2 Kumkani 23:1-37
23 Wandula ukumkani wathumela yaye kwahlanganiselwa kuye onke amadoda amakhulu akwaYuda nawaseYerusalem.+
2 Emva koko ukumkani wenyuka waya endlwini kaYehova, yaye onke amadoda akwaYuda nabo bonke abemi baseYerusalem babekunye naye, nababingeleli+ nabaprofeti nabo bonke abantu, ukususela komncinane kuse komkhulu;+ waza waqalisa ukufunda+ ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi+ yomnqophiso+ eyayifunyenwe endlwini kaYehova.+
3 Yaye ukumkani waqhubeka emi ecaleni kwentsika+ waza wenza umnqophiso+phambi koYehova, wokulandela+ uYehova nokugcina imiyalelo yakhe+ nezingqino+ zakhe nemimiselo yakhe+ ngentliziyo yonke+ nangomphefumlo wonke+ ngokuphumeza amazwi alo mnqophiso awayebhalwe kule ncwadi.+ Ngako oko bonke abantu bema emnqophisweni.+
4 Ukumkani wahlabela mgama wayalela uHilekiya+ umbingeleli omkhulu nababingeleli abakuluhlu lwesibini nabagcini-mnyango+ ukuba bakhuphe etempileni kaYehova zonke iimpahla ezazenzelwe uBhahali+ nesibonda esingcwele+ nawo wonke umkhosi wamazulu.+ Wandula ke wazitshisela ngaphandle kweYerusalem kwintsimi yaseKidron,+ waza uthuli lwazo waluzisa eBheteli.+
5 Wabasusa emsebenzini ababingeleli boothixo basemzini, abo babebekwe ngookumkani bakwaYuda ukuze baqhumise umbingelelo kwiindawo eziphakamileyo kwizixeko zakwaYuda nakwimimandla engqonge iYerusalem, nabo babeqhumisa umbingelelo kuBhahali,+ elangeni nasenyangeni nakumakroza ezulu nakuwo wonke umkhosi wamazulu.+
6 Ngaphezu koko, wasikhupha isibonda esingcwele+ endlwini kaYehova wasisa kummandla ongaphandle kweYerusalem, entlanjeni yaseKidron, waza wasitshisela+ kwintlambo yaseKidron, wasisila saluthuli yaye uthuli lwaso waluphosa kwindawo yokungcwaba+ oonyana babantu.
7 Ngaphezu koko, wazidiliza izindlu zamahenyu+ asetempileni ezazisendlwini kaYehova, apho abafazi babesalukela khona iintente zesibonda esingcwele.
8 Waza wezisa bonke ababingeleli bevela kwizixeko zakwaYuda, ukuze iindawo eziphakamileyo azenze zingalufanelekeli unqulo apho ababingeleli babeqhumisela umbingelelo khona, ukusuka eGebha+ ukuya kufikelela eBher-shebha;+ yaye wazidiliza iindawo eziphakamileyo zamasango ezo zazisesangweni likaYoshuwa, intloko yesixeko, ezazisekhohlo kumntu ongena esangweni lesixeko.
9 Kuphela nje ababingeleli+ beendawo eziphakamileyo babengenyuki beze esibingelelweni sikaYehova eYerusalem, kodwa babewadla amaqebengwana angenagwele+ phakathi kwabazalwana babo.
10 ITofete+ wayenza ayalufanelekela unqulo, leyo ingakwintlambo yoonyana bakaHinom,+ ukuze kungabikho bani udlulisa emlilweni+ kuMoleki+ unyana wakhe okanye intombi yakhe.
11 Ngaphezu koko amahashe ookumkani bakwaYuda ababewanikele elangeni, wawayekisa ukungena endlwini kaYehova ngegumbi lokudlela+ likaNatan-meleki igosa lenkundla, elaliseverandeni; yaye iinqwelo zelanga+ wazitshisa ngomlilo.
12 Yaye izibingelelo ezaziphezu kophahla lwegumbi eliseluphahleni+ lika-Ahazi ezazenziwe ngookumkani bakwaYuda, nezibingelelo+ ezazenziwe nguManase kwiintendelezo ezimbini zendlu kaYehova, ukumkani wazidiliza, emva koko wazityumzela apho, waza uthuli lwazo waluphosa kwintlambo yeKidron.
13 Iindawo eziphakamileyo ezaziphambi+ kweYerusalem, ezazingasekunene kweNtaba yoKonakala, ezo uSolomon+ ukumkani wakwaSirayeli wayezakhele uAshtoreti+ into elizothe yamaSidon noKemoshe+ into elizothe yakwaMowabhi noMilkom+ into ecekisekayo yoonyana baka-Amoni, ukumkani wazenza azalufanelekela unqulo.
14 Wazaphula+ zaziingceba iintsika ezingcwele, wazigawula nezibonda ezingcwele waza iindawo zazo wazizalisa ngamathambo abantu.
15 Isibingelelo esasiseBheteli,+ indawo ephakamileyo eyayenziwe nguYerobhoham+ unyana kaNebhati, owonisa uSirayeli,+ kwaneso sibingelelo nendawo ephakamileyo, wazidiliza. Wandula ke wayitshisa indawo ephakamileyo; wayisila yaluthuli waza wasitshisa isibonda esingcwele.
16 Akujika uYosiya, wabona iindawo zokungcwaba ezazisentabeni. Ngoko wathumela waza wawathabatha amathambo kwiindawo zokungcwaba, wawatshisa+ phezu kwesibingelelo, ukuze asenze singalufanelekeli unqulo, ngokwelizwi likaYehova+ elalibhengezwe yindoda yoTHIXO oyinyaniso, eyabhengeza+ ezi zinto.
17 Wandula wathi: “Lelantoni na elaa litye lengcwaba ndilibonayo?” Amadoda esixeko athi kuye: “Yindawo yokungcwaba+ yendoda yoTHIXO oyinyaniso eyayivela kwaYuda+ neyabhengeza ezi zinto uzenzileyo nxamnye nesibingelelo saseBheteli.”+
18 Ngoko wathi: “Mayiphumle.+ Makungabikho nabani na ophazamisa amathambo ayo.” Ngenxa yoko bawayeka amathambo ayo kunye namathambo omprofeti+ owayevela eSamariya.
19 UYosiya wazishenxisa zonke izindlu+ zeendawo eziphakamileyo ezazikwizixeko+ zaseSamariya ezo zazakhiwe ngookumkani+ bakwaSirayeli ngenjongo yokucaphukisa,+ wenza kuzo ngokwendlela awayenze ngayo eBheteli.+
20 Ngako oko wababingelela bonke ababingeleli+ beendawo eziphakamileyo ababephezu kwezibingelelo waza wawatshisela phezu kwazo amathambo abantu.+ Emva koko wabuyela eYerusalem.
21 Ke kaloku ukumkani wayalela bonke abantu, esithi: “Yenzani ipasika+ kuYehova uThixo wenu ngokuvisisana noko kubhalwe kule ncwadi yomnqophiso.”+
22 Kuba akukho pasika enjengale eyakha yenziwa ukususela kwimihla yabagwebi ababegweba kwaSirayeli,+ nangemihla yonke yookumkani bakwaSirayeli nookumkani bakwaYuda.+
23 Kodwa ngonyaka weshumi elinesibhozo kaKumkani uYosiya le pasika yenziwa kuYehova eYerusalem.+
24 UYosiya wabatshayela abaneshologu+ nabaxeli-ziganeko kwangaphambili abaziinkunkqele+ nemilonde-khaya+ nezithixo ezinezothe+ nazo zonke izinto ezilizothe+ ezazibonakala kwilizwe lakwaYuda naseYerusalem, ukuze awaphumeze amazwi omthetho+ awayebhalwe encwadini+ eyayifunyenwe nguHilekiya umbingeleli endlwini kaYehova.+
25 Phambi kwakhe akuzange kubekho kumkani unjengaye owabuyela+ kuYehova ngentliziyo yakhe yonke nangomphefumlo+ wakhe wonke nangamandla akhe onke, ngokuvisisana nawo wonke umthetho kaMoses; nasemva kwakhe akuzange kuvele unjengaye.
26 Noko ke, uYehova akazange ajike ekuvutheni komsindo wakhe, umsindo wakhe owavutha kuYuda+ ngazo zonke izinto ezicaphukisayo ezo uManase wamcaphukisa ngazo.+
27 Kodwa uYehova wathi: “NoYuda+ ndiya kumshenxisa phambi kwam,+ kanye njengoko ndimshenxisile uSirayeli;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kusigatya esi sixeko ndisinyulileyo, yona kanye iYerusalem, nendlu endithe ngayo, ‘Igama lam liya kuqhubeka lilapho.’”+
28 Ke eminye imicimbi kaYosiya nako konke awakwenzayo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
29 Ngemihla yakhe uFaro Neko+ ukumkani waseYiputa weza kukumkani waseAsiriya ngakuMlambo umEfrate,+ yaye uKumkani uYosiya waya kumhlangabeza;+ kodwa kamsinya akumbona wambulalela+ eMegido.+
30 Ngoko abakhonzi bakhe bamhambisa ngenqwelo efile ukusuka eMegido baza bamzisa eYerusalem,+ bamngcwaba engcwabeni lakhe. Bandula abantu belo lizwe bathabatha uYehowahazi+ unyana kaYosiya baza bamthambisa bamenza ukumkani esikhundleni sikayise.
31 UYehowahazi+ wayeneminyaka engamashumi amabini anesithathu ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem iinyanga ezintathu. Igama likanina lalinguHamutali+ intombi kaYeremiya waseLibhena.
32 Yaye wenza okubi emehlweni kaYehova, konke oko kwenziwa ngookhokho bakhe.+
33 Yaye uFaro Neko+ wamfaka imixokelelwane+ eRibhela+ ezweni laseHamati, ukuze angalawuli eYerusalem, waza ilizwe walihlawulisa+ iitalente zesilivere ezilikhulu+ netalente yegolide.+
34 Ngaphezu koko, uFaro Neko wenza uEliyakim+ unyana kaYosiya ukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise waza walitshintsha igama lakhe languYehoyakim; yena uYehowahazi wamthabatha wamzisa eYiputa, apho wafela khona ekugqibeleni.+
35 UYehoyakim wamnika uFaro isilivere+ negolide. Kuphela nje ilizwe walirhafisa,+ ukuze anikele ngesilivere ngokomyalelo kaFaro. Wabiza isilivere negolide ebantwini belizwe ngokomlinganiselo werhafu yakhe ngamnye,+ ukuze ayinike uFaro Neko.
36 UYehoyakim+ wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem iminyaka elishumi elinanye.+ Igama likanina lalinguZebhida intombi kaPedaya waseRuma.
37 Yaye waqhubeka esenza okubi+ emehlweni kaYehova, konke oko kwenziwa ngookhokho bakhe.+