledi+ unyana kaBhahana umNetofa,
31 uItayi unyana kaRibhayi+ waseGibheya+ woonyana bakaBhenjamin,+ uBhenaya umPiratoni,+
32 uHurayi wasentlanjeni yaseGahashe,+ uAbhiyeli umArbha,
33 uAzimaveti umBhaharum,+ uEliyabha umShahalebhim,
34 oonyana bakaHashem umGizon, uYonatan+ unyana kaShage umHarari,
35 uAhiyam unyana kaSakare+ umHarari, uElifali+ unyana kaUre,
36 uHefere umMekera, uAhiya umPeloni,
37 uHetsero umKarmele,+ uNarayi unyana kaEzebheyi,
38 uYoweli umntakwabo Natan,+ uMibhare unyana kaHagri,
39 uTseleke umAmoni, uNaharayi umBheroti, umphathi wezikrweqe zikaYowabhi unyana kaTseruya,
40 uIra umItri, uGarebhe+ umItri,
41 u-Uriya+ umHiti,+ uZabhadi unyana ka-Ahalayi,
42 uAdina unyana kaShiza umRhubhen, intloko yamaRubhen, enamashumi amathathu;
43 uHanan unyana kaMahaka, noYoshafati umMiteni,
44 u-Uziya umAshterati, uShama noYeyeli, oonyana bakaHotam umArohere,
45 uYediyayeli unyana kaShimri, noYoha umntakwabo ongumTitsi,
46 uEliyeli umMahavi, noYeribhayi noYoshaviya oonyana bakaElnaham, noItema umMowabhi.
47 UEliyeli no-Obhedi noYahasiyeli umMetsobhaya.