1 Yohane 2:1-29
2 Bantwana bam abancinane, ndinibhalela ezi zinto ukuze ningenzi sono.+ Ukanti, ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi+ kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa.+
2 Yena ungumbingelelo+ wokucamagushela+ izono zethu,+ kanti kungekhona ezethu+ kuphela kodwa kwanezehlabathi liphela.+
3 Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siqhubeke siyigcina imiyalelo yakhe.+
4 Lowo uthi: “Ndiyamazi,”+ kodwa angayigcini imiyalelo yakhe,+ ulixoki, yaye inyaniso ayikho kuloo mntu.+
5 Kodwa nabani na othi aligcine ilizwi lakhe,+ eneneni uthando lukaThixo lwenziwe lwagqibelela kuloo mntu.+ Yiyo ke leyo indlela esiya kwazi ngayo ukuba simanyene naye.+
6 Lowo uthi uhleli emanyene+ naye ubophelelekile ukuba naye ngokwakhe aqhubeke ehamba kanye njengoko yena lowo wahambayo.+
7 Zintanda, ndinibhalela, kungekhona umyalelo omtsha, kodwa umyalelo omdala+ lowo beninawo ukususela ekuqaleni.+ Lo myalelo mdala lilizwi enalivayo.
8 Kwakhona, ndinibhalela umyalelo omtsha, isibakala esiyinyaniso kwimeko yakhe nakweyenu, ngenxa yokuba ubumnyama+ buyadlula yaye ukukhanya kokwenyaniso+ sele kukhanya.
9 Lowo uthi usekukhanyeni, abe kodwa emthiyile+ umzalwana wakhe, usesebumnyameni nangoku.+
10 Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni,+ yaye akukho sikhubekiso kuye.+
11 Kodwa lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni yaye uhamba ebumnyameni,+ akazi nalapho aya khona,+ kuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe.
12 Ndiyanibhalela, bantwana abancinane, kuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe.+
13 Ndiyanibhalela, boyise, kuba niye nafikelela ekumazini lowo ukhoyo ukususela ekuqaleni.+ Ndiyanibhalela, bafana,+ kuba niye namoyisa lowo ungendawo.+ Ndiyanibhalela nani, bantwana baselula,+ kuba niye nafikelela ekumazini uBawo.+
14 Ndibhalela nina, boyise,+ ngenxa yokuba niye nafikelela ekumazini lowo ukhoyo ukususela ekuqaleni.+ Ndibhalela nina, bafana, ngenxa yokuba nomelele+ yaye ilizwi likaThixo lihleli kuni+ ibe niye namoyisa lowo ungendawo.+
15 Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini.+ Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye;+
16 kuba konke okusehlabathini+—inkanuko yenyama+ nenkanuko yamehlo+ nokuqhayisa ngezinto zobu bomi+—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.+
17 Ngapha koko, ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo,+ kodwa lowo wenza ukuthanda+ kukaThixo uhleli ngonaphakade.+
18 Bantwana abaselula, sekulilixa lokugqibela,+ yaye, kanye njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza,+ nangoku sebevele babaninzi abachasi-Kristu;+ nto leyo esenza sazi ukuba sekulilixa lokugqibela.
19 Bakreqa kuthi, kuba babengengabo abethu kakade;+ ukuba babengabethu, ngebabehleli kunye nathi.+ Kodwa bakreqa ukuze kubonakale ukuba asingabo bonke abangabethu.+
20 Kodwa ke nina niye nathanjiswa ngulowo ungcwele;+ ngoko ke nonke ninolwazi.+
21 Ndinibhalela, kungengakuba ningayazi inyaniso,+ kodwa ngenxa yokuba niyazi,+ nangenxa yokuba akukho buxoki buphuma enyanisweni.+
22 Ngubani na olixoki ukuba asinguye lowo ukhanyelayo ukuba uYesu unguKRISTU?+ Umntu onjalo ungumchasi-Kristu,+ okhanyela uBawo noNyana.+
23 Wonk’ ubani omkhanyelayo uNyana akanaye noBawo.+ Lowo umvumayo+ uNyana unaye noBawo.+
24 Ke nina, oko niye nakuva ukususela ekuqaleni makuhlale kuni.+ Ukuba oko niye nakuva ukususela ekuqaleni kuyahlala kuni, nani niya kuhlala nimanyene+ noNyana yaye nimanyene noBawo.+
25 Ngapha koko, into awasithembisa yona, bubomi obungunaphakade.+
26 Ezi zinto ndinibhalela mayela nabo bazama ukunilahlekisa.+
27 Ke nina, njengoko enithambisile,+ akukho mfuneko yokuba nifundiswe nangubani na;+ kodwa, ekubeni ngokunithambisa kwakhe enifundise zonke izinto,+ yaye imfundiso yakhe iyinyaniso+ ingebobuxoki, hlalani ke nimanyene+ naye.
28 Ngoko ke, bantwana abancinane,+ hlalani nimanyene+ naye, ukuze xa ebonakaliswa+ sibe nenkululeko yokuthetha+ size singahlaziswa simke kuye ebudeni bobukho bakhe.+
29 Ukuba niyazi ukuba yena ulilungisa,+ niya kwazi nokuba wonk’ ubani oqhelisela ubulungisa uzelwe nguye.+