1 Kronike 15:1-29
15 Waqhubeka ezakhela izindlu+ kwisiXeko sikaDavide; wahlabela mgama wayilungiselela indawo+ ityeya yoTHIXO oyinyaniso waza wayimisela intente.
2 Kungelo xesha awathi uDavide: “Akakho omele athwale ityeya yoTHIXO oyinyaniso ngaphandle kwabaLevi, kuba ngabo uYehova abanyulele ukuthwala ityeya kaYehova+ nokulungiselela+ kuye ukusa kwixesha elingenammiselo.”
3 Ngoko uDavide wamhlanganisela eYerusalem+ wonke uSirayeli ukuba azise ityeya+ kaYehova endaweni yayo awayeyilungiselele yona.
4 UDavide wahlanganisa oonyana baka-Aron+ nabaLevi;
5 koonyana bakaKohati, yayingu-Uriyeli+ intloko nabazalwana bakhe, belikhulu elinamashumi amabini;
6 koonyana bakaMerari,+ yayinguAsaya+ intloko nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini anamashumi amabini;
7 koonyana bakaGershom,+ yayinguYoweli+ intloko nabazalwana bakhe, belikhulu elinamashumi amathathu;
8 koonyana bakaElitsafan,+ yayinguShemaya+ intloko nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini;
9 koonyana bakaHebron, yayinguEliyeli intloko nabazalwana bakhe, bengamashumi asibhozo;
10 koonyana bakaUziyeli,+ yayinguAminadabhi intloko nabazalwana bakhe, belikhulu elineshumi elinesibini.
11 Ngaphezu koko, uDavide wabiza uTsadoki+ noAbhiyatare+ ababingeleli, nabaLevi u-Uriyeli,+ uAsaya+ noYoweli,+ uShemaya+ noEliyeli+ noAminadabhi,
12 Waza wahlabela mgama wathi kubo: “Niziintloko+ zooyise babaLevi. Zingcwaliseni,+ nina nabazalwana benu, nize ninyuse ityeya kaYehova uTHIXO kaSirayeli ize kwindawo endiyilungiselele yona.
13 Ngenxa yokuba kwisihlandlo sokuqala anenzanga njalo,+ wasityhobozela uYehova uThixo wethu,+ kuba asimfunanga ngokwesiko.”+
14 Bazingcwalisa+ ke ababingeleli nabaLevi ukuba bayinyuse ityeya kaYehova uTHIXO kaSirayeli.
15 Bandula oonyana babaLevi bayithwala+ emagxeni ngezibonda ityeya yoTHIXO oyinyaniso, kanye njengoko uMoses wayalelayo ngelizwi likaYehova.+
16 Ngoko uDavide wathi kwiintloko zabaLevi mazimise abazalwana bazo abaziimvumi+ nezixhobo zeengoma,+ imirhubhe+ neehadi+ namacangci,+ bazidlale ngokuvakalayo ukuze zenze isandi semihlali.
17 AbaLevi bamisa uHeman+ unyana kaYoweli yaye, kubazalwana bakhe uAsafu+ unyana kaBherekiya; nakoonyana bakaMerari abazalwana babo, uEtan+ unyana kaKushaya;
18 kunye nabo kwakukho abazalwana babo besahlulo sesibini,+ uZekariya,+ uBhen noYahaziyeli noShemiramoti noYehiyele noUni, uEliyabhi noBhenaya noMahaseya noMatitiya noElifelehu noMikeneya, no-Obhedi-edom+ noYeyeli abagcini-masango,
19 neemvumi uHeman,+ uAsafu+ noEtan, benamacangci obhedu ukuze bawakhalise ngokuvakalayo;+
20 noZekariya noAziyeli+ noShemiramoti noYehiyele noUni noEliyabhi noMahaseya noBhenaya benemirhubhe eyayivunyelaniswa nenowuthi ngokweAlamoti,+
21 noMatitiya+ noElifelehu noMikeneya no-Obhedi-edom noYeyeli noAzaziya beneehadi+ ezazivunyelaniswa nenowuthi ngokweSheminiti,+ ukuze basebenze njengabalathisi;
22 noKenaniya+ intloko yabaLevi ekuthwaleni, enikela umyalelo wokuthwala, kuba wayeyingcali;+
23 noBherekiya noElikana abagcini-masango+ eTyeya;
24 noShebhaniya noYoshafati noNetaneli noAmasayi noZekariya noBhenaya noEliyezere ababingeleli bekhalisa amaxilongo+ ngokuvakalayo ngaphambi kwetyeya yoTHIXO oyinyaniso, no-Obhedi-edom noYehiya abagcini-masango eTyeya.
25 UDavide+ namadoda amakhulu akwaSirayeli+ neentloko+ zamawaka ngabo ababehamba ukuze benyuse ityeya yomnqophiso kaYehova endlwini kaObhedi-edom+ benemihlali.+
26 Kwathi ke ekubancedeni+ kukaTHIXO oyinyaniso abaLevi ngoxa babethwele ityeya yomnqophiso kaYehova babingelela ngamathole eenkomo aziinkunzi asixhenxe neenkunzi zeegusha ezisixhenxe.+
27 UDavide wayambethe isambatho esingenamikhono selaphu elicikizekileyo, nabo bonke abaLevi ababethwele iTyeya neemvumi noKenaniya+ intloko yokuthwala kweemvumi;+ kodwa phezu kukaDavide kwakukho iefodi+ yelinen.
28 Yaye onke amaSirayeli ayenyusa ityeya yomnqophiso kaYehova ngemikhwazo yovuyo+ nesandi sesigodlo+ namaxilongo+ namacangci,+ edlala ngokuvakalayo imirhubhe neehadi.+
29 Kwathi ke, yakufika ityeya yomnqophiso+ kaYehova kwisiXeko sikaDavide, uMikali,+ intombi kaSawule, wakhangela phantsi ngefestile waza wabona uKumkani uDavide edloba ebhiyoza;+ yaye wamdelela+ entliziyweni yakhe.