1 Kronike 5:1-26
5 Bona oonyana bakaRubhen+ izibulo likaSirayeli—kuba yayinguye izibulo;+ kodwa ngenxa yokuhlambela kwakhe isingqengqelo sikayise+ ilungelo lakhe lobuzibulo lanikwa oonyana bakaYosefu+ unyana kaSirayeli, ngoko akazange abhaliswe kumlibo wokuzalwa njengezibulo.
2 Kuba uYuda+ wazingqina ongamile phakathi kwabantakwabo, yaye yaphuma kuye inkokeli;+ kodwa ilungelo lobuzibulo laba lelikaYosefu+—
3 oonyana bakaRubhen izibulo likaSirayeli yayinguHanoki+ noPalu,+ uHetseron noKarmi.+
4 Oonyana bakaYoweli yayinguShemaya unyana wakhe, uGogi unyana wakhe, uShimeyi unyana wakhe,
5 uMika unyana wakhe, uRehaya unyana wakhe, uBhahali unyana wakhe,
6 uBheraha unyana wakhe, owathatyathelwa ekuthinjweni nguTilegati-pilenesere+ ukumkani waseAsiriya, nguye obesisikhulu samaRubhen.
7 Bona abantakwabo ngokweentsapho zabo ngokubhaliswa ngokomlibo+ wokuzalwa ngokweenzala zabo, intloko yayinguYeyeli, noZekariya,
8 noBhela unyana ka-Azazi unyana kaShema unyana kaYoweli+—owayehlala eArohere+ ukufikelela eNebho+ naseBhahali-meyon.+
9 Wahlala kwanasempuma ukufikelela ekungeneni entlango kuMlambo umEfrate,+ kuba imfuyo yabo yaba ninzi elizweni laseGiliyadi.+
10 Yaye ngemihla kaSawule balwa imfazwe namaHagri,+ awawa ngesandla sabo; yaye ngoko bahlala kwiintente zabo kulo lonke ilizwe elikwimpuma yeGiliyadi.
11 Ke bona oonyana bakaGadi+ ababephambi kwabo, babehlala kwilizwe laseBhashan+ ukufikelela eSaleka.+
12 UYoweli wayeyintloko, uShafam engowesibini, noYanayi noShafati eBhashan.
13 Yaye abantakwabo ababengabendlu yookhokho babo yayinguMikayeli noMeshulam noShebha noYorayi noYakan noZiya noEbhere, besixhenxe.
14 Aba yayingoonyana baka-Abhihali unyana kaHuri, unyana kaYarowa, unyana kaGiliyadi, unyana kaMikayeli, unyana kaYeshishayi, unyana kaYado, unyana kaBhuze;
15 uAhi unyana ka-Abhediyeli, unyana kaGuni, intloko yendlu yookhokho babo.
16 Baqhubeka behlala eGiliyadi,+ eBhashan+ nakwiidolophu eziphantsi kwayo+ nawo onke amadlelo aseSharon ukuya kufikelela esiphelweni sawo.
17 Bonke abo babhaliswa ngokwemilibo yabo yokuzalwa ngemihla kaYotham+ ukumkani wakwaYuda nangemihla kaYerobhoham+ ukumkani wakwaSirayeli.
18 Ke bona oonyana bakaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase; kubafo abangamakroti,+ amadoda aphatha ikhaka nekrele nagoba isaphetha naqeqeshelwe imfazwe, babengamashumi amane anesine amawaka anamakhulu asixhenxe anamashumi mathandathu ababephuma umkhosi.+
19 Balwa imfazwe namaHagri,+ noYeture+ noNafishi+ noNodabhi.
20 Bancediswa ekulweni nabo, ada amaHagri nabo bonke abo babekunye nawo banikelwa esandleni sabo, kuba bamemeza becela uncedo+ kuThixo emfazweni, waza wasabela kwisibongozo sabo ngenxa yokuba babekholose ngaye.+
21 Bayithimba imfuyo yabo,+ iinkamela zabo ezingamashumi amahlanu amawaka, nezimvu ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu amawaka, namaesile angamawaka amabini, nemiphefumlo engabantu elikhulu lamawaka.+
22 Kuba baninzi ababulawayo, ngenxa yokuba babelwelwa nguTHIXO oyinyaniso.+ Yaye baqhubeka behlala kwiindawo zabo de kwalixesha lokuthinjwa.+
23 Ke bona oonyana besiqingatha sesizwe sakwaManase,+ bahlala kwilizwe elisusela eBhashan+ ukusa eBhahali-hermon+ naseSenire+ naseNtabeni yeHermon.+ Bona ngokwabo baba baninzi.
24 Aba babeziintloko zendlu yookhokho babo: uEfere noIshi noEliyeli noAzriyeli noYeremiya noHodaviya noYadiyeli, amadoda angamakroti, abafo abanamandla, amadoda adumileyo, aziintloko zendlu yookhokho bawo.
25 Benza ngokungathembeki kuTHIXO wookhokho babo baza baba neentlobano zokuziphatha okubi+ noothixo+ bezizwana zelo zwe, awazibhubhisayo uThixo phambi kwabo.
26 Ke ngoko uTHIXO kaSirayeli waxhokonxa umoya+ kaPuli+ ukumkani waseAsiriya,+ wona kanye umoya kaTilegati-pilenesere+ ukumkani waseAsiriya, ukuze athabathele ekuthinjweni+ amaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wabasa eHala+ naseHabhore naseHara nakuMlambo iGozan kude kube namhla.