1 Kronike 16:1-43
16 Ngoko bayingenisa ityeya yoTHIXO oyinyaniso+ baza bayibeka ngaphakathi ententeni uDavide awayeyimisele yona;+ baza basondeza amadini anyukayo nemibingelelo yobudlelane phambi koTHIXO oyinyaniso.+
2 Akugqiba uDavide ukunikela ngomnikelo otshiswayo+ nemibingelelo yobudlelane,+ waqhubeka wabasikelela+ abantu egameni likaYehova.+
3 Ngokubhekele phaya, wawahlulela+ onke amaSirayeli, indoda kwakunye nomfazi, ngamnye isonka esibusazinge neqebengwana ledatilisi neqebengwana lerasintyisi.
4 Wandula wabeka phambi kwetyeya kaYehova abathile kubaLevi+ njengabalungiseleli,+ ukuba bakhumbule+ yaye babulele,+ badumise+ uYehova uTHIXO kaSirayeli,
5 uAsafu+ intloko, owesibini kuye yayinguZekariya, noYeyeli noShemiramoti noYehiyele noMatitiya noEliyabhi noBhenaya noObhedi-edom noYeyeli,+ nezixhobo zohlobo lomrhubhe neehadi,+ noAsafu+ namacangci adlalwa ngokuvakalayo,+
6 noBhenaya noYahaziyeli ababingeleli ababekhalisa amaxilongo+ rhoqo phambi kwetyeya yomnqophiso kaTHIXO oyinyaniso.
7 Kwakungaloo mhla awathi uDavide wenza umnikelo+ okokuqala ukubulela+ uYehova esebenzisa uAsafu+ nabazalwana bakhe esithi:
8 “Bulelani kuYehova;+ bizani egameni lakhe,+Zaziseni phakathi kwezizwana izenzo zakhe!+
9 Mvumeleni,+ nimculele uncuthu lwengoma,+Zixhalabiseni ngezenzo zakhe zonke ezimangalisayo.+
10 Qhayisani ngegama+ lakhe elingcwele,+Mayibe nemihlali intliziyo yabo bamfunayo uYehova.+
11 Funani uYehova namandla akhe,+Funani ubuso bakhe rhoqo.+
12 Khumbulani izenzo zakhe ezimangalisayo azenzileyo,+Imimangaliso yakhe nezigwebo zomlomo wakhe,+
13 Owu nzala kaSirayeli umkhonzi wakhe,+Nina bonyana bakaYakobi, abanyuliweyo bakhe.+
14 Yena unguYehova uThixo wethu;+ izigwebo zakhe zisemhlabeni wonke.+
15 Wukhumbuleni umnqophiso wakhe ukusa kwixesha elingenammiselo,+Ilizwi elingumyalelo wakhe, ukusa kwizizukulwana eziliwaka,+
16 Mnqophiso lowo wawenza noAbraham,+Nesifungo sakhe kuIsake.+
17 Eso wasigcina simi njengommiselo kuYakobi,+Njengomnqophiso ohlala ngokungenammiselo kuSirayeli,+
18 Esithi, ‘Ndiya kukunika ilizwe laseKanan,+Njengesabelo selifa lakho.’+
19 Oku kwakunjalo xa nanimbalwa ngenani,+Ewe, nimbalwa kakhulu, yaye ningabaphambukeli kulo.+
20 Babehambahamba kwiintlanga ngeentlanga,+Besuka kobunye ubukumkani baye kwesinye isizwana.+
21 Akazange avumele nabani na ukuba abaqhathe,+Kodwa ngenxa yabo wohlwaya ookumkani,+
22 Esithi, ‘Musani ukubachukumisa abathanjisiweyo bam,Ningenzi okubi nakubaprofeti bam.’+
23 Mvumeleni uYehova, nonke nina basemhlabeni!+Yazisani ngosindiso alunikelayo imihla ngemihla!+
24 Balisani ngozuko lwakhe phakathi kweentlanga,Phakathi kwezizwana zonke izenzo zakhe ezimangalisayo.
25 Kuba mkhulu uYehova yaye ngowokudunyiswa kakhulu,+Yaye uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.+
26 Kuba bonke oothixo bezizwana ngoothixo abangenaxabiso.+Yena uYehova, wenze amazulu.+
27 Isidima nobungangamsha buphambi kwakhe,+Amandla novuyo endaweni yakhe.+
28 Nikelani kuYehova, nina zintsapho zezizwana,Nikelani kuYehova uzuko namandla.+
29 Nikelani kuYehova uzuko lwegama lakhe,+Thwalani isipho, nize phambi kwakhe.+Qubudani kuYehova nihombe ngobungcwele.+
30 Yibani sezintlungwini eziqatha ngenxa yakhe, nonke nina bantu basemhlabeni!Nelizwe elinemveliso limiselwe ngokuqinileyo:Alisayi kushukunyiswa.+
31 Makabe nemihlali amazulu, nomhlaba uvuye,+Mabathi phakathi kweentlanga, ‘UYehova ngukumkani!’+
32 Malududume ulwandle kwanoko kuluzalisileyo,+Mayigcobe intsimi nako konke okukuyo.+
33 Kwangaxeshanye ngenxa kaYehova imithi yehlathi mayimemelele ngovuyo,+Kuba uze kuwugweba umhlaba.+
34 Bulelani kuYehova, kuba ulungile,+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+
35 Yithini, ‘Sisindise, Thixo wosindiso lwethu,+Uze usiqokelele ndawonye usisindise ezintlangeni,+Ukuze sibulele igama lakho elingcwele,+ sithethe ngemigcobo indumiso yakho.+
36 Makabongwe uYehova uTHIXO kaSirayeli ukususela kwixesha elingenammiselo kuse kwixesha elingenammiselo.’”+
Yaye bonke abantu bathi, “Amen!” bamdumisa uYehova.+
37 Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova uAsafu+ nabazalwana bakhe ukuba balungiselele+ rhoqo phambi kweTyeya, ngokwemfuneko yosuku ngalunye;+
38 no-Obhedi-edom nabazalwana bakhe, ababengamashumi amathandathu anesibhozo, no-Obhedi-edom unyana kaYedutun noHosa njengabagcini-masango;
39 noTsadoki+ umbingeleli nabazalwana bakhe ababingeleli phambi komnquba kaYehova kwindawo ephakamileyo yaseGibheyon,+
40 ukuba banikele iminikelo etshiswayo eya kuYehova esibingelelweni somnikelo otshiswa rhoqo kusasa nangokuhlwa ngako konke okubhaliweyo emthethweni kaYehova awawubeka njengomyalelo phezu koSirayeli;+
41 babenoHeman+ noYedutun nawo onke amanye amadoda akhethiweyo awayetyunjwe+ ngamagama ukuba abulele kuYehova,+ ngenxa yokuba “ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo”;+
42 yaye babenoHeman+ noYedutun,+ ukuba bakhalise amaxilongo+ namacangci nezixhobo zengoma kaTHIXO oyinyaniso; noonyana+ bakaYedutun esangweni.
43 Bahamba bonke abantu ngamnye waya endlwini yakhe.+ Ngoko ke uDavide waya kusikelela indlu yakhe.